YouVersion Logo
Search Icon

1 YOOKUMKANI 5

5
Amalungiselelo okwakha indlu kaThixo
(2 Gan 2:1-18)
1Ke kaloku ukumkani uHiram waseTire akuva ukuba uSolomon uthanjisiwe wangena esikhundleni sikaDavide, wathumela oonozaku-zaku bakhe kuSolomon, kuba kaloku kwakusoloko kukho unxibelelwano lobuhlobo phakathi kwakhe noDavide. 2Nanku ke umyalezo owathunyelwa nguSolomon kuHiram: 3“Kaloku nawe uyazi ukuba ngenxa yeemfazwe awazilwa zivela ngenxa zonke ubawo uDavide akazange abe nako ukwakhela igama *likaNdikhoyo uThixo wakhe indlu, de abe uNdikhoyo uzibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba zakhe. 4Kambe ke ngoku mna uNdikhoyo uThixo wam undithe jize ngenzolo macal' onke; andinazintshaba nazithwakumbe. 5Ngoko ke ndizimisele ukulakhela indlu igama likaNdikhoyo uThixo wam, njengoko uNdikhoyo watshoyo kubawo uDavide. Kaloku wathi: ‘Ngunyana wakho, endiya kumngenisa esihlalweni sakho, oya kulakhela indlu igama lam.’ 6Ngoko ke wena nceda uyalele ndigawulelwe imisedare eLebhanon. Amadoda am aya kusebenzisana nawakho kulo msebenzi, ndize ke mna amadoda akho ndiwahlawule loo mvuzo uwumisileyo. Kaloku nawe uyazi ukuba abam abasebenzi abanabo ubuchule obunjengobo bamaSidon ekugawuleni imithi.”
7Akulufumana ke olu daba uHiram wavuya kakhulu, wathi: “Namhlanje makabongwe uNdikhoyo, kuba kaloku uDavide umnike isilumko sonyana ukuze asilawule esi sizwe sikhulu kangaka.” 8Ke uHiram wathumela kuSolomon esithi: “Umyalezo wakho ndiwufumene, ndaye ke ndiza kwenza njengokuthetha kwakho, ndikugawulele imisedare nemipayini. 9Amadoda am aya kuyithoba eLebhanon, ayise elwandle, aze ke ayenze iinyanda, ayidadise, ayise kuloo ndawo ufuna ibe kuyo. Aya kuyikhulula ke, uze wena uyithathe umke nayo. Nto oya kuyenza ke wena kukuxhasa ikomkhulu eli ngokutya.” 10Ngale ndlela ke uHiram waxhasa uSolomon ngayo yonke imisedare nezibonda zompayini awayezifuna. 11Ke yena uSolomon waxhasa uHiram ngokutya minyaka le: amashumi amabini eetoni zengqolowa, nesine samakhulu amawaka eelitha zamafutha omnquma acwengileyo. 12Ngokwesithembiso sakhe ke uNdikhoyo uSolomon wamthi jize ngobulumko. Kwabakho uxolo phakathi koHiram noSolomon, baza ke benza umnqophiso.
13Ukumkani uSolomon wavelisa umsebenzi wonyanzelo kuSirayeli ephela, waza ke wagaya amadoda angamashumi amathathu amawaka. 14Wawafaka abolekisana ukuya eLebhanon, ngenyanga nganye kuye ishumi lamawaka. Ngoko ke ayeba semsebenzini inyanga yonke, aze ahlale zibe mbini ekhaya. Ingqwayi-ngqwayi yabo basebenzi ke yayinguAdoniram. 15USolomon wayenamashumi asixhenxe amawaka amadoda okuthwala imithwalo, enamashumi asibhozo amawaka abaqingqi bamatye phaya ezintabeni. 16Kanti ke wayenamashumi amathathu anantathu amakhulu eenduna ezazivelele loo msebenzi, ziphethe abasebenzi. 17Ukumkani wabayalela ukuba bembe amatye omeleleyo, bawaqingqe, ukuze ngawo kwenziwe isiseko sendlu kaThixo. 18Iingcibi zikaSolomon noHiram namadoda aseGebhali zawalungisa zawaqingqa amatye nemithi yokwakha indlu kaThixo.

Currently Selected:

1 YOOKUMKANI 5: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy