YouVersion Logo
Search Icon

1 YOOKUMKANI 2

2
Umyolelo kaDavide
1Lithe lakufika ixesha lokunduluka kukaDavide emhlabeni, wamyalela unyana wakhe uSolomon wathi: 2“Mna sendiza kuwushiya umhlaba. Ngoko ke wena yomelela ngokwendoda, 3ungaphazami ukuhamba ngokwesimiso *sikaNdikhoyo uThixo wakho. Hamba endleleni yakhe, uyithobele imimiselo nemithetho yakhe, nayo yonke imigaqo nemiqathango ayimisileyo, njengoko yabhalwayo emthethweni kaMosis. Xa usenjenjalo ke, uya kuba nenkqubela kuyo yonke into oyenzayo, uphumelele naphi na apho ukhoyo. 4Ke yena uNdikhoyo wosifezekisa isithembiso sakhe kum. Kaloku yena wathi: ‘Ukuba izizukulwana zakho zithe zaziphatha ngendlela efanelekileyo, zanyaniseka, zathembeka kum ngentliziyo yonke nangomphefumlo wonke, ngenene soze ingabikho indoda yendlu yakho kwisihlalo solawulo lwakwaSirayeli.’
5“Ngoku ke, mfo wam, uyayazi into awandenza yona uJowabhi unyana kaZeruya, nditsho into awayenzayo kwiinjengele ezimbini zomkhosi kaSirayeli, uAbhinere unyana kaNere noAmasa unyana kaYetere. Kaloku wababulala, waliphalaza igazi labo ngexesha loxolo, kwanga kusemfazweni, wayidyobha ngalo ibhanti eyayisesinqeni sakhe neembadada ezazisezinyaweni zakhe. 6Into omawuyenze kuye wozibonela ngokobulumko bakho, kodwa uze ungamyeki afe ngenxa yokwaluphala, aze aye engcwabeni enoxolo.
7“Kodwa ke uze wenze ngezibele koonyana bakaBhazilayi waseGiliyadi. Bona mababe phakathi kwâbo batya kunye nawe esithebeni sakho. Kaloku babengakum ngokuya ndandibaleka umntakwenu uAbhasalom. 8Uze ungamlibali uShimeyi unyana kaGera, umBhenjamin waseBhawurim, lowa wandishwabulela endiqalekisa kabuhlungu mhla ndandisiya eMahanayim. Wathi akuhla endihlangabeza eJordan, ndafunga uNdikhoyo ndathi andisayi kumbulala ngekrele. 9Kodwa ke ngoku uze ungamthathi njengongenatyala. Kaloku wena ungumfo onobulumko, ngoko ke akuyi kuxakwa yinto onokuyenza kuye. Mse engcwabeni izimvi zakhe zinegazi.”
Ukufa kukaDavide
10Ke kaloku uDavide waya kuphumla kunye nooyise-mkhulu, waza wafihlwa kwisixeko sikaDavide. 11KwaSirayeli walawula iminyaka engamashumi amane. Yaba yiminyaka esixhenxe eHebron, yangamashumi mathathu anantathu eJerusalem. 12USolomon ke wangena esihlalweni sikayise uDavide, lwaza ulawulo lwakhe lwazinza.
Ukufa kuka-Adoniya
13Ke kaloku uAdoniya, unyana kaHagiti, waya kuBhashebha, unina kaSolomon. Ke yena uBhasheba wathi: “Ngaba uza ngoxolo na?”
UAdoniya waphendula wathi: “Ewe, ndiza ngoxolo.” 14Waphinda wathi: “Kukho into endifuna ukuyithetha kuwe.”
UBhashebha wathi: “Kulungile; thetha.”
15Waqhuba uAdoniya wathi: “Njengoko usazi ulawulo yayilolwam, uSirayeli wonke ekhangele kum njengokumkani wakhe. Kodwa izinto zajika, ulawulo lwajika lwawela kumntakwethu uSolomon; nto leyo ke yamiselwa *nguNdikhoyo. 16Kambe ke ngoku ndinasicelo sinye endifuna ukusenza kuwe; uze uncede ungasikhabi.”
UBhashebha waphendula wathi: “Kulungile; thetha ndive.”
17Waqhuba ke wathi: “Khawuncede uthethe nokumkani uSolomon; akanakwala kuwe. Ndifuna andinike uAbhishagi, intombi yomShunemi, abe ngumfazi wam.”
18UBhashebha ke wathi: “Kulungile; ndiya kukuthethela kukumkani.”
19UBhashebha ke waya kukumkani uSolomon, esiya kuthethelela uAdoniya. Akumbona ke ukumkani, waphakama wamhlangabeza, wakhahlela, waza ke wachopha esihlalweni sakhe. Wathi makuziwe nesihlalo, ukuze ahlale kuso unina, waza ke wamhlalisa ngasekunene kwakhe. 20UBhashebha ke wathi: “Ndinesicelo esinye endifuna ukusenza kuwe; uze ungalanduli.”
Ukumkani waphendula wathi: “Thetha, mama; andiyi kulandula.”
21Waqhuba ke wathi: “Kunganjani xa uAbhishagi umShunemikazi enikelwa kumntakwenu uAdoniya abe ngumkakhe?”
22Ukumkani uSolomon uphendule unina wathi: “Ngani ukuba uAbhishagi umShunemikazi umfunele uAdoniya? Kungcono umcelele obu bukumkani buphela – andithi kaloku yena ngumkhuluwa – abe yena exhaswa ngumbingeleli uAbhiyatare noJowabhi unyana kaZeruya!”
23Ukumkani uSolomon wafunga uNdikhoyo wathi: “Makandohlwaye uThixo nokuba kuqatha kangakanani na, ukuba uAdoniya akafanga ngenxa yeli lizwi. 24Ewe, ekho nje uNdikhoyo, lo undimiseleyo ndazinza kwisihlalo sikabawo uDavide, yena lo undenzele umlibo ngokwesithembiso sakhe, inene namhlanje uza kufa uAdoniya!” 25Ke ukumkani uSolomon wayalela uBhenaya unyana kaJoyada, waza wamgwaza uAdoniya, wafa.
Ukugxothwa kuka-Abhiyatare nokufa kukaJowabhi
26Ukumkani ke wathi kumbingeleli uAbhiyatare: “Wena ke phindela emasimini akho eAnatoti. Ufanelwe kukufa, kambe ke andiyi kukubulala kwangoku, kuba yayithwalwa nguwe ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo uThixo ngexesha likabawo uDavide, futhi wawuzithwele kunye nobawo iimbandezelo zakhe. ” 27Ngoko ke uSolomon wamkhiqa uAbhiyatare kububingeleli, ezalisekisa ilizwi awalithethayo uNdikhoyo eShilo malunga nendlu kaEli.
28Akuziva ezi ndaba uJowabhi – kaloku naye wayekho kwiyelenqe lika-Adoniya, nangona wayengekho kwelika-Abhasalom – suka ke yena wabalekela *esibingelelweni sikaNdikhoyo, waya kubambelela ngeempondo zeqonga lamadini. 29Waxelelwa ke uSolomon ukuba nanko uJowabhi ebaleke waya kubambelela ngeempondo zeqonga lamadini esibingelelweni sikaNdikhoyo. Wasuka wathuma uBhenaya unyana kaJoyada esithi: “Yiya umgwaze!”
30UBhenaya ke waya esibingelelweni sikaNdikhoyo, wafika wathi kuJowabhi: “Ukumkani uthi: ‘Phuma apha!’ ”
Kambe ke yena waphendula wathi: “Andiphumi; ndiya kufela apha.”
UBhenaya ke waya kubika olo daba kukumkani, wathi: “UJowabhi uthetha ngolu hlobo; ewe, wenjenje ukuphendula.”
31Ukumkani ke wathi kuBhenaya: “Yiya kuye, wenze njengokuthetha kwakhe. Mosele umngcwabe, ukuze mna nendlu kabawo sahlukane nobutyala ngegazi awaliphalazayo. 32Kaloku yena wahlasela amadoda amabini wawabulala engadibananga nobawo uDavide. Omabini loo madoda, uAbhinere unyana kaNere, injengele yomkhosi wakwaSirayeli, kunye noAmasa unyana kaYetere, injengele yomkhosi wakwaJuda, ewe, omabini la madoda ayengcono enyanisekile kunaye. 33Igazi labo malihlale phezu koJowabhi nezizukulwana zakhe naphakade, kambe ke kuDavide nezizukulwana zakhe, indlu yakhe nobukhosi bakhe, makuphumle uxolo lukaNdikhoyo ngonaphakade.”
34Ngenene ke uBhenaya unyana kaJoyada waya wafika wamosela uJowabhi, waza ke wangcwatyelwa kumhlaba wakhe entlango. 35Ke ukumkani wamisela uBhenaya unyana kaJoyada wayinjengele yomkhosi esikhundleni sikaJowabhi, waza endaweni ka-Abhiyatare wafaka umbingeleli uZadoki.
36Waza ke ukumkani wathumela kuShimeyi wathi: “Zakhele indlu eJerusalem, uhlale kuyo, ungaze uphume khona uye naphi na. 37Mhla waphuma wayiwela le ntili yeKedron, uze wazi ukuba ufile, kambe ke igazi lakho loba phezu kwentloko yakho.”
38UShimeyi uphendule ngelithi kukumkani: “Uthethe kakuhle, mhlekazi. Isicaka sakho siya kuyenza loo nto uyithethileyo, nkosi yam kumkani.” Ngenene ke uShimeyi wahlala eJerusalem ithuba elide.
39Ke kaloku emva kweminyaka emithathu amakhoboka amabini kaShimeyi abalekela kuAkishe unyana kaMahaka ukumkani waseGati, waza ke uShimeyi waxelelwa kwathiwa: “Uyabona, amakhoboka akho aseGati.”
40Akuyiva ke le nto, wabopha idonki yakhe, waya kuAkishe eGati, efuna loo makhoboka. Ke uShimeyi wawafumana apho eGati amakhoboka lawo, wabuya nawo. 41Waxelelwa ke uSolomon ukuba uShimeyi uphume eJerusalem waya eGati, waza waphinda wabuya. 42Ukumkani ke wambiza uShimeyi, wathi kuye: “Kanene ndandingakufungisanga uNdikhoyo na ndikulumkisa ndisithi: ‘Mhla waphuma usiya naphi na ngaphandle, uze wazi ukuba ufile’? Ndathi ndakutsho kuwe wena waphendula usithi: ‘Uthethe kakuhle mhlekazi; ndiya kukuthobela.’ 43Ngani ke ngoku ukuba ungasifezekisi isibhambathiso sakho kuNdikhoyo, uwuthobele nomyalelo wam?”
44Waqhuba ukumkani wathi kuShimeyi: “Uyazazi kakuhle entliziyweni yakho zonke izinto ezimbi owazenzayo kubawo uDavide. Ngoku uNdikhoyo uza kukubuyekeza ngobugwenxa bakho. 45Kambe ke yena ukumkani uSolomon uya kuthamsanqeleka, nesihlalo sikaDavide sohlala siluqilima phambi koNdikhoyo kude kube ngunaphakade.”
46Ke ukumkani wayalela uBhenaya unyana kaJoyada, waza ke wamgwaza uShimeyi, wafa.
Kwesi sithuba ke ulawulo lwaluseluzinzile luluqilima esandleni sikaSolomon.

Currently Selected:

1 YOOKUMKANI 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy