YouVersion Logo
Search Icon

1 YOOKUMKANI 16

16
1Ke kaloku uYehu unyana kaHanani wafikelwa lilizwi *likaNdikhoyo ngokubhekiselele kuBhayesha. Lalisithi: 2“Ndakuphakamisa eluthulini, ndakwenza inkokheli yabantu bam amaSirayeli. Kambe ke wena suka wangena ekhondweni likaJerobhowam, wabalukuhlela esonweni abantu bam amaSirayeli. Ezo zono ke ziwuxhokonxile umsindo wam. 3Ngoko ke ngoku ndiza kumsusa uBhayesha kunye nendlu yakhe. Ewe, ndokufanisa nendlu kaJerobhowam unyana kaNebhati. 4AbakwaBhayesha abafela ezixekweni botyiwa zizinja, ke bona abafela emaphandleni boxhwithwa ziintaka.”
5Ezinye iziganeko mayela nolawulo lukaBhayesha nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli. 6UBhayesha waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa eTirza. Esikhundleni sakhe ke kwangena unyana wakhe uEla.
7Into eyezisa eli lizwi likaNdikhoyo ngomlomo kaYehu unyana kaHanani mayela noBhayesha nendlu yakhe, kungenxa yobubi awabenzayo nemikhwa eyamcaphukisayo uNdikhoyo, nokuhamba kwakhe ekhondweni likaJerobhowam, nokutshabalalisa indlu yakhe.
UEla ngukumkani wakwaSirayeli
8Kwathi ngonyaka wamashumi amabini anesithandathu uAsa engukumkani wakwaJuda, uEla unyana kaBhayesha waqalisa ukulawula kwaSirayeli, waza walawula eTirza iminyaka emibini.
9Elinye lamaphakathi akhe uZimri wamenzela iyelenqe. Eli phakathi lalilawula isiqingatha seenqwelo zemfazwe. Ngeli thuba ke uEla wayelibele kukunxila kwa-Arza eTirza. UArza lo ke wayengumlawuli apho komkhulu eTirza. 10UZimri wangena wambetha wambulala, xa kanye uAsa akunyaka wamashumi amabini anesixhenxe engukumkani kwaJuda. Waza ke wathatha indawo yakhe.
11Uthe ke uZimri akungena ezintanjeni wayingenela wayibulala indlu kaBhayesha iphela. Wabulala akashiya duna, nditsho isizalwana nesihlobo. 12Ewe, uZimri wayitshabalalisa yonke indlu kaBhayesha ngokomlomo kaNdikhoyo ethetha ngomshumayeli uYehu ngokubhekiselele kuBhayesha. 13Le nto ke wayenza ngenxa yezono ezenziwa nguBhayesha nonyana wakhe uEla, nangenxa yokuba uSirayeli bamlukuhlela esonweni, ngeso senzo ke bamxhokonxa uNdikhoyo, waza wakhathazeka uNdikhoyo uThixo kaSirayeli yimifanekiso yabo ephuthileyo yezithixo.
14Ezinye zeziganeko zolawulo lukaEla, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.
UZimri ngukumkani wakwaSirayeli
15Ngonyaka wamashumi amabini anesixhenxe uAsa engukumkani wakwaJuda, uZimri walawula eTirza iintsuku ezisixhenxe. Umkhosi wawumi ngakwidolophu yamaFilistiya iGibheton. 16Athi akuva amaSirayeli asemkhosini ukuba uZimri wenzele ukumkani iyelenqe wambulala, ammisela uOmri, owayeyinjengele yomkhosi, wangukumkani kwangaloo mini phezu koSirayeli ephela. 17Ke uOmri nawo onke amaSirayeli ahlehla eGibheton, aza angqinga iTirza. 18Uthe akuqonda uZimri ukuba isixeko sihlaselwe, wasuka waya enqabeni yakomkhulu, waza walintumeka umlilo ikomkhulu elo, naye wafela apho. 19Le nto yenzeka ngenxa yezono awazenzayo esona *uNdikhoyo, ehamba ekhondweni likaJerobhowam nezono awazenzayo nokulukuhlela kwakhe amaSirayeli esonweni.
20Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaZimri kunye novukelo lwakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.
UOmri ngukumkani wakwaSirayeli
21Kwesi sithuba ke amaSirayeli ahlukana kubini, elinye iqela lifuna uTibheni unyana kaGinati abe ngukumkani, laye elinye lixhasa uOmri. 22Ke abalandeli bakaOmri baboyisa abo bakaTibheni unyana kaGinati. Ke yena uTibheni wafa, waza ke uOmri wangukumkani.
23Ke kaloku ngonyaka wamashumi amathathu ananye uAsa engukumkani kwaJuda, uOmri waba ngukumkani kwaSirayeli, waza ke walawula iminyaka elishumi elinambini, emithandathu eseTirza. 24Wathenga induli yaseSamariya kuShemere ngamawaka amathandathu eengqekembe zesiliva, waza ke wakha isixeko apho kuyo, wasibiza ngokuba yiSamariya, igama likaShemere umnini waloo nduli kumaxesha angaphambili.
25Kambe ke uOmri lo wabalasela ukona kuNdikhoyo kunabo bonke ababengaphambi kwakhe. 26Wathatha ikhondo likaJerobhowam unyana kaNebhati, wenza kwaeso sono sakhe, walukuhlela amaSirayeli kuso. Ngaloo mifanekiso iphuthileyo yezithixo wawuxhokonxa umsindo kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli.
27Ezinye ke iziganeko zolawulo lukaOmri, imisebenzi ndawonye nemizabalazo yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli. 28UOmri ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa eSamariya, esikhundleni sakhe ke kwangena uAhabhi unyana wakhe wangukumkani.
UAhabhi ngukumkani wakwaSirayeli
29Ngonyaka wamashumi amathathu anesibhozo wokulawula kuka-Asa kwaJuda, uAhabhi waba ngukumkani wakwaSirayeli, waza walawula iminyaka emashumi mabini anambini kwaSirayeli eSamariya. 30UAhabhi unyana kaOmri wathi kratya ngobubi *kuNdikhoyo kunabo bonke ababengaphambi kwakhe. 31Akanelanga nje ukwenza izono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, kodwa wongeza nangokuthatha uJezebhele intombi kaEtibhali ukumkani wamaSidon, waza ke wangena ekunquleni uBhali. 32Wenzela uBhali iqonga lamadini kwisibingelelo awamakhela sona eSamariya. 33UAhabhi wamisela isibonda esifanekisa uAshera, waza ngokwenjenjalo wawuxhokonxa umsindo kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli, nto leyo yamenza wabalasela ekuqumbiseni uNdikhoyo kunabo bonke ookumkani bakwaSirayeli ababengaphambi kwakhe.
34Ngexesha lika-Ahabhi uHiyeli waseBhetele waphinda wayivusa iJeriko. Iziseko zayo zamenza walahlekelwa ngunyana wakhe wamazibulo uAbhiram, kanti ke xa amisa amasango ayo walahlekelwa ngunyana wakhe omnci uSegubhi. Yonke loo nto yenzeka ngokomlomo kaNdikhoyo kuYoshuwa unyana kaNune.

Currently Selected:

1 YOOKUMKANI 16: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy