YouVersion Logo
Search Icon

1 YOOKUMKANI 15

15
UAbhiya ukumkani wakwaJuda
(2 Gan 13:1 – 14:1)
1Ke kaloku ngonyaka weshumi elinesibhozo wolawulo lukaJerobhowam unyana kaNebhati, uAbhiya waba ngukumkani wakwaJuda, 2waza ke walawula eJerusalem iminyaka emithathu. Unina yayinguMahaka intombi ka-Abhasalom.
3Naye wathatha ikhondo likayise, wenza kwaezo zono wayezenzile. Zange ayinikezele ngokupheleleyo intliziyo yakhe *kuNdikhoyo uThixo wakhe njengokuba yena uDavide uyise-mkhulu wenjenjalo. 4Kambe ke ngenxa kaDavide, uNdikhoyo uThixo wakhe wambekela ihlumelo eJerusalem ngokumvelisela unyana wokuthatha indawo yakhe, kananjalo nangokuyizinzisa iJerusalem. 5Kaloku uDavide yena wayenyanisekile ekuthobeleni uNdikhoyo, engagqwidizi ekwenzeni imithetho kaNdikhoyo ngayo yonke imihla yobomi bakhe, ngaphandle nje kwalaa mbandela kaUriya umHiti.
6Yaba luzenge-zenge lwemfazwe phakathi kukaRehobhowam noJerobhowam ngayo yonke imihla ka-Abhiya. 7Ezinye zeziganeko zokulawula kuka-Abhiya, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.
Kwakusoloko kukho imfazwe phakathi kuka-Abhiya noJerobhowam. 8Ke uAbhiya waya kuphumla kooyise, waza ke wangcwatywa kwisixeko sikaDavide, unyana wakhe uAsa wathatha indawo yakhe wangukumkani.
UAsa ukumkani wakwaJuda
(2 Gan 15:16 – 16:6)
9Ngonyaka wamashumi amabini uJerobhowam elawula kwaSirayeli, ukumkani uAsa waqalisa ukulawula kwaJuda, 10waza walawula iminyaka emashumi mane nanye. Unina-khulu yayinguMahaka intombi ka-Abhasalom.
11Ke kaloku uAsa yena waxelisa uyise-mkhulu uDavide, wathobela *uNdikhoyo, 12wazidenda izibingelelo zamahenyu angamadoda kumhlaba wakhe, wayisusa nemifanekiso ezizithixo eyayenziwe ngooyise. 13Wamkhiqa unina-khulu uMahaka kwisikhundla sokuba ngukumkanikazi; kaloku yena wayenze isikizi eliyintsika ka-Ashera. UAsa wayigawula loo ntsika, waza wayitshisa kwintili yeKedron. 14Nangona engazitshitshisanga iindawo eziphakamileyo zonqulo, noko uAsa wayenqula uNdikhoyo ngomxhelo wakhe wonke bonke ubomi bakhe. 15Wayizisa endlwini kaNdikhoyo isiliva negolide nenye impahla yonqulo, leyo yena noyise babeyenze umnikelo.
16Ke kaloku kwakusoloko kuyimfazwe phakathi kuka-Asa noBhayesha ukumkani wakwaSirayeli ngalo lonke ixesha lokulawula kwabo. 17Ukumkani uBhayesha waya kwaJuda, wafika wayingqinga iRama, wavala akwabi nakungena nakuphuma mntu kummandla ka-Asa ukumkani wakwaJuda.
18Ke uAsa wayithatha isiliva negolide eyayishiyeke koovimba bendlu kaNdikhoyo nakwabo bebhotwe lakhe, wayinikezela kumagosa akhe, wayithumela kuBhenadadi unyana kaTabrimon unyana kaHeziyon ukumkani wakwa-Aram owayelawula eDamasko. 19Wathi kuye: “Makubekho umnqophiso phakathi kwam nawe, nanjengokuba wawukhona phakathi kukabawo noyihlo. Nâso isipho endikunika sona: igolide nesiliva. Wuqhawule ke umnqophiso ophakathi kwakho noBhayesha ukumkani wakwaSirayeli, khon' ukuze andiyeke.”
20UBhenadadi ke wavumelana nokumkani uAsa, waza wathumela iingqwayi-ngqwayi zomkhosi wakhe zaya kuhlasela iidolophu zakwaSirayeli, wayoyisa i-Iyon, nesixeko sakwaDan, neAbhele-bhete-mahaka, neKineroti iphela, kunye nelizwe lonke lakwaNafetali. 21Akuyiva le nto uBhayesha wayeka ukwakha engqinga iRama, wahlehlela eTirza. 22Ke kaloku ukumkani uAsa wanika umyalelo kuJuda ephela, wathi wonke umntu makathathe loo matye naloo mithi yayisetyenziswa ngoBhayesha engqinga iRama. Ngezo zinto ukumkani uAsa wakha iGebha kwaBhenjamin kunye neMizpa.
23Ke ezinye zeziganeko zolawulo luka-Asa nayo yonke imizabalazo yakhe esebenza esakha nezixeko, nâzo kwincwadi yeembali zookumkani bakwaJuda. Kambe ke wathi akuba mdala waba nesifo seenyawo. 24Ke uAsa waya kuphumla kooyise, waza wangcwatyelwa phakathi kwabo kwisixeko sikayise-mkhulu uDavide. UYoshafati unyana wakhe wathatha indawo yakhe wangukumkani.
UNadabhi ukumkani wakwaSirayeli
25Ke kaloku uNadabhi unyana kaJerobhowam waba ngukumkani kwaSirayeli kunyaka wesibini kakumkani uAsa wakwaJuda. Ke yena walawula iminyaka emibini kwaSirayeli. 26UNadabhi wamona *uNdikhoyo, wahamba ekhondweni likayise ngeso sono walukuhlela kuso amaSirayeli.
27UBhayesha unyana ka-Ahiya wendlu kaIsakare wamenzela iyelenqe, waza wambetha wafa eGibheton, idolophu yamaFilistiya, xa yena uNadabhi noSirayeli ephela babeyingqingile. 28UBhayesha ke wabulala uNadabhi kunyaka wesithathu kakumkani uAsa wakwaJuda, waza ke wangena ezihlangwini zakhe.
29Uthe akuphatha wayingenela wayibulala yonke indlu kaJerobhowam. Ewe, akashiyanga nalo mnye osaphefumlayo umntu apha kwaJerobhowam. Wabatshabalalisa bonke ngokomlomo kaNdikhoyo ngesicaka sakhe uAhiya waseShilo. 30Le nto yenzeka kuba uJerobhowam wôna, waza kananjalo walukuhlela uSirayeli esonweni, nto leyo ke yamcaphukisayo uNdikhoyo uThixo kaSirayeli.
31Ezinye zeziganeko zolawulo lukaNadabhi nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli. 32Ngalo lonke ithuba lolawulo lwabo kwaba soloko kukho imfazwe phakathi kuka-Asa noBhayesha ukumkani wakwaSirayeli.
UBhayesha ukumkani wakwaSirayeli
33Ngonyaka wesithathu kakumkani uAsa kwelakwaJuda, uBhayesha unyana ka-Ahiya waba ngukumkani wakwaSirayeli eTirza, waza ke walawula iminyaka emashumi mabini anesine. 34Ke yena wamona uNdikhoyo, ehamba ekhondweni likaJerobhowam nakweso sono wawalukuhlela kuso amaSirayeli.

Currently Selected:

1 YOOKUMKANI 15: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy