YouVersion Logo
Search Icon

1 KAYOHANE 2

2
UKrestu ummeli wethu
1Ndinibhalela nje, bantwana bam, ndifuna niyeke ukona. Kambe ke xa kukho umntu othe wona ukhona ummeli wethu kuBawo, nditsho uYesu Krestu olilungisa. 2Ewe, kaloku nguye idini elicamagushela izono zethu. Phofu akacamagusheli ezethu kuphela, koko ucamagushela ezehlabathi liphela. 3Into ebonakalisa ukuba siyazana noThixo kukuba siyithobele imiyalelo yakhe. 4Umntu othi uyazana naye, abe kodwa engayithobeli imiyalelo yakhe, uyaxoka; ukude nenyaniso. 5Kambe ke yena olithobelayo ilizwi lakhe, uthando lukaThixo luyondelelene kuye. Nantsi ke into ecacisa ukuba simanyene noThixo: 6Lowo uthi umanyene naye makaziphathe ngohlobo awayeziphethe ngalo uYesu Krestu.
Umyalelo omtsha
7Zihlobo zam ezithandekayo, lo myalelo ndinibhalela wona awumtsha, mdala; ngulowa nawunikwayo kwasekuqalekeni. Lo myalelo mdala ke ludaba eseniluvile. 8Ewe kambe, lo myalelo ndinibhalela wona mtsha; ubunyani bawo bubonakaliswa nini nanguYesu Krestu. Kaloku ubumnyama buyadlula; ke okona kukhanya sekuvelile.
9Umntu othi usekukhanyeni, abe kodwa emthiyile uwabo, usesebumnyameni unangoku. 10Kodwa yena umntu omthandayo uwabo, uhlala ekukhanyeni; yaye akukho nto ikhubekisayo kuye. 11Kambe yena umntu omthiyileyo uwabo usebumnyameni, uyamfamzela; akazi nalapho aya khona, kuba ubumnyama bummfamekisile.
12Ndiyanibhalela, bantwana bam, kuba kaloku izono zenu zixolelwe ngenxa kaKrestu. 13Ndiyanibhalela nani, boyise, kuba kaloku niyamazi lowo wayekho kwasekuqalekeni. Ngokunjalo ndiyanibhalela nani, lutsha, kuba nimoyisile umtyholi.
14Bantwana, ndinibhalela nje, kungoba niyamazi uBawo. Boyise, ndinibhalela nje, kungenxa yokuba nimazi lowo wayekho kwasekuqalekeni. Lutsha, ndiyanibhalela kuba kaloku nina nomelele, nelizwi likaThixo linifukamele, ibe ke nomtyholi nimoyisile.
15Musani ukulithanda ihlabathi, nezinto zalo ngokunjalo. Nabani na olithandayo eli hlabathi akazani nothando lukaThixo. 16Kaloku zonke izinto zeli hlabathi – iinkanuko zesimo esonakeleyo, ukubawa, namagugu obu bomi – aziveli kuThixo, koko zizinto zeli hlabathi. 17Ihlabathi nazo zonke izinto ezinqwenelwa ngabantu zezomzuzwana, ziyadlula, kodwa yena owenza ukuthanda kukaThixo uya kuhlala ehleli.
Umchasi-Krestu
18Bantwana bam, isiphelo sisemnyango! Kaloku nanivile ukuba umchasi-Krestu uyeza. Nangoku ke sebevele babaninzi abamchasayo uKrestu. Yiloo nto ke esenza siqonde ukuba isiphelo sisemnyango. 19Aba bantu bakreqa apha kuthi, kuba babengekho ngakuthi kakade; kaloku ukuba babengakuthi ngebabengakreqanga. Ke kaloku basishiyile, khon' ukuze kucace ukuba babengengabo abethu ncam.
20Kodwa ke nina uKrestu unithambise ngoMoya oyiNgcwele; ngoko ke nonke ninolwazi. 21Ndinibhalela nje ke akungakuba ningayazi inyaniso; hayi, kungenxa yokuba niyazi, futhi ke niqonda ukuba ubuxoki abuveli enyanisweni.
22Ngaba ngubani ixoki xa ingenguye lowo uphikayo ukuba uYesu unguKrestu? Umntu onjalo ungumchasi kaKrestu. Akamvumi uYise kwanoNyana. 23Kaloku omphikayo uNyana uyamphika kwanoYise; ukanti ke omamkelayo uNyana umamkele noYise.
24Ngoko ke olo daba naluvayo kwasekuqaleni lugcineni ezintliziyweni zenu. Ukuba ke olo daba naluvayo kwasekuqaleni luhleli kuni, nani niya kusoloko nimanyene noNyana ngokunjalo noYise. 25Into awayesithembise yona ke uKrestu bubomi obungunaphakade.
26Ndinibhalela ezi zinto mayela nabo banikhohlisayo. 27Kodwa ke nina uKrestu unithambise ngoMoya oyiNgcwele. Ngalo lonke ixesha uMoya wakhe ehleli kuni anidingi kufundiswa mntu. Kaloku uMoya uyanifundisa yonke into, ibe ke imfundiso yakhe ayibobuxoki, yinyani. Ngoko ke yithobeleni imfundiso kaMoya, nize nihlale nimanyene noKrestu.
Abantwana bakaThixo
28Ewe, bantwana bam, hlalani nimanyene noKrestu ukuze sibe nesibindi akuvela; ngokunjalo singabi naziintloni ngeMini yokufika kwakhe. 29Niyazi ukuba uKrestu ulilungisa; ngokunjalo ke qondani ukuba nawuphi na umntu owenza okulungileyo ungumntwana kaThixo.

Currently Selected:

1 KAYOHANE 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy