YouVersion Logo
Search Icon

1 KWABASEKORINTE 6

6
Ukumangalelana kwamakholwa
1Xa kukho umntu phakathi kwenu onento afuna ukumangalela omnye ngayo, angathini ukusuka aye kummangalela enkundleni, ukuze ityala lakhe lithethwe ngabangengomakholwa? Kutheni le nto angalisi kumakholwa nje ityala lakhe? 2Anazi na ukuba amakholwa aya kuligweba ihlabathi? Ukuba ke ihlabathi liya kugwetywa nini, ningathini ke ukuxakwa kukuthetha nawona mancinci amatyala? 3Thina siya kugweba nkqu nezithunywa zezulu, singathini ukuxakwa kukugweba izinto zobu bomi? 4Ningathini ke ukusuka niye ematyaleni ngezinto zobu bomi, ukuze amatyala enu athethwe ngabantu abangento ebandleni? 5Niyazihlazisa ke khona! Ngaba akukho nasinye na isilumko phakathi kwenu esinokuwalamla amakholwa? 6Phofu ke lingathini ikholwa ukusuka limangalelane nekholwa enkundleni yabangakholwayo?
7Iyimposiso enkulu kambe kwainto yokuba nibe nemicimbi enimangalelana ngayo. Ngekungcono ukuba benivuma ukuba noniwe; ngekungcono ukuba benivuma ukuba niqhathwe. 8Kodwa, nina nisuka none okanye nibaqhathe abanye, nangona bengamawenu! 9Anazi na ukuba abakhohlakeleyo abayi kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo? Musani ukulahlekiswa: abarheletyi, nabakhonza izithixo, nabakrexezayo, nabafebayo, nabangamadoda alalanayo, 10nabangamasela, nababawayo, nabangamanxila, nabathukayo, nabazizikrelemnqa, abanakubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo. 11Kanti abanye kuni babenjalo kanye, kodwa nahlanjwa, nenziwa imilowo, naba ngamalungisa phambi koThixo ngenxa yegama leNkosi uYesu nangoMoya kaThixo wethu.
Dumisani uThixo ngemizimba yenu
12Ubani unokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum.” Ewe, kunjalo, kodwa azikulungelanga zonke. Nam bendinokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum;” kodwa ngekhe ndinikezele ukuze ndilawulwe nayiyiphi na into. 13Omnye unokuthi: “Ukutya kokwesisu, nesisu sesokutya.” Ewe, kunjalo, kodwa uThixo wokutshabalalisa kokubini. Ke wona umzimba asingowokurheletya, ngoweNkosi; nayo iNkosi yeyomzimba. 14UThixo ke owayivusayo kwabafileyo iNkosi, uya kusivusa nathi ngamandla akhe.
15Anazi na ukuba imizimba yenu ngamalungu omzimba kaKrestu? Ngaba ndinokuthi ke ndiwathathe amalungu kaKrestu ndiwenze amalungu esifebe? Unotshe! 16Ngaba anazi na ukuba ozimanya nesifebe umzimba mnye naso? Kaloku *iziBhalo zithi: “Abo babini boba mzimba mnye.” 17Ke ozimanye neNkosi umoya mnye nayo.
18Kucezeleni ukurheletya. Ezinye izono umntu anokuzenza aziwungcolisi umzimba, kodwa yena umrheletyi wona umzimba wakhe. 19Anazi na ukuba imizimba yenu yindlu kaMoya oyiNgcwele, ahlala kuyo, evela kuThixo? Kaloku aningobenu; 20ningabakaThixo owanithenga ngexabiso elikhulu. Mdumiseni ke uThixo ngemizimba yenu.

Currently Selected:

1 KWABASEKORINTE 6: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy