YouVersion Logo
Search Icon

1 KWABASEKORINTE 14

14
Izipho zoMoya oyiNgcwele kwakhona
1Ngoko ke langazelelani uthando, ningaziyeki phofu nezinye izipho zoMoya, ingakumbi isiphiwo sokushumayela. 2Yena othetha ngeelwimi, uthetha noThixo, akabhekisi mntwini, kuba akukho bani uyiqondayo le nto ayithethayo. Kaloku ngamandla kaMoya oyiNgcwele uthetha izinto ezibanqabeleyo abantu. 3Kodwa yena oshumayelayo uthetha nabantu; uyabakha, uyabakhuthaza ebathuthuzela. 4Lowo uthetha ngeelwimi, uzakha yena siqu; kodwa yena oshumayelayo wakha ibandla liphela.
5Bendingathandayo ukuba nithethe iilwimi xa ninonke, kodwa eyona nto ingaphezulu kukuba nibe nesiphiwo sokushumayela nonke. Lowo ushumayelayo ungaphezulu kwalowo uthetha ngeelwimi, ngaphandle kokuba lowo uthetha ngeelwimi uyatolikelwa, ukuze kwakheke ibandla liphela. 6Mawethu, kunganinceda ntoni ukuba ndithi xa ndifikile apho kuni ndithethe ngeelwimi? Nento le – ngaphandle kokuba ndiniphathele isityhilelo esivela kuThixo, ulwazi oluthile, okanye udaba olunefuthe likaMoya, kungenjalo imfundiso. 7Nasengomeni izinto ezinjengoomaxilongo noozikatala zikhala ngokwahlukeneyo. Okanye xa kungenjalo ngubani ongayilandelayo ingoma ukuba azikhali ngokucacileyo? 8Khona, ukuba ngaba umkhalisi-sigodlo akasikhalisanga ngokucacileyo, ngubani owoyixhobela imfazwe? 9Kwangaloo ndlela ke, loqondakala njani udaba eniluthethayo ngeelwimi xa ngaba alucacanga? Nakanjani na olu daba luya kuphephetheka nomoya! 10Nakuba kukho iilwimi ngeelwimi apha emhlabeni, akukho nalunye olungenantsingiselo. 11Ukuba ke andilwazi ulwimi oluthethwayo, lowo uluthethayo uya kuba yintlanga kum, nam ndibe yintlanga kuye. 12Njengokuba nikulangazelela nje ukuba nazo iziphiwo zoMoya, zamani ukubalasela kwezo zilakhayo ibandla. 13Umntu othetha ngeelwimi makathandazele ukufumana isiphiwo sokuzicacisa. 14Kuba xa ndithandaza ngeelwimi umoya wam uhamba nam, kodwa yona ingqiqo ayithathi nxaxheba. 15Mandithini ke? Mandithandaze ndawonye nomoya wam, kodwa ndithandaze ngengqiqo; mandimemelele ngomoya, futhi ndimemelele ngengqiqo. 16Ukuba udumisa uThixo usemoyeni, ke yena umntu nje okunye nawe, angatsho njani ukuthi: “*Amen,” kuloo mbulelo wakho? Akanandlela yakuthatha nxaxheba, kuba kaloku akeva. 17Nangona wona umthandazo wakho uvakala kuThixo, awuloncedo komnye umntu.
18Ndiyambulela uThixo kuba mna iilwimi ndizithetha ngaphezu kwenu nonke. 19Kodwa enkonzweni ndikhetha ukuthetha nokuba ngambalwa amazwi aqondakalayo, ukuze abanye bafunde, kunokuba ndenze umlembelele wento engaviwayo ndithetha iilwimi.
20Izimvo zenu mazingabi zezobuntwana, mawethu. Yibani ngabantwana kambe kwizinto eziphathelele ebubini, kodwa iingcinga zenu zona mazivuthwe. 21Kaloku *eziBhalweni kuthiwa:
“ ‘Ndiya kuthetha kwaba bantu ngabantu abantetho yimbi,’ itsho iNkosi.
‘Ndiya kuthetha ngeelwimi zasemzini,
kunjalo nje abayi kundiva.’ ”
22Ngoko ke isiphiwo sokuthetha iilwimi sikholo ukuba sibe ngumqondiso kwabangakholwayo, ingekuko kwabakholwayo. Ke sona isiphiwo sokushumayela singumqondiso kwabakholwayo, ingekuko kwabangakholwayo.
23Xa lihlangene ke ibandla, waza ulowo nalowo wasuka wathetha iilwimi, kwaza kwathi kusenjalo kwafika abanye abangayiqondiyo le nto okanye abangengomakholwa, abayi kuthi niphambene? 24Kodwa ukuba niyashumayela nonke, kuze kufike umntu nje ozihambelayo okanye umntu ongelokholwa, loo mntu uya kuziva echukumiseka ngenxa yelizwi alivayo. Onke amazwi awevayo aya kumgweba, 25ziphengululwe iingcinga zakhe ezifihlakeleyo, agobe amadolo amnqule uThixo, evuma ukuba ngenene uThixo ukho phakathi kwenu.
Inkqubo yebandla
26Lilonke ke, mawethu, ndithi: Ukuba nihlangene ngeenjongo zokunqula, yiphanani inxaxheba; omnye makathathe iculo, omnye imfundiso, wumbi avakalise isityhilelo esivela kuThixo, aze omnye ashumayele ngeelwimi, ngokunjalo ke omnye makatolike loo nto ithethwayo. Yonke into eniyenzayo mayilakhe ibandla. 27Ukuba nithetha ngeelwimi mababe babini okanye bangagqithi esithathwini abathethayo; nalapho ke makuthethe abe mnye ngexesha, aze ke omnye abatolikele. 28Kodwa ke, ukuba akukho bani ungatolikayo, lowo ubethanda ukuthetha ngeelwimi ebhekisa ebandleni makaseyeka, azithethele noThixo ngaphakathi. 29Ababini nabathathu bangashumayela, abanye ke bona betyise loo nto ithethwayo. 30Kodwa ukuba omnye kwabahleli phantsi uziva enodaba angaluthethayo, lo umileyo makahlale phantsi. 31Kaloku kungcono ninikane izithuba xa nishumayelayo, ukuze xa lilonke ibandla lifumane imfundiso nenkuthazo. 32Lowo ushumayelayo makazibambe, hleze ifuthe analo liyone intshumayelo, 33kuba uThixo lo ngowenzolo, akangowombhodamo.
Njengakuwo onke amabandla abantu bakaThixo, 34amakhosikazi makazole ezintlanganisweni. Akuvumelekanga ukuba ashumayele. Ngoko ke makalulamele umyalelo womthetho. 35Ukuba kukho into afuna ukuyiqonda makayibuze kubayeni bawo emakhaya. Kaloku ilihlazo into yokuba inkosikazi ithethe entlanganisweni yebandla.
36Ngaba ke ilizwi likaThixo laqala kuni? Okanye ngaba nini kuphela abantu elifikeleleyo kubo ilizwi likaThixo? 37Nabani na ozicingela ukuba ungumshumayeli okanye unesiphiwo soMoya, makaqonde ukuba le nto ndiyibhalayo inomnwe weNkosi. 38Ukuba akayamkeli le mfundiso, naye akamkelwa nguThixo.
39Ngoko ke, mawethu, kulangazeleleni ukushumayela, kodwa ningakuthinteli ukuthetha ngeelwimi. 40Yonke into mayenziwe ngolungelelwano nangocwangco.

Currently Selected:

1 KWABASEKORINTE 14: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy