YouVersion Logo
Search Icon

1 KWABASEKORINTE 12

12
Izipho ezivela kuMoya oyiNgcwele
1Malunga nezipho zoMoya oyiNgcwele kukho izinto endifuna ukunicacisela zona, mawethu. 2Niyazi ukuba ngokuya nanisengabahedeni nanilawulwa niphuphuthekiswa zizithixo ezizizidenge. 3Ngoko ke yiqondeni into yokuba akukho bani ukhokelwa nguMoya kaThixo unokuthi: “Uqalekisiwe uYesu,” futhi kungekho bani unokuvuma ukuba: “UYesu uyiNkosi,” engakhokelwa nguMoya oyiNgcwele.
4Kukho iintlobo ngeentlobo zeziphiwo, kodwa zivela kuMoya omnye. 5Kukho iintlobo ngeentlobo zemisebenzi, kodwa kusetyenzelwa iNkosi enye. 6Kukho iintlobo-ntlobo zeziphiwo zamandla okusebenza, kodwa xa zizonke zivela kuThixo, ikwanguye nozabela ulowo nalowo. 7Kuthi sonke ngabanye uMoya uzibonakalisa ngendlela ethile, enenjongo yokuba sakhane. 8Umntu othile uMoya umnika ubulumko, aze omnye amnike ukwazi. 9Kwalo Moya mnye omnye umnika inzondelelo, aze omnye amnike amandla okuphilisa. 10Omnye umntu uMoya umnika amandla okwenza imiqondiso, aze omnye amnike amandla okushumayela, wumbi amnike ubuchule bokucalula oomoya. Omnye umnika isiphiwo sokuthetha iilwimi, aze omnye amnike isiphiwo sokutolika. 11Kodwa ngulo Moya mnye owenza yonke le nto; umntu ngamnye umnika isipho esahlukileyo ngokubona kwakhe.
Umzimba unamalungu amaninzi
12UKrestu unjengomzimba, wona unamalungu amaninzi, kodwa ube wona umnye. 13Ngokunjalo nathi sonke, nokuba singamaJuda okanye amaGrike, nokuba singamakhoboka okanye singabakhululekileyo, sabhaptizelwa mzimbeni mnye, nguMoya omnye; futhi sasezwa kwaloo Moya mnye.
14Kaloku umzimba lo awulolungu linye, ungamalungu amaninzi. 15Nokuba unyawo belungáthi: “Kaloku mna andisosandla, ngoko ke andingowomzimba,” loo nto ibingayi kulwenza unyawo lungabi lolungu lomzimba. 16Nokuba indlebe ibingasuka ithi: “Ngenxa yokuba mna ndingelilo iliso, ngoko ke andingowawo umzimba,” loo nto ibingayi kuyenza ingabi lilo ilungu lomzimba indlebe. 17Ukuba ke wonke umzimba ubuliliso ngesisiva njani? Khona ukuba ubuyindlebe wonke, ngesijoja njani? 18Kodwa ke uThixo udale amalungu ahlukeneyo emzimbeni ngokuthanda kwakhe. 19Ukuba amalungu onke ebelilungu elinye qha, ibingàyi kuba ngumzimba loo nto. 20Kambe ke inje le nto: nakuba amalungu emaninzi nje, umzimba wona mnye.
21Ngoko ke iliso alinakuthi esandleni: “Andikufuni nganto;” ingenakutsho nentloko ezinyaweni ukuthi: “Andinifuni nganto.” 22Kusuka kuthi awona malungu angathi abuthathaka, ibe ngawona kanye singenakwenza nto engekho; 23aze wona loo malungu angawona adelekileyo, ibe ngawo kanye esiwambathisa ngokunonelela; aze amalungu ahlonitshwayo ibe ngawona acoselelwayo ukunakekelwa, 24nto leyo ingeyomfuneko kumalungu afanelekileyo. UThixo umzimba uwakhe ngohlobo lokuba amalungu adelekileyo ibe ngawona ahlonitshwayo. 25Ngoko ke akukho kubukulana emzimbeni – asuka amalungu onke ilelo linyamekele elinye. 26Xa sukuba elinye lisifa, onke amanye amalungu avelana nalo; kuthi lakunikwa imbeko, onke amanye avuyisane nalo.
27Ningumzimba kaKrestu ke xa ninonke nina; elowo kuni lilungu laloo mzimba. 28UThixo ebandleni lakhe unocwangco: Kuqala *ngabathunywa, kulandele *abashumayeli, kuze abefundisi; emva kwabo ibe ngabenza imiqondiso, ibe ngabanegunya lokuphilisa, abancedisi, abakhokeli, nabathetha iilwimi. 29Àbangobathunywa bonke aba, bengengobashumayeli bonke, bengengabo nabefundisi bonke. Asingabo bonke abanegunya lemiqondiso, 30ingengabo bonke nabanegunya lokuphilisa, bengathethi zilwimi bonke, bengatoliki bonke. 31Ke kaloku langazelelani ezona zipho zibalaseleyo.
Uthando
Ngaphezu koko, nantsi ke eyona ndlela izigqwesa zonke:

Currently Selected:

1 KWABASEKORINTE 12: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy