YouVersion Logo
Search Icon

1 KWABASEKORINTE 11

11
1Hambani ekhondweni lam, njengoko mna ndihamba ekhondweni likaKrestu.
Ukugquma intloko enkonzweni
2Ndiyanincoma ngokusoloko nindikhumbula, nizigcina nezithethe endininike zona. 3Kambe ke ndifuna nicacelwe kukuba njengoko uKrestu ongamele indoda nganye, yindoda eyongamele umkayo, nanjengoko uKrestu onganyelwe nguThixo. 4Ngoko ke indoda ethandazayo okanye eshumayelayo enkonzweni ithwele into entloko, iyamhlaza uKrestu. 5Kwaye nawuphi na umfazi othandazayo okanye oshumayelayo enkonzweni, engathwele nto entloko, uyayihlaza indoda yakhe; loo mfazi akahluke nganto kumfazi onenkqayi! 6Ukuba akathwali nto, makasuke agugule intloko kube kanye. Njengoko kulihlazo ukuba umntu obhinqileyo achetywe okanye abe nenkqayi, umfazi ke makathwale. 7Akukho mfuneko yokuba ithwale indoda, kuba ibonakalisa umfanekiso nesidima sikaThixo. Umfazi ke liqhayiya lendoda yakhe. 8Kaloku asiyondoda eyathathwa emfazini, ngumfazi owathathwa endodeni ukudalwa kwakhe. 9Asiyondoda eyadalwa ngenxa yomfazi, ngumfazi owadalwa ngenxa yendoda. 10Ngoko ke, ngenxa yokuhlonela imilowo yakwaThixo umfazi makathwale. 11Kanti ke akukho namnye ungaxhomekekanga komnye kwabo badlelana noKrestu; indoda ixhomekeke emfazini, nomfazi endodeni. 12Nanjengokuba kaloku umfazi wathathwa endodeni, ngokunjalo ke nendoda izalwa ngumfazi, yaye ke bobabini bavela kuThixo owadala zonke izinto.
13Zahluleleni ngokwenu ke! Kufanelekile na ukuba umntu obhinqileyo athandaze enkonzweni engathwele nto entloko? 14Indalo ngokwayo yalatha ukuba zilihlazo endodeni iinwele ezinde; 15kodwa zilibhongo lomntu obhinqileyo. Kaloku wazinikwa iinwele ezinde ukuze zimgqume. 16Kodwa ke ukuba kukho ofuna ukuwuphika lo mbandela, ndingasuka ndithi, mna kwanalo ibandla likaThixo, akukho siko limbi sinalo thina enkonzweni.
Isidlo seNkosi
(Mat 26:26-29; Marko 14:22-25; Luka 22:14-20)
17Nantsi indawo endingenakunincoma ngayo: ezintlanganisweni zenu anihlanganeli kwakhana, koko nisuka none. 18Ndawo yokuqala, ndivile ukuba kwezi nkonzo zenu nahluka-hlukene, ibe ke ndiyaqonda ukuba loo nto ngahle ibe injalo. 19(Kambe yona iyantlukwano ilindelekile, ukuze kucace abo basendleleni nabo banxaxhayo.) 20Ukuhlangana kwenu enkonzweni anihlanganeli kwenza umthendeleko weNkosi 21kuba omnye uzityela yedwa, baze abanye basale belambile ngeli lixa abanye benxila. 22Aninamakhaya apho ningatya nisele khona? Mhlawumbi ngaba nilidelile ibandla likaThixo, nihlaza abo basweleyo nje? Nilindele ukuba ndithini ngale nto? Ngaba nilindele ukuba ndinincome? Nakanye!
23Kaloku le mfundiso ndaninika yona, mna ndayamkela kuyo iNkosi: Le yokuba iNkosi uYesu ngobusuku eyanikelwa ngabo yathatha isonka, 24yabulela yasiqhekeza, yathi: “Ngumzimba wam lo; thathani. Ze nenjenje ke ukundikhumbula.” 25Kwangokunjalo yayithatha nayo indebe emva kokuba kutyiwe, yathi: “Le ndebe ingumnqophiso omtsha osungulwa ngokuphalala kwegazi lam. Ngamaxesha onke niyisela mayinikhumbuze ngam.” 26Kuba kaloku ngamaxesha onke nisitya esi sonka, niyisela le ndebe, nivakalisa ukufa kweNkosi, ide ibuye.
27Ngoko ke lowo usityayo esi sonka, ayisele indebe yeNkosi, engafanelekanga, woba netyala ngomzimba negazi leNkosi. 28Makazicikide ke ngoko ngokwakhe umntu, aze ke asitye isonka eso, ayisele nendebe leyo; 29kuba lowo utyayo asele, uzityela aziselele umgwebo ukuba akawuphicothi ngokufanelekileyo umzimba weNkosi. 30Lo ngunobangela wokuba babe baninzi phakathi kwenu ababuthathaka nabayimilwelwe, ngokunjalo nasebefile. 31Ukuba besizicikida ngeba asigwetywa; 32kodwa ke sisohlwaywa nje, siyaqeqeshwa yiNkosi, ukuze singagwetywa kunye nehlabathi.
33Ngoko ke, mawethu, xa nihlangana esidlweni seNkosi lindanani. 34Ukuba kukho olambileyo, makaqale atye ekhaya, ukuze ukuhlangana kwenu kunganizeli nokugwetywa. Eminye imicimbi ndoyiphonononga ndakuba ndifikile apho.

Currently Selected:

1 KWABASEKORINTE 11: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy