YouVersion Logo
Search Icon

1 YEZIGANEKO 9

9
Abantu ababuye ekuthinjweni
1AmaSirayeli onke adweliswa ngokwemilibo yawo encwadini yookumkani bakwaSirayeli.
AmaJuda athinjwa, asiwa eBhabheli, ngenxa yokunganyaniseki kwawo. 2Abokuqala ababuya ekuthinjweni bangena balanda ilifa labo ngamaSirayeli athile, nababingeleli, nabaLevi, nabasebenza endlwini kaThixo. 3Bekukho abendlu kaJuda, nabendlu kaBhenjamin, nabendlu kaEfrayim nekaManase ababehlala eJerusalem.
4Nazi iinkulu zabendlu kaJuda ababehlala eJerusalem: Kwinzala kaPereze, unyana kaJuda, inkulu ngu-Utayi, unyana ka-Amihudi, unyana kaOmri, unyana kaImri, unyana kaBhani. 5Kwindlu kaShela inkulu nguAsaya izibulo, noonyana bakhe. 6Kwindlu kaZera inkulu nguJeweli. Bebonke abantu bendlu yakwaJuda babengamakhulu amathandathu anamashumi alithoba.
7Nazi iinkulu zamaBhenjamin awayehlala eJerusalem: nguSalu kaMeshulam kaHodaviya kaHasenuwa; 8uIbheneya kaJeroham; uEla kaUzi kaMikri; noMeshulam kaShefatiya kaRuweli kaIbheniya. 9La madoda ke ayeziinkulu zezindlu zakowawo. Ewonke la maBhenjamin ayengamakhulu alithoba anamashumi amahlanu anantandathu.
Ababingeleli ababemi eJerusalem
10Naba ababingeleli ababehlala eJerusalem: nguYedaya, uJoyaribhi, uJakin, 11uAzariya kaHilekiya kaMeshulam kaZadoki kaMerayoti ka-Ahitubhi, owayeligosa elikhulu lendlu kaThixo, 12uAdaya kaJehoram kaPashure kaMalekiya, noMasayi ka-Adiyeli kaYazera kaMeshulam kaMeshilemiti kaImere.
13Ababingeleli ababeziinkulu zezindlu babeliwaka elinamakhulu asixhenxe anamashumi amathandathu. Babeziingcungela kumsebenzi wendlu kaThixo.
14Naba abaLevi ababehlala eJerusalem: nguShemaya kaHashubhi ka-Azerikam kaHashabhiya, wendlu kaMerari, 15uBhakebhakare, uHerese, uGalali, uMataniya kaMika kaZikri ka-Asafu, 16uObhadiya kaShemaya, kaGalali kaJedutun, noBherekiya ka-Asa kaElikana, owayehlala kwiilali zamaNetofa.
Abagcini-masango
17Naba abagcini-masango bendlu kaThixo ababehlala eJerusalem: nguShalum, noAkubhi, noTalmon, noAhiman, nabantakwabo. Intloko yabo ibinguShalum. 18Unangoku basagada isango elingasempumalanga, elo adla ngokungena ngalo ukumkani. Mandulo babegada amasango eekampu zabaLevi.
19UShalum unyana kaKore, unyana ka-Abhiyasafu, unyana kaKora, kunye namawabo amaKora, wayephathiswe umsebenzi wokugada amasango endlu kaThixo kanye njengoko ookhokho babo babegada isango lentente esisibingelelo *sikaNdikhoyo. 20Mandulo uFineyasi, unyana kaElazare, wayebongamele abagcini-masango, yaye uNdikhoyo wayenaye. 21UZekariya, unyana kaMeshelemiya, naye wayengumgcini-sango kwindlu kaNdikhoyo.
22Bebonke abagcini-masango bendlu kaThixo babengamakhulu amabini aneshumi elinesibini. Babebalwa ngokwemimandla abahlala kuyo. Ookhokho babo babenikwe uxanduva lokuba ngabagcini-masango ngukumkani uDavide nomshumayeli uSamweli, kuba babengamadoda athembekileyo. 23Bona nenzala yabo babesoloko ke begada amasango endlu kaNdikhoyo. 24Babegada amasango kumacala omane; empumalanga nasentshonalanga, ngasentla nangasezantsi. 25Aba bagadi babencediswa ngamawabo asezilalini awayedla ngokuza kubabambela iintsuku zibe sixhenxe. 26Bekukho abaLevi abane abangabaphathi babagadi. Bona babethenjiwe, begada amagumbi noovimba bendlu kaThixo. 27Ebusuku babelala kufuphi nendlu kaThixo, ukuze bayaluse, baze bayivule yonke intsasa.
Abanye abaLevi
28Abanye kubaLevi babephethe ubugcwabalala obusetyenziswayo xa kunqulwa. Yonke into ephumayo babeyibhala, baphinde benjenjalo naxa ibuyayo. 29Abanye babephethe yonke enye impahla yendlu kaThixo, kunye nomgubo wengqolowa, newayini, namafutha omnquma, nentlaka yokuqhumisa, neziqholo. 30Umsebenzi wokucola iziqholo wona ubuphethwe ngababingeleli.
31UMatitiya, omnye wabaLevi, owayelizibulo likaShalum umKora, wayephathiswe uxanduva lokosa izonka zomnikelo. 32Kumawabo amaKohati bekukho aphathiswe umsebenzi wokosa izonka ebezibekwa etafileni *ngeMihla yokuPhumla.
33Iintloko zezindlu zabaLevi eziziimvumi bezihlala emagumbini endlwini kaThixo, zingaphathiswanga wumbi umsebenzi, kuba uxanduva lweengoma beluphethwe zizo emini nasebusuku.
34Zizo ezi ke iintloko zezindlu zabaLevi ezaziziinkulu ezihlala eJerusalem.
Ookhokho bakaSawule nenzala yakhe
(1 Gan 8:29-38)
35UYehiyeli, ukhokho weGibheyon, wayehlala khona. Igama lomkakhe nguMahaka. 36Ngokuzana kwabo oonyana bakhe nguAbhedon owamazibulo, ibe nguZure, uKishe, uBhali, uNere, uNadabhi, 37uGedore, uAhiyo, uZekariya, noMikeloti. 38UMikeloti wazala uShimeya. Nabo nenzala yabo bebehlala eJerusalem ngakumawabo.
39UNere wazala uKishe, uKishe wazala uSawule, uSawule wazala uJonatan, noMalkishuwa, noAbhinadabhi noEshbhali. 40UJonatan wazala uMeribhali, uMeribhali wazala uMika.
41Oonyana bakaMika nguPiton, noMeleki, noTareya, 42noAhazi owazala uYara. UYara wazala uAlemete, noAzemavete, noZimri, waza uZimri wazala uMoza, 43uMoza wazala uBhineya, uBhineya wazala uRefaya, uRefaya wazala uElasa, uElasa wazala uAzele. 44UAzele ebenoonyana abathandathu. Amagama abo nguAzerikam, uBhokeru, uIshmayeli, uShariya, uObhadiya, noHanan.

Currently Selected:

1 YEZIGANEKO 9: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy