YouVersion Logo
Search Icon

1 YEZIGANEKO 10

10
Ukufa kukaSawule noonyana bakhe
(1 Sam 31:1-13)
1Aqubisana amaFilistiya namaSirayeli, aswantsuliswa amaSirayeli, kwawa inkitha yawo kuloo ntaba iGilibhowa. 2AmaFilistiya awasukela, athana mbende noSawule kunye noonyana bakhe, aza ababulala bobathathu oonyana bakaSawule, uJonatan, noAbhinadabhi, kunye noMalkishuwa. 3Laba shushu idabi kufuphi noSawule, abatoli bamchana, bamngxwelerha.
4Kweso sithuba uSawule ubhekise kumfana owayephatha izikhali zakhe, wenjenje: “Rhola ikrele, undigwaze. Andifuni kuvuyelelwa zeziya ntlanga zingalukanga.”
Loo mfana kambe akazange avume kuyenza loo nto, kuba wayesoyika. USawule ke urhole ikrele lakhe, waza waziphosa kulo. 5Wathi akubona uSawule efile, naye loo mfana waziphosa kwelakhe ikrele. 6Kwanjalo ke ukufa kukaSawule, noonyana bakhe bobathathu, kunye nendlu yakhe iphela.
7AmaSirayeli onke angaphesheya kwentili athi akubona ukuba umkhosi uswantsulisiwe, nokuba uSawule kunye noonyana bakhe bawile, ashiya iidolopu zawo, abhaca. Afika amaFilistiya, ahlala kwezo dolophu zawo.
8Ngengomso xa amaFilistiya aya kuphanga impahla yâbo babewe edabini, afika izidumbu zooSawule noonyana bakhe ziqungquluze apho kuloo ntaba iGilibhowa. 9Amkhulula izixhobo zakhe zemfazwe uSawule, athatha intloko yakhe nezixhobo zakhe, athumela izigidimi kulo lonke elamaFilistiya, ukuba ziye kuvakalisa iindaba zoloyiso *koothixo bawo nakubantu bawo. 10Izikrweqe zikaSawule azibeka endlwini yothixo wawo, intloko yakhe ayixhoma endlwini yothixo wawo uDagoni.
11Zathi zakuvakala kubemi bonke baseJabheshe eGiliyadi iindaba zento yonke eyenziwe kuSawule ngamaFilistiya, 12kwanduluka onke amagorha alapho, azithatha izidumbu zooSawule noonyana bakhe, azisa eJabheshe. Emva koko bawathatha amathambo abo, baya kuwangcwaba ngaphantsi komthi omkhulu eJabheshe, baza bazila iintsuku ezisixhenxe.
13USawule lo ke wafa kuba esuke akathembeka *kuNdikhoyo. Akazange alithobele ilizwi likaNdikhoyo, wada waya kubuzisa nakoosiyazi, efuna isikhokelo, 14endaweni yokubuzisa kuNdikhoyo. Ngoko ke uNdikhoyo wambulala, waza umbuso lowo wawunikezela kuDavide unyana kaJese.

Currently Selected:

1 YEZIGANEKO 10: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy