YouVersion Logo
Search Icon

1 YEZIGANEKO 8

8
Inzala kaBhenjamin
1Naba oonyana abahlanu bakaBhenjamin ngokuzana kwabo: nguBhela owamazibulo, ibe nguAshbhele, uAhara, 2uNoha, noRafa.
3Oonyana bakaBhela nguAdare, noGera, noAbhihudi, 4noAbhishuwa, noNaman, noAhowa, 5noGera, noShefufan, noHuram.
6-7Oonyana bakaEhude nguNaman, noAhiya, noGera. Babeziinkulu zezindlu zaseGebha, ezo zanyanzelekayo ukuba zifuduke, zaza zaya eMahanati, zikhokelwa nguGera uyise kaUza noAhihudi.
8UShaharayim wawuqhawula umtshato wakhe nabafazi bakhe, uHushim noBhayara, waya kuma eMowabhi, 9wathatha uHodeshe, wazala uJobhabhi, noZibheya, noMesha, noMalkom, 10noYehuze, noSakiya, noMirma. Oonyana bakhe aba bonke baba ziinkulu zezindlu. 11Ke nomkakhe uHushim wayemzalele uAhitubhi noElipali. 12Oonyana bakaElipali nguHebhere, noMisham, noShemede lowo wayakhayo iOno kwaneLodi neelali ezizingqongileyo.
AmaBhenjamin aseGati naseAyalon
13OoBheriya noShema babeziinkulu zezindlu ezazimi eAyalon zaza zabagxotha abemi baseGati. 14Kwinzala kaBheriya kukho uAhiyo, noShashaki, noYeremoti, 15noZebhadiya, noAradi, noEdere, 16noMikayeli, noIshpa, noYoha.
AmaBhenjamin aseJerusalem
17-18Oonyana bakaElipali nguZebhadiya, noMeshulam, noHizeki, noHebhere, noIshmerayi, noYeziliya, noJobhabhi.
19-21Oonyana bakaShimeyi nguYakim, noZikri, noZabhedi, noElihenayi, noZiletayi, noEliyeli, noAdaya, noBheraya, noShimrati.
22-25Oonyana bakaShashaki nguIshpan, noHebhere, noEliyeli, noAbhedon, noZikri, noHanan, noHananiya, noElam, noAntotiya, noIfediya, noPenuweli.
26-27Oonyana bakaJeroham nguShamsherayi, noShehariya, noAtaliya, noYareshiya, noEliya, noZikri.
28Zizo ezo ke iinkulu zezindlu ezazihlala eJerusalem.
AmaBhenjamin aseGibheyon naseJerusalem
29Ukhokho weGibheyon wayehlala khona eGibheyon. Igama lomkakhe nguMahaka. 30Ngokuzana kwabo oonyana bakhe nguAbhedon owamazibulo, ibe nguZure, uKishe, uBhali, uNadabhi, 31uGedore, uAhiyo, uZekere, 32noMikeloti owazala uShimeya. Nabo nenzala yabo babehlala eJerusalem ngakwamanye amaBhenjamin.
Inzala kakumkani uSawule
33UNere wazala uKishe, uKishe wazala uSawule, uSawule wazala uJonatan, noMalkishuwa, noAbhinadabhi, noEshbhali. 34UJonatan wazala uMeribhali, uMeribhali wazala uMika.
35Oonyana bakaMika nguPiton, noMeleki, noTareya, noAhazi. 36UAhazi wazala uYowada, uYowada wazala uAlemete, noAzemavete, noZimri, waza uZimri wazala uMoza, 37uMoza wazala uBhineya, uBhineya wazala uRafa, uRafa wazala uElasa, uElasa wazala uAzele. 38UAzele ebenoonyana abathandathu, amagama abo inguAzerikam, uBhokeru, uIshmayeli, uShariya, uObhadiya, noHanan. 39Oonyana abathathu bakaEsheki, umntakwabo-Azele ngu-Ulam owamazibulo, ibe nguJewushe noElifelete. 40Oonyana bakaUlam babengamagorha anobuchule kwicala lamatolo. Babenoonyana nabazukulwana abalikhulu elinamashumi amahlanu. Bonke abo babeyinzala kaBhenjamin.

Currently Selected:

1 YEZIGANEKO 8: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy