YouVersion Logo
Search Icon

1 YEZIGANEKO 7

7
Inzala kaIsakare
1UIsakare wayenoonyana abane: uTola, uPuwa, uYashubhi, noShimron. 2Oonyana bakaTola ngu-Uzi, noRefaya, noJeriyeli, noYamayi, noIbhesam, noSamweli. Babeziinkulu zezindlu zakwaTola. Ngemihla kaDavide amadoda akwaTola anokungena emkhosini ayengamashumi amabini anambini amawaka anamakhulu amathandathu.
3Unyana kaUzi nguYezeraya. Oonyana baYezeraya nguMikayeli, no-Obhadiya, noJoweli, noIshiya. Bebonke yayiziinkulu zezindlu. 4Babenabafazi noonyana abaninzi; inzala yabo ibingamadoda angamashumi amathathu anantandathu anokungena emkhosini. 5Ewonke amaIsakare ezindlu ngezindlu anokungena emkhosini ayengamashumi asibhozo anesixhenxe samawaka.
Inzala kaBhenjamin
6UBhenjamin wayenoonyana abathathu: uBhela, uBhekere, noYediyali. 7UBhela wayenoonyana abahlanu abaziinkulu zezindlu, bengamagorha anobukroti: uEzebhon, u-Uzi, u-Uziyeli, uJerimoti, noIri. Inzala yabo ibingamadoda angamashumi anambini amawaka anamashumi amathathu anane anokungena emkhosini.
8Naba oonyana bakaBhekere: nguZemira, noYowashe, noElizere, noEliyohenayi, no-Omri, noJeremoti, noAbhiya, noAnatoti, noAlemete. 9Inzala yabo ngokwezindlu ibingamadoda angamashumi amabini amawaka anamakhulu amabini anokungena emkhosini.
10UYediyali wazala uBhilehan. Oonyana bakaBhilehan nguJewushe, noBhenjamin, noEhude, noKenana, noZetan, noTashishe, noAhishare. 11Oonyana bakaYediyali aba babeziinkulu zezindlu, bengamagorha anobukroti. Inzala yabo ibilishumi elinesixhenxe lamawaka anamakhulu amabini amadoda anokungena emkhosini.
12AmaShupim namaHupim yinzala kaIre, ke wona amaHushim yinzala ka-Ahere.
Inzala kaNafetali
13UNafetali, unyana kaYakobi nomkakhe uBhiliha, wazala uGuni, noYezere, noShalum.
Inzala kaManase
14UManase wayeneqadi elingumAramikazi elazala uAseriyeli noMakire uyise kaGiliyadi. 15UMakire lo wathatha uMahaka udade boHupim noShupim. Omnye wenzala kaMakire nguZelofehadi owazala amantombazana kuphela.
16Umka-Makire uMahaka wazala unyana awamthiya igama elinguPereshe. Umninawa wakhe nguShereshe, owazala u-Ulam noRakem. 17U-Ulam lo wazala uBhedan. Yiyo leyo ke inzala kaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase.
18Udade boGiliyadi uHamolekete wazala uIshodi, noAbhiyezere, noMala.
19Oonyana bakaShemida nguAhiyan, noShekem, noLiki, noAniyam.
Inzala kaEfrayim
20Nantsi inzala kaEfrayim. UEfrayim wazala uShutela, uShutela wazala uBheredi, uBheredi wazala uTahati, uTahati wazala uEliyada, uEliyada wazala uTahati, 21uTahati wazala uZabhadi, uZabhadi wazala uShutela.
Abanye oonyana bakaEfrayim, uEzere noEladi, babulawa xa babefuna ukuthimba imfuyo yabantu baseGati. 22UEfrayim wabazilela ixesha elide oonyana bakhe abaswelekileyo, baza abazalana naye bafika bamkhuza. 23Emva koko umkakhe wamitha, wazala unyana, waza uEfrayim wamthiya igama elinguBheriya, kuba indlu yakhe ibihlelwe lilishwa.
24UEfrayim wazala nentombi enguShera. UShera lo wayakha iBhete-horon, eyasezantsi neyasentla, wayakha neUzen-shera.
25UEfrayim wazala nonyana onguRefa. URefa lo wazala uReshefe, uReshefe wazala uTela, uTela wazala uTahan, 26uTahan wazala uLadan, uLadan wazala uAmihudi, uAmihudi wazala uElishama, 27uElishama wazala uNune, uNune wazala uYoshuwa.
28Umhlaba abema kuwo oonyana bakaEfrayim yiBhetele namaphandle ayingqongileyo. Ngasempumalanga umda ubuma ngeNaran, ngasentshona ume ngeGezere neelali eziyingqongileyo, uye kutsho naseShekem neelali zakhona, naseAya neelali zakhona. 29Ngasemdeni wakwaManase ibiyiBhete-shehan, iTanaki, iMegido, iDore, neelali ezizingqongileyo. Kulapho yayimi khona inzala kaJosefu unyana kaSirayeli.
Inzala ka-Ashere
30Nantsi inzala ka-Ashere: oonyana nguImna, noIshwa, noIshvi, noBheriya, nodade wabo uSera.
31Oonyana bakaBheriya nguHebhere noMalkiyeli owazala uBhizaviti. 32Ke yena uHebhere wazala uYafelete, noShemere, noHotam, nodade wabo uShuwa.
33Oonyana bakaYafelete nguPasaki, noBhimehali, noAshevati. 34Oonyana bakaShemere nguAhi noRoga, noYehubha, noAram. 35Oonyana bomntakwabo-Shemere uHelem nguZofa, noImna, noSheleshe, noAmali. 36Ke bona oonyana bakaZofa nguSuwa, noHarenefere, noShuwali, noBheri, noImra, 37noBhezere, noHodi, noShama, noShilesha, noItran, noBhera.
38Oonyana bakaYetere nguYefune, noPisepa, noAra. 39Oonyana bakaUla nguAra, noHaniyeli, noRiziya.
40Bonke aba babeyinzala ka-Ashere. Babeziinkulu, bengamadoda akhethiweyo anobukroti, beziinkokheli ezinamagama. Bebonke babengamadoda angamashumi amabini anantandathu amawaka anokungena emkhosini.

Currently Selected:

1 YEZIGANEKO 7: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy