YouVersion Logo
Search Icon

1 YEZIGANEKO 6

6
Inzala yababingeleli abakhulu
1Oonyana bakaLevi nguGershon, noKohati, noMerari. 2Oonyana bakaKohati nguAmram, noIzare, noHebron, noUziyeli. 3Abantwana baka-Amram ngooAron, noMosis, noMiriyam. Oonyana baka-Aron ngooNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare.
4UElazare wazala uFineyasi, uFineyasi wazala uAbhishuwa, 5uAbhishuwa wazala uBhuki, uBhuki wazala u-Uzi, 6u-Uzi wazala uZeraya, uZeraya wazala uMerayoti, 7uMerayoti wazala uAmariya, uAmariya wazala uAhitubhi, 8uAhitubhi wazala uZadoki, uZadoki wazala uAhimazi, 9uAhimazi wazala uAzariya, uAzariya wazala uYohanan. 10UYohanan wazala uAzariya lo wayengumbingeleli ngexesha lokwakhiwa kwendlu kaThixo nguSolomon eJerusalem. 11UAzariya wazala uAmariya, uAmariya wazala uAhitubhi, 12uAhitubhi wazala uZadoki, uZadoki wazala uShalum, 13uShalum wazala uHilekiya, uHilekiya wazala uAzariya, 14uAzariya wazala uSeraya, uSeraya wazala uYozadaki. 15UYozadaki lo wafuduswa nabemi bakwaJuda neJerusalem basiwa ekuthinjweni ngokuya *uNdikhoyo wayebathumele ngoNebhukadenezare.
Enye inzala kaLevi
16Oonyana bakaLevi nguGershon, noKohati, noMerari. 17Naba oonyana bakaGershon: nguLibheni noShimeyi. 18Oonyana bakaKohati nguAmram, noIzare, noHebron, noUziyeli. 19Oonyana bakaMerari nguMali noMushi.
Nazi iinkulu zezindlu zabakwaLevi ngokuzana kwazo izizukulwana ngezizukulwana: 20Kwindlu kaGershon inkulu nguLibheni, ibe nguYahati, uZima, 21uJowa, uIdo, uZera, noYaterayi. 22Kwindlu kaKohati inkulu nguAminadabhi, ibe nguKora, uAsire, 23uElikana, uAbhiyasafu, uAsire, 24uTahati, u-Uriyeli, u-Uziya, noShawule. 25Kwindlu kaElikana ngoonyana bakhe ooAmisayi noAhimoti, 26ibe ngunyana ka-Ahimoti uElikana, ibe ngunyana wakhe uZofayi, ibe nguNahati, 27uEliyabhi, uJeroham, uElikana, [noSamweli], 28ibe ngoonyana bakaSamweli, [uJoweli] owamazibulo noAbhiya umninawa wakhe. 29Kwindlu kaMerari inkulu nguMali, ibe nguLibheni, uShimeyi, u-Uza, 30uShimeya, uHagiya, noAsaya.
Iimvumi
31Aba ngâbo ukumkani uDavide wabaphathisa umbandela weengoma *esibingelelweni *sikaNdikhoyo emva kokuba ityesi yomnqophiso yazinziswa khona. 32Babethwele uxanduva lokulungiselela ngeengoma kwisibingelelo esiyintente, wada ukumkani uSolomon wayakha indlu kaNdikhoyo eJerusalem. Umsebenzi wabo babewuqhuba ngokwemiqathango abayibekelweyo.
33Naba ke abebephathiswe iingoma noonyana babo: Kwindlu kaKohati umbhexeshi wekwayara enkulu ibinguHeman unyana koJoweli, kaSamweli, 34kaElikana, kaJeroham, kaEliyeli, kaTowa, 35kaZufi, kaElikana, kaMahati, ka-Amasayi, 36kaElikana, kaJoweli, ka-Azariya, kaZefaniya, 37kaTahati, ka-Asire, ka-Abhiyasafu, kaKora, 38kaIzare, kaKohati, kaLevi, kaSirayeli. 39Ikwayara enganeno ibibhexeshwa nguAsafu unyana kaBherekiya, kaShimeya, 40kaMikayeli, kaBhaseya, kaMalekiya, 41kaEteni, kaZera, ka-Adaya, 42kaEtan, kaZima, kaShimeyi, 43kaYahati, kaGershon, kaLevi. 44Ikwayara yesithathu ibibhexeshwa nguEtan wendlu kaMerari. UEtan lo ebengunyana kaKishi unyana ka-Abhedi, kaMaluki, 45kaHashabhiya, ka-Amaziya, kaHilekiya, 46ka-Amazi, kaBhani, kaShemere, 47kaMali, kaMushi, kaMerari, kaLevi.
48Amawabo abaLevi ayephathiswe wonke umsebenzi ongomnye esibingelelweni nasendlwini kaThixo.
Inzala ka-Aron
49UAron noonyana bakhe babenyusa amadini eqongeni lamadini atshiswayo, beqhumisela eqongeni leziqhumiso, besenza wonke umsebenzi weyona ndawo ingcwele endlwini kaThixo. Bebengxengxeza egameni lamaSirayeli ngokwemiyalelo yonke kaMosis isicaka sikaThixo.
50Naba oonyana baka-Aron: uAron wazala uElazare, uElazare wazala uFineyasi, uFineyasi wazala uAbhishuwa, 51uAbhishuwa wazala uBhuki, uBhuki wazala u-Uzi, u-Uzi wazala uZeraya, 52uZeraya wazala uMerayoti, uMerayoti wazala uAmariya, uAmariya wazala uAhitubhi, 53uAhitubhi wazala uZadoki, uZadoki wazala uAhimahaze.
Imihlaba eyanikwa abaLevi
(Yosh 21:5-39)
54Nantsi imihlaba eyanikwa inzala ka-Aron wendlu yakwaKohati. Banikwe isabelo sokuqala kwiindawo ezabelwe abaLevi *ngeqashiso. 55Banikwa iHebron ezweni lakwaJuda kunye namadlelo ayo. 56Ke wona amasimi aseHebron kunye neelali eziyingqongileyo zanikwa uKalebhi unyana kaJefune.
57Nazi ke iidolophu namadlelo azo ezanikwa oonyana baka-Aron: iHebron (eyayisisixeko sokuphephela ), iLibhena, iYatire, iEshtamowa, 58iHilen, iDebhiri, 59iAshan, neBhete-shemeshe. 60Esizweni sakwaBhenjamin banikwa ezi dolophu zinamadlelo azo: iGebha, iAlemete, neAnatoti. Zizonke ezi dolophu ezazinikwe amaKohati bezilishumi elinantathu.
61Oonyana bakaKohati abaseleyo bazabelwa ngeqashiso iidolophu ezilishumi esiqingatheni sesizwe sakwaManase.
62Oonyana bakaGershon ngokwezindlu zabo banikwa iidolophu ezilishumi elinantathu esizweni sakwaIsakare nasesizweni sakwaNafetali nakwicandelo lesizwe sakwaManase eliseBhashan.
63Oonyana bakaMerari ngokwezindlu zabo bazabelwa ngeqashiso iidolophu ezilishumi elinambini esizweni sakwaRubhen nasesizweni sakwaGadi nasesizweni sakwaZebhulon.
64Ke ngoko amaSirayeli anika abaLevi ezi dolophu zikhankanyiweyo zinamadlelo azo. 65Kwizizwe zakwaJuda, nakwaSimon, nakwaBhenjamin bazifumana ngamaqashiso.
66Ke izindlu ezithile zamaKohati zanikwa iidolophu ezinamadlelo esizweni sakwaEfrayim. 67Kwiintaba zakwaEfrayim banikwa iShekem (eyayisisixeko sokuphephela), neGezere, 68neYokemeham, neBhete-horon, 69neAyalon, neGati-rimon. 70Ke zona izindlu eziseleyo zamaKehati zanikwa iAnere neBhileham namadlelo azo esiqingatheni sesizwe sakwaManase.
71AmaGershon wona abelwa ngolu hlobo: Kwisiqingatha sesizwe sakwaManase anikwa iGolan yaseBhashan neAshtaroti, zinamadlelo azo. 72Kwisizwe sakwaIsakare anikwa iKadeshe, neDabherati, 73neRamoti, neAnem, zinamadlelo azo. 74Kwisizwe sakwa-Ashere anikwa iMashale, neAbhedon, 75neHukoki, neRehobhi, zikunye namadlelo azo. 76Kwisizwe sakwaNafetali anikwa iKedeshe yaseGalili, neHamon, neKiriyatayim, zinamadlelo azo.
77Abaseleyo kubaLevi yayingoonyana bakaMerari. Bona banikwa ezi dolophu zilandelayo zinamadlelo azo: Kwisizwe sakwaZebhulon banikwa iRimon neTabhore. 78Kwisizwe sakwaRubhen ngaphesheya kweJordan ngasempumalanga kweJeriko banikwa iBhezere esentlango, iYaza, 79iKedemoti, neMefati. 80Kwisizwe sakwaGadi banikwa iRamoti yaseGiliyadi, neMahanayim, 81neHeshbhon, neYazere zinamadlelo azo.

Currently Selected:

1 YEZIGANEKO 6: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy