YouVersion Logo
Search Icon

1 YEZIGANEKO 3

3
Oonyana bakaDavide
1Naba oonyana abathandathu bakaDavide abazalelwa eHebron ngokuzana kwabo: uAmnon onina inguAhinowam waseYizereli; uDaniyeli onina inguAbhigeli waseKarmele; 2uAbhasalom ozalwa nguMahaka, intombi kaTalmayi ukumkani waseGeshuri; uAdoniya ozalwa nguHagiti; 3uShefatiya onina inguAbhitali; noItram onina inguEgla. 4Bobathandathu aba bazalelwa eHebron, apho uDavide wayelawula khona iminyaka esixhenxe eneenyanga ezintandathu.
Emva koko uDavide waba neminyaka emashumi mathathu anantathu elawula eJerusalem 5apho wazala oonyana abaninzi khona. Umkakhe uBhashebha intombi ka-Amiyeli wazala uShimeya, noShobhabhi, noNatan, noSolomon. 6Abanye nguIbhare, uElishuwa, uElifelete, 7uNoga, uNifege, uYafiya, 8uElishama, uEliyada, noElifelete, belithoba bebonke. 9Aba ke ngoonyana bakaDavide, ngaphandle kwabo bamaqadi. Udade wabo nguTamare.
Ookumkani bakwaJuda
10Unyana kaSolomon nguRewobhowam; unyana kaRewobhowam nguAbhiya; unyana ka-Abhiya nguAsa; unyana ka-Asa nguYoshafati; 11unyana kaYoshafati nguYoram; unyana kaYoram nguAhaziya; unyana ka-Ahaziya nguYowashe; 12unyana kaYowashe nguAmaziya; unyana ka-Amaziya nguAzariya; unyana ka-Azariya nguYotam; 13unyana kaYotam nguAhazi; unyana ka-Ahazi nguHezekiya; unyana kaHezekiya nguManase; 14unyana kaManase nguAmon; unyana ka-Amon nguYosiya. 15Oonyana abane bakaYosiya ngokuzana kwabo nguYohanan, uJoyakim, uZedekiya, noShalum. 16Abangene ezihlangwini zikaJoyakim ngunyana wakhe uJoyakin yaza yaba nguZedekiya.
Inzala kaJoyakin
17Nantsi inzala kaJoyakin owathinjwayo: Oonyana bakaJoyakin nguShelatiyeli, 18noMalkiram, noPedaya, noShenazare, noYekamiya, noHoshama, noNedabhiya. 19Oonyana bakaPedaya nguZerubhabheli noShimeyi. Oonyana bakaZerubhabheli ngooMeshulam, noHananiya, benodade wabo uShelomiti, 20kwakunye nesinye isihlanu soonyana: uHashubha, uOheli, uBherekiya, uHasadiya, noYushabhi-rhesedi. 21Oonyana bakaHananiya nguPelatiya noJesaya; ewe, noonyana bakaRefaya, nabaka-Arnana, nabakaObhadiya, nabakaShekaniya. 22Oonyana bakaShekaniya nguShemaya noonyana bakhe: uHatushe, uIgali, uBhariya, uNeyariya, noShafati, bebathandathu bebonke. 23Oonyana bakaNeyariya bathathu: nguEliyohenayi, uHezekiya, noAzerikam. 24UEliyohenayi yena wayenoonyana abasixhenxe: uHodaviya, uEliyashibhi, uPelaya, uAkubhi, uYohanan, uDelaya, noAnani.

Currently Selected:

1 YEZIGANEKO 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy