YouVersion Logo
Search Icon

1 YEZIGANEKO 27

27
Umkhosi kaDavide
1Nguwo lo umkhosi wamaSirayeli: Bekukho amabutho alishumi elinambini, ibutho ngalinye liba namadoda angamashumi amabini anane amawaka. Amabutho la ayebolekisana ukwenza umsebenzi wakomkhulu inyanga nganye enyakeni. Bekukho iinkulu zezindlu, neengqwayi-ngqwayi, nezithwala-ndwe, noonobhala, bebonke besenza umsebenzi wakomkhulu.
2-3Nazi ke iingqwayi-ngqwayi zala mabutho alishumi elinambini (ibutho ngalinye belinamadoda angamashumi ambini anane amawaka):
inyanga yokuqala: ingqwayi-ngqwayi yayinguYashobham unyana kaZabhediyeli wendlu kaPerezi;
4inyanga yesibini: nguDodayi umAhohi, osekela lakhe belinguMikeloti;
5inyanga yesithathu: nguBhenaya unyana wombingeleli uJoyada 6owayeyinkokheli yeqela lamagorha angamashumi amathathu – isekela lakhe belingunyana wakhe uAmizabhedi;
7inyanga yesine: nguAsayeli umninawa kaJowabhi, owalandelwa ngunyana wakhe uZebhadiya;
8inyanga yesihlanu: nguShamuti umIzare;
9inyanga yesithandathu: nguIra unyana kaIkeshe waseTekowa;
10inyanga yesixhenxe: nguHeleze umEfrayim wasePelon;
11inyanga yesibhozo: nguSibhekayi umZera waseHusha;
12inyanga yethoba: nguAbhiyezere umBhenjamin waseAnatoti;
13inyanga yeshumi: nguMarayi umZera waseNetofa;
14inyanga yeshumi elinanye: nguBhenaya umEfrayim wasePiraton;
15inyanga yeshumi elinambini: nguHeledayi waseNetofa oyinzala kaOteniyeli.
Izibonda zezizwe zakwaSirayeli
16Nazi izibonda zezizwe zakwaSirayeli:
kwaRubhen yayinguElizere unyana kaZiki;
kwaSimon yayinguShefatiya unyana kaMahaka;
17kwaLevi yayinguHashabhiya unyana kaKemuweli;
kwa-Aron yayinguZadoki;
18kwaJuda yayinguElihu umntakwabo-Davide;
kwaIsakare yayinguOmri unyana kaMikayeli;
19kwaZebhulon yayinguIshmaya unyana kaObhadiya;
kwaNafetali yayinguJerimoti unyana ka-Azeriyeli;
20kwaEfrayim yayinguHosheya unyana ka-Azaziya;
kwisiqingatha sesizwe sikaManase yayinguYoweli unyana kaPedaya;
21kwisiqingatha sesizwe sikaManase esiseGiliyadi: yayinguIdo unyana kaZakariya;
kwaBhenjamin yayinguYasiyeli unyana ka-Abhinere;
22kwaDan yayinguAzareli unyana kaJeroham.
Zizo ezo ke izibonda zezizwe zakwaSirayeli.
23Ukumkani uDavide zange ababale abafana abaminyaka imashumi mabini nangaphantsi, kuba uNdikhoyo wayethembise ukuwandisa amaSirayeli abe ngangeenkwenkwezi esibhakabhakeni. 24Phofu uJowabhi unyana kaZeruya walinga ukuwabala, kodwa zange agqibe. Ingqumbo kaThixo yawahlela amaSirayeli ngenxa yolu balo, kwaza kwayekwa amanani engekabhalwa engxelweni yemicimbi yemihla yokumkani uDavide.
Abaphathi ngabaphathi bakomkhulu
25Naba abalawuli bobutyebi bakomkhulu:
uAzemavete unyana ka-Adiyeli wayelawula oovimba bakomkhulu;
uJonatan unyana kaUziya: oovimba abasemaphandleni, noovimba abasezidolophini, noovimba abasezilalini, noovimba bomkhosi;
26uEzri unyana kaKelubhi: amasimi;
27uShimeyi waseRama: izidiliya;
uZabhedi waseShifemoti: izisele zewayini;
28uBhali-hanani waseGedore: iminquma nemithombe esezintilini;
uYowashe: izisele zamafutha omnquma;
29uShitrayi waseSharon: iinkomo ezikumadlelo aseSharon;
uShafati unyana ka-Adelayi: iinkomo ezisezintilini;
30uObhili umIshmayeli: iinkamela;
uYedeya waseMeroniti: iidonki;
31uYozizi umHagri: iigusha neebhokhwe.
Bonke aba babephathiswe impahla kakumkani uDavide.
Amaphakathi kaDavide
32UJonatan, uyisekazi kaDavide, ebeliphakathi. Wayeyindoda ekrele-krele efundileyo. Yena noYehiyeli unyana kaHakimoni babengabaqeqeshi boonyana bakakumkani. 33UAhitofele ebeliphakathi likakumkani. UHushayi umArki wayengumhlobo kakumkani. 34Emva kokusweleka kuka-Ahitofele uJoyada unyana kaBhenaya noAbhiyatare baba ngamaphakathi. Injengele yomkhosi kakumkani yayinguJowabhi.

Currently Selected:

1 YEZIGANEKO 27: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy