YouVersion Logo
Search Icon

1 YEZIGANEKO 24

24
Ukwahlulwa-hlulwa kwababingeleli
1Oonyana baka-Aron babahlulwa-hlulwe kanje: Naba oonyana baka-Aron: uNadabhi, uAbhihu, uEliyazare, noItamare. 2Kambe ke yena uNadabhi noAbhihu basweleka bengenanyana kwangaphambi kokusweleka kukayise. Ngoko ke ababingeleli yaba nguEliyazare noItamare. 3UDavide wancediswa nguZadoki, owayeyinzala kaEliyazare, kunye noAhimeleki, owayeyinzala kaItamare; baza ke babahlula-hlula bangamaqela okulungiselela ngezigaba ezimisiweyo. 4Kwafumaneka iqela elikhulu kwinzala kaEliyazare kunelo lafumaneka kwinzala kaItamare, baza ke bahlulwa-hlulwa ngokunjalo: Yaba ziinkulu ezilishumi elinesithandathu kwinzala kaEliyazare, yaziinkulu ezisibhozo kwinzala kaItamare. 5Babahlula-hlula ngendlela engenaxanasi ngokwenza *amaqashiso, kuba kaloku kwakukho amagosa esibingelelo namagosa ezakwaThixo kuzo zozibini izizukulwana zikaEliyazare nezo zikaItamare.
6Ke unobhala uShemaya, unyana kaNataniyeli umLevi, wawabhala amagama abo ekho nokumkani kunye nala magosa: umbingeleli uZadoki, uAhimeleki unyana ka-Abhiyatare, kunye neenkulu zezindlu zababingeleli kunye nezabaLevi. Kwakuthathwa indlu ibe nye kuEliyazare, ize ibe nye nakuItamare.
7Amaqashiso aphuma ngolu hlobo:
Elokuqala laphuma noJoyaribhi,
elesibini noYedaya,
8elesithathu noHarim,
elesine noSeworim,
9elesihlanu noMalekiya,
elesithandathu noMiyamin,
10elesixhenxe noHakoze,
elesibhozo noAbhiya,
11elethoba noYeshuwa,
eleshumi noShekaniya,
12eleshumi elinanye noEliyashibhi,
eleshumi elinesibini noYakim,
13eleshumi elinesithathu noHupa,
eleshumi elinesine noYeshebhabhi,
14eleshumi elinesihlanu noBhilega,
eleshumi elinesithandathu noImere,
15eleshumi elinesixhenxe noHezire,
eleshumi elinesibhozo noHapizere,
16eleshumi elinethoba noPetaya,
elamashumi amabini noYezekeli,
17elamashumi amabini ananye noJakin,
elamashumi amabini anambini noGamuli,
18elamashumi amabini anantathu noDelaya,
nelamashumi amabini anane noMaziya.
19Lulo olo ke uluhlu lokusebenzisana kwabo ekulungiseleleni endlwini kaNdikhoyo ngokwemimiselo abayinikwa ngukhokho wabo uAron ethobela umyalelo kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli.
Abanye abaLevi
20Nazi ke ezinye iinkulu zezindlu zakwaLevi:
koonyana baka-Amram nguShubhayeli,
koonyana bakaShubhayeli nguYedeya,
21koonyana bakaRehabhiya inkulu nguIshiya,
22kumaIzare nguShelomoti,
koonyana bakaShelomoti nguYahati,
23koonyana [bakaHebron] nguJeriya inkulu, ibe nguAmariya owesibini, noYeziyeli owesithathu, noYekamam owesine,
24koonyana bakaUziyeli nguMika,
koonyana bakaMika nguShamire,
25koonyana bakaIshiya, umntakwabo-Mika, nguZekariya,
26-27koonyana bakaMerari nguMali noMushi,
koonyana bakaYaziya, unyana kaMerari, nguBheno, noShoham, noZakure, noHibri,
28koonyana bakaMali nguElazare ongabanga nanyana,
29koonyana bakaKishe nguJerameli,
30koonyana bakaMushi nguMali, noEdere, noJerimoti.
Abo ke ngabaLevi ngokwezindlu zabo. 31Nabo benza *amaqashiso kwanjengabantakwabo abayinzala ka-Aron, ekho nokumkani uDavide, uZadoki, uAhimeleki, neenkulu zezindlu zababingeleli nezabaLevi. Izindlu zâbo baziinkulu zaziphathwa ngokufanayo nezo zâbo baziinci.

Currently Selected:

1 YEZIGANEKO 24: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy