YouVersion Logo
Search Icon

1 YEZIGANEKO 18

18
Uloyiso lukaDavide ezimfazweni
(2 Sam 8:1-18)
1Ke kaloku ekuhambeni kwexesha uDavide wawahlasela amaFilistiya wawoyisa, wayihlutha iGati namaphandle ayingqongileyo, ayabi sabakho phantsi kwamaFilistiya.
2Ngokunjalo wawoyisa namaMowabhi, aza aba phantsi kwakhe, amnika imirhumo.
3Kananjalo uDavide walwa nokumkani waseZobha uHadadizere, wamoyisa, wamsukelisa, waya kumfaka eHamati, xa kanye wayezama ukumilisela ulawulo lwakhe kummandla womlambo iEfrati. 4UDavide wathimba iwaka leenqwelo zakhe, kunye namawaka asixhenxe abakhweli-mahashe, ngokunjalo namashumi amabini amawaka amajoni ahamba ngeenyawo. Amahashe ke wawanqumla imisipha, washiya amahashe eenqwelo alikhulu.
5Athe ke ama-Aram aseDamasko akuzama ukuncedisa uHadadizere ukumkani waseZobha, wasuka uDavide wabulala amashumi amabini anambini amawaka awo. 6Wasuka ke wabeka amabutho akhe kuwo wonke umbuso wama-Aram aseDamasko, ahlala ephantsi kwakhe, akhupha imirhumo kuye. UDavide wanikwa uloyiso nguNdikhoyo apho konke ahamba khona.
7UDavide wawahlutha amakhaka egolide awayephathwa ngamaphakathi kaHadadizere, waya nawo eJerusalem. 8Kwiidolophu zikaHadadizere iTebha neKun, uDavide wathimba intaphane yobhedu olwasetyenziswa nguSolomon xa wayesenza ichibi lobhedu, iintsika, kwanezinye izinto ezazenziwe ngobhedu.
9Zaya kutsho naseHamati kukumkani uToyu iindaba zokoyiswa nguDavide komkhosi wokumkani waseZobha uHadadizere. 10Wandulula unyana wakhe uHadoram ukuba ase imibuliso yakhe kukumkani uDavide, avuyisane naye ngokoyisa kwakhe uHadadizere owalwa kaninzi-ninzi nokumkani uToyu. UHadoram waphathela uDavide izipho ezenziwe ngegolide nangesiliva nangobhedu.
11Ezo zipho ke uDavide wazinikezela kuNdikhoyo, kwanjengoko wenjenjalo ngesiliva negolide awayeyithimbe kuzo zonke ezi zizwe: amaEdom, amaMowabhi, ama-Amon, amaFilistiya, nama-Amaleki.
12Ke uAbhishayi unyana kaZeruya wabulala ishumi elinesibhozo lamawaka amaEdom kwiNtlambo yeTyuwa. 13Wamisa amabutho akhe e-Edom, aza amaEdom aba phantsi koDavide. UNdikhoyo wamnika uloyiso uDavide konke apho ahamba khona.
Amagosa kaDavide
14Ke kaloku uDavide walawula uSirayeli ewonke jikelele, ebaphethe kakuhle nangobulungisa bonke abantu bakhe. 15UJowabhi, unyana kaZeruya, wayeyinjengele yomkhosi, uYoshafati, unyana ka-Ahilude, engumthathi-manqaku. 16Ke yena uZadoki, unyana ka-Ahitubhi, noAhimeleki, unyana ka-Abhiyatare, babengababingeleli, uShavesha yena engunobhala. 17UBhenaya, unyana kaJoyada, wayongamele abalindi abangamaKreti namaPleti. Ke bona oonyana bakaDavide bengamaphakathi kakumkani aphambili.

Currently Selected:

1 YEZIGANEKO 18: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy