YouVersion Logo
Search Icon

1 YEZIGANEKO 17

17
Isithembiso sikaThixo kuDavide
(2 Sam 7:1-17)
1Akuba uDavide ezinzile kwikomkhulu lakhe wathetha *nomshumayeli uNatan, wathi: “Khangela, mna ndihlala kwibhotwe elakhiwe ngamaplanga omsedare, ukanti yona ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo ihlala nje ententeni.”
2UNatan wathi kuDavide: “Nantoni na oyicingayo ungayenza, uThixo unawe.”
3Ngobo busuku ke lafika kuNatan ilizwi likaThixo lisithi: 4“Hamba uye kuxelela isicaka sam uDavide uthi: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Asinguwe umntu oza kundakhela indlu endiya kuhlala kuyo. 5Ukususela mhla ndamkhupha eJiputa uSirayeli kude kube namhla andizange ndihlale endlwini. Ndasoloko nditshintsha izikhundla, ndithi ndikule indawo yokumisa intente, ndibe ndikuleya. 6Oko ndajikeleza ndihamba namaSirayeli, andizange ndikhalaze kwiinkokheli endaziyalela ukuba zaluse abantu bam, andizange ndizibuze ndithi: Ngani ukuba ningandakheli indlu yomsedare?’
7“Ke ngoko, yithi kuDavide isicaka sam: ‘Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: Wena Davide ndakuthatha emadlelweni, ekwaluseni iigusha, ndakwenza umlawuli wabantu bam amaSirayeli. 8Ndakukhapha kwiindawo zonke owawuhamba kuzo, ndazisusa zonke iintshaba zakho phambi kwakho. Ngoko ke ngoku igama lakho ndiza kulenza lidume lifane nelabakhulu emhlabeni. 9Abantu bam amaSirayeli ndobabonela indawo abaza kuma kuyo, ndibazinzise, babe nendawo yabo, bangabuye babandezelwe nanini. Abantu abakhohlakeleyo abayi kuba sabacinezela njengoko bebesenjenjalo ngaphambili, 10ukusukela kwimihla endabamisela abantu bam amaSirayeli iinkokheli. Ndiza kuzoyisa zonke iintshaba zakho.
“ ‘Nditsho kuwe ukuthi nguNdikhoyo oya kuyizinzisa indlu yakho. 11Yakuphela imihla yakho, xa sowuye kuphumla kooyihlo, ndokuvusela ihlumelo, lithathe isikhundla sakho. Ewe, nditsho omnye woonyana bakho. Ndiya kuluzinzisa ulawulo lwakhe. 12Nguye ke oya kundakhela indlu, ndiluzinzise ulawulo lwakhe ngonaphakade. 13Mna ndiya kuba nguyise kuye, yena abe ngunyana wam. Uthando lwam kuye alusoze lutshitshe, njengoko lwenzayo kumfo owangena esikhundleni sakhe wena. 14Ndiya kummisela endlwini yam, alawule kude kube ngunaphakade. Ewe, ulawulo lwakhe lohlala ngonaphakade.’ ”
15Ke uNatan waya kuxelela uDavide onke amazwi alo mbono.
Umthandazo kaDavide
(2 Sam 7:18-29)
16Ke kaloku ukumkani uDavide wangena waya kuhlala phambi *koNdikhoyo, waza wathi: “Kuxa ndingubani mna, Ndikhoyo Thixo? Iyintoni yona indlu yam, ukuba ude uze kundibeka kule ndawo ndikuyo ngoku? 17Kanti ke akwanelanga ukwenjenjalo kuphela, Thixo: ngoku uthetha nangekamva lendlu yesicaka sakho. Ewe, Ndikhoyo, Thixo wam, ude wandiphatha ngathi ndingumntu onewonga.
18“Mandithini, mna Davide, ukuthetha nawe, Ndikhoyo, wena osiwonga kangaka isicaka sakho? Kaloku uyabazi ubunjani besicaka sakho! 19Ngenxa yesicaka sakho, nangokuthanda kwakho, wenze le nto inkulu kangaka, waza wavakalisa nezi zithembiso zingaka.
20“Akakho onjengawe, Ndikhoyo, kungekho naThixo ngaphandle kwakho, njengoko sazivelayo ngezi zethu iindlebe. 21Ngoobani abanjengabantu bakho amaSirayeli? Kaloku wona asisizwe ekukuphela kwaso ehlabathini esiThixo waso waphumayo waya kuzikhululela abantu bakhe, ukuze uzenzele igama ngezigigaba ezimangalisayo, xa wawuqwakanisa izizwe uzigxotha khon' ukuze endaweni yazo kungene abantu owabakhulula kwelaseJiputa. 22Waza ke amaSirayeli wawenza abantu bakho ncakasana ngonaphakade. Wena ke, Ndikhoyo, waba nguThixo wabo.
23“Ngoku ke, Ndikhoyo, isithembiso osenzileyo ngokuphathelele kwisicaka sakho kunye nendlu yaso masibe njalo ngonaphakade. Yenza ngokwesithembiso sakho, 24ukuze sona sizinze, negama lakho libalasele ngonaphakade. Nabantu ke botsho bathi: ‘UNdikhoyo uSomandla, uThixo kaSirayeli, nguye uThixo wakhe.’ Nendlu yesicaka sakho uDavide ke iya kuzinza phambi kwakho.
25“Wena Thixo wam, usithyilele isicaka sakho ukuba uya kusakhela indlu. Yiyo ke loo nto isicaka sakho sibe nobuganga bokuthandaza kuwe. 26Wena Ndikhoyo, unguThixo! Isicaka sakho esi usenzele esi sithembiso sihle kangakanana. 27Wena ubone kufanelekile ukuba uyithamsanqele indlu yesicaka sakho esi, ukuze ihlale ikukhonza njalo. Kaloku wena Ndikhoyo, uyithamsanqele, ngoko ke yothamsanqeleka ngonaphakade!”

Currently Selected:

1 YEZIGANEKO 17: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy