YouVersion Logo
Search Icon

UZEFANIYA 1

1
Umgwebo kaYehova uhla phezu koYuda neYerusalem
1Ilizwi likaYehova elafika kuZefaniya unyana kaKushi, unyana kaGedaliya, unyana ka-Amariya, unyana kaHezekiya, ngemihla kaYosiya unyana ka-Amon, ukumkani wakwaYuda.
2Ndiya kususa ndiyisuse into yonke ehlabathini; utsho uYehova. 3Ndiya kususa abantu neenkomo; ndiya kususa iintaka zezulu, neentlanzi zolwandle; nezikhubekiso kunye nabangendawo; ndibanqamle abantu emhlabeni; utsho uYehova. 4Ndiya kusolula isandla sam phezu koYuda, naphezu kwabemi bonke baseYerusalem, ndinqamle kuyo le ndawo amasalela akwaBhahali,• negama lababingeleli abangengabo, kunye nababingeleli; 5nabaqubuda kumkhosi wezulu phezu kwezindlu, nabaqubudi abazinikela kuYehova ngesifungo, bafunge ukumkani wabo; 6nababuya umva kuYehova, nabangàmfunanga uYehova, abangàmquqelanga.
7Yithini tu ebusweni beNkosi uYehova; ngokuba isondele imini kaYehova; kuba uYehova ulungise umbingelelo, ungcwalise abamenywa bakhe. 8Kuya kuthi ngemini yombingelelo kaYehova, ndibavelele abathetheli, noonyana bokumkani, nabo bonke abambatha izambatho zolunye uhlanga. 9Ndobavelela ngaloo mini bonke abatsiba embundwini womnyango, abazalisa indlu yenkosi yabo ngogonyamelo nenkohliso. 10Kothi ngaloo mini, utsho uYehova, kuvele izwi lokukhala esangweni leentlanzi, kuvele nokubhomboloza kwesesibini isahlulo somzi, kuvele ukuqhekeka okukhulu ezindulini. 11Bhombolozani, bemi basemgongxweni, kuba badakile bonke abantu bakwaKanan, banqunyulwe bonke abathwali besilivere.
12Kuya kuthi ngelo xesha, ndiyigquthagquthe iYerusalem ndinezibane, ndiwavelele amadoda agovalele ezintsipheni zawo; atshoyo ukuthi ezintliziyweni zawo, UYehova akenzi kulungileyo, akenzi nakubi. 13Ubutyebi bawo buya kudywidwa, nezindlu zawo zibe ngamanxuwa; akhe izindlu, angazihlali; atyale izidiliya, angayiseli iwayini yazo.
14Isondele imini enkulu kaYehova, isondele, ikhawulezile kakhulu. Yivani, imini kaYehova! Liyakhala ngokukrakra khona igorha. 15Loo mini yimini yokuphuphuma komsindo, yimini yembandezelo nocutheko, yimini yentshabalala yakwantshabalala, yimini yobumnyama nesithokothoko, yimini yamafu, namafu amnyama; 16yimini yesigodlo nokuhlaba umkhosi emizini enqatyisiweyo, naseluqoqweni olude.
17Ndiya kubabandezela abantu, bahambe ngokweemfama, kuba bonile kuYehova; liphalàzwe igazi labo njengothuli, nenyama yabo njengobulongo. 18Nesilivere yabo negolide yabo ayisayi kuba nako ukubahlangula ngemini yokuphuphuma komsindo kaYehova; lotshiswa lonke ihlabathi ngumlilo wekhwele lakhe. Ngokuba uya kubaphelisa, inene, abènze into ekhwankqisayo bonke abemi behlabathi.

Currently Selected:

UZEFANIYA 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy