YouVersion Logo
Search Icon

UOBHADIYA 1

1
Ikratshi likaEdom liya kuthotywa noSirayeli aphakanyiswe
1Umbono kaObhadiya.
Itshilo iNkosi uYehova ngokusingisele kwelakwaEdom, ukuthi, Sivé udaba oluvela kuYehova, kuthunywe isigidimi ezintlangeni sokuthi, Sukani nime, sisukele phezulu kulo, silwe nalo.
2Yabonani, ndikwenzé wamncinane ezintlangeni, udelekile kakhulu. 3Ukukhukhumala kwentliziyo yakho kukulukuhlile, wena uhleliyo emfanteni wengxondorha, okhaya liphezulu, othi entliziyweni yakhe, Ngubani na oya kundihlisela ehlabathini? 4Ukuba ùthe wakhela phezulu njengexhalanga, nokuba ithe indlu yakho yabekwa phakathi kweenkwenkwezi, ndokuhlisa nalapho; utsho uYehova.
5Ukuba amasela ebethe eza kuwe, ukuba amanyangaza ebethe eza ebusuku (hayi, ukunqunyulwa kwakho!), ebengayi kuba anele na? Ukuba babethe beza kuwe abavuni beediliya, babengayi kushiya okungàbhikicwayo na? 6Hayi, ukuphengululeka kwezinto zakwaEsawu! Hayi ukukhanukwa kwezinto zakhe eziqhushekiweyo! 7Onke amadoda abenqophisene nawe akukhaphile, ada esa emdeni; akulukuhlile, akweyisile amadoda abexolelene nawe. Isonka sakho asenze inxeba okulalwa ngalo, phantsi kwakho. Akukho kuqonda kuye. 8Andiyi kuthi na ngaloo mini, utsho uYehova, ndizitshabalalise izilumko kwaEdom, neengqondi ezintabeni zakwaEsawu? 9Aya kuqhiphuka umbilini amagorha akho, Teman, ukuze banqanyulwe bonke ezintabeni zakwaEsawu ngokubulawa.
10Ngenxa yokumgonyamela kwakho umninawa wakho uYakobi, kuya kukugubungela ukudana, unqanyulwe ngonaphakade. 11Ngemini owabumi malunga naye, mini abasemzini bathimba ubutyebi bakhe, abolunye uhlanga béza emasangweni akhe, bayenzela amaqashiso iYerusalem: nawe wawunjengomnye wabo. 12Musa ukukhangela kwimini yomninawa wakho ngemini yeshwangusha lakhe, ungabavuyeleli oonyana bakaYuda ngemini yenkxwaleko yabo; ungàsineki ngemini yembandezelo. 13Musa ukungena esangweni labantu bam ngemini yeshwangusha labo, ungakhangeli nawe ebubini babo ngemini yeshwangusha labo, ungasi sandla ebutyebini babo ngemini yeshwangusha labo. 14Musa ukuma ekwahlukaneni kweendlela, ukuze unqumle abasabayo bakubo; ungabanikeli abaseleyo bakubo ngemini yembandezelo.
15Ngokuba isondele imini kaYehova kuzo zonke iintlanga. Njengoko wenzé ngako, kuya kwenjiwa njalo kuwe; okwenzileyo kuya kubuyela entlokweni yakho. 16Ngokuba njengoko niselé ngako entabeni yam engcwele, ziya kuhlala zisela ngokunjalo zonke iintlanga, zisèle zibizele, zibe njengabangàbángakho.
17Ke, entabeni yeZiyon kuya kubakho okusindileyo, kube yingcwele; indlu kaYakobi izihluthe iindawo eyazihluthwayo. 18Indlu kaYakobi iya kuba ngumlilo, nendlu kaYosefu ibe lilangatye; indlu kaEsawu ibe ziindiza, batshise phakathi kwabo, babadle, kungabikho usalayo wasendlwini kaEsawu; ngokuba uYehova uthethile. 19Abakwelasezantsi bozithimba iintaba zakwaEsawu; nabasezithabazini bahluthe amaFilisti; bahluthe isisimi sakwaEfrayim, nesisimi sakwaSamari; uBhenjamin ahluthe elaseGiliyadi. 20Abathinjwa bakule mpi yonyana bakaSirayeli baya kubahlutha abangamaKanan, bade base eTsarefa, abathinjwa baseYerusalem abaseSefaradi bahluthe imizi yelasezantsi. 21Konyuka abasindisi entabeni yeZiyon, ukuze bazigwebe iintaba zakwaEsawu, ubukumkani bube bobu kaYehova.

Currently Selected:

UOBHADIYA 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy