YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 7

7
Ukungakholwa kwabazalwana bakaYesu
1Emveni kwezi zinto, wayehamba uYesu kwelaseGalili; kuba ebengathandi ukuhamba kwelakwaYuda; ngokuba amaYuda ebefuna ukumbulala.
2Ke kaloku, wawukufuphi umthendeleko wamaYuda weminquba. 3Bathi ngoko kuye abazalwana bakhe, Gqitha apha, uye kwelakwaYuda, ukuze nabafundi bakho bayibone imisebenzi yakho oyenzayo. 4Kuba akukho namnye wenza into emfihlekweni, abe yena ngokwakhe efuna ukuba sekuhléni. Ukuba uyazenza ezi zinto, zibonakalise ngokwakho kwihlabathi. 5Kuba nabazalwana bakhe bebengakholwa kuye.
6Wathi ngoko uYesu kubo, Ixesha lam alikabikho, ke elenu ixesha lihlala lilungile. 7Ihlabathi alinakunithiya nina; mna ke liyandithiya, ngokuba mna ndingqina ngalo, ukuba imisebenzi yalo ayindawo. 8Nyukani nina, niye kulo mthendeleko; mna andikanyuki, ndiye kulo mthendeleko; ngokuba ixesha lam alikazaliseki. 9Akuba ke ezithethile ezi zinto kubo, wahlala kwelaseGalili.
UYesu ufundisa etempileni ngesidlo seminquba. Bazama ukumbamba
10Ke, bakuba benyukile abazalwana bakhe, wenyuka naye, waya emthendelekweni, kungekhona ekuhléni, kubusithela. 11Ayemfuna ngoko amaYuda emthendelekweni, esithi, Uphi na yena? 12Kwaye kukho ukukrokra okukhulu ngaye ebantwini; inxenye ibisithi, Ulungile; abanye ke besithi, Hayi, yena ulahlekisa uluntu olu. 13Noko ke bekungekho namnye ubethetha ngaye ngokusekuhléni, ngenxa yokoyika amaYuda.
14Ke kaloku, kwakubon' ukuba sekuphakathi komthendeleko, wenyuka uYesu waya etempileni, wafundisa. 15Ayemangaliswa amaYuda, esithi, Lo uyazi ngani na imfundo, engafundanga nje? 16Waphendula uYesu, wathi, Eyam imfundiso asiyam, yeyalowo wandithumayo. 17Ukuba kukho othi afune ukukwenza ukuthanda kwakhe, woyazi imfundiso le: ukuba iphuma kuThixo, nokuba mna ndithetha okukokwam, kusini na. 18Lowo uthetha okwakhe, ufuna olulolwakhe uzuko; ke lowo ufuna uzuko lowamthumayo, uyinene yena, akukho kungalungisi kuye. 19Umthetho aniwunikelwanga na nguMoses? Kanti ke akukho namnye kuni uwugcinayo umthetho; yini na ukuba nifune ukundibulala?
20Saphendula isihlwele sathi, Ùnedemon; ngubani na ofuna ukukubulala? 21Wapendula uYesu wathi kubo. Ndenzé umsebenzi wamnye, namangaliswa ke nonke. 22UMoses uninike ulwaluko ngenxa yoku, kungengenxa yokuba luphume kuMoses, kungenxa yokuba luphume kooyihlo. Niyamalùsa ke umntu nangesabatha. 23Ukuba umntu uyalùswa ngesabatha, ukuze ungaphulwa umthetho kaMoses, nindijalele na ngokuba ndiphilise umntu, waphila kwaphela, ngesabatha? 24Musani ukugweba ngokwembonakalo; gwebani ngomgwebo olungisayo.
25Babesithi ngoko abathile kwabaseYerusalem, Asinguye na lo bafuna ukumbulala? 26Niyabona, uthetha ngokuphandle, abathethi nto kuye; bangába kanti na ke bayazi okwenyaniso abaphathi, ukuba lo nguye uKristu• okwenyaniso? 27Thina siyamazi lo apho avela khona; xa sukuba ke uKristu• esiza, akukho namnye uya kumazi apho avela khona.
28Wadanduluka ke ngoko uYesu, efundisa etempileni, wathi, Nina niyandazi, nikwazi nalapho ndivela khona; andizanga ngokwam; uyinyaniso owandithumayo, eningamaziyo nina. 29Mna ke ndiyamazi; ngokuba ndivela kuye, waye yena endithumile. 30Babefuna ngoko ukumbamba; kodwa akubangakho namnye umsa isandla, ngokuba ilixa lakhe belingekafiki.
31Ke kaloku, into eninzi esihlweleni yakholwa kuye; yayisithi, uKristu•, xa athe wafika, angaba uya kwenza imiqondiso emininzi na kunale ayenzileyo lo? 32AbaFarisi beva abantu bezikrokrela ezi zinto ngaye; baza abaFarisi nababingeleli abakhulu bathuma amadindala, ukuba ambambe.
33Wathi ngoko uYesu kuwo, Liselixesha elifutshane endinani, ndizè ndiye kowandithumayo. 34Niya kundifuna, ningandifumani; nithi apho ndikhona mna, ningabi nakufika nina. 35Athi ngoko amaYuda phakathi kwawo, Úza kuya phi na lo, le nto singayi kumfumana thina? Angaba uza kuya kwiintsali ezikumaGrike, afundise amaGrike, yini na? 36Liyintoni na eli lizwi alithethileyo, lithi, Niya kundifuna, ningandifumani; nithi apho ndikhona mna, ningabi nakufika nina?
37Ke kaloku, ngomhla wokugqibela, ongowona mkhulu womthendeleko, wema uYesu, wadanduluka esithi, Ukuba kukho othi anxanwe, makeze kum asele. 38Lowo ukholwayo kum, njengoko satshoyo isibhalo, kuya kumpompoza imilambo yamanzi aphilileyo, iphuma embilinini wakhe. 39Oku wakutsho ke ngaye uMoya, ababeza kumamkeliswa abo bakholwayo kuye; kuba ebengekamkelwa uMoya oyiNgcwele; ngokuba uYesu ebengekazukiswa.
40Yaye ngoko into eninzi esihlweleni, yakuliva ilizwi elo, isithi, Lo nguye umprofeti, inyaniso. Babesithi abanye, Lo nguye uKristu•. 41Babesithi abanye, uKristu• angávela kwelaseGalili yini na? 42Asitshongo na isibhalo ukuthi, uKristu• uphuma embewini kaDavide, naseBhetelehem, umzana abekuwo uDavide? 43Ke ngoko sathi qheke kubini isihlwele ngenxa yakhe. 44Inxenye ke kubo yayithanda ukumbamba, kodwa akubangakho namnye umsa izandla.
45Afika ngoko amadindala kubabingeleli abakhulu nakubaFarisi; baza bona bathi kuwo, Kungani na ukuba ningezi naye? 46Aphendula amadindala athi, Akuzanga kuthethe mntu njengoko athetha ngako lo mntu. 47Bawaphendula ngoko abaFarisi, bathi, Ningaba nilahlekisiwe nani na? 48Kubaphathi nakubaFarisi kungaba kukho mntu ukholiweyo kuye yini na? 49Olu luntu lungawaziyo umthetho luqalekisiwe.
50Uthe uNikodemo kubo (lowo wezayo kuye ebusuku, engomnye kwabo), 51Umthetho wethu uyamgweba yini na umntu, ukuba awuthanga uve kuye kuqala, uqonde into ayenzayo? 52Baphendula bathi kuye, Ùngaba ungowelaseGalili nawe na? Phengulula ubone, ukuba akuveli mprofeti kwelaseGalili.
53Walowo ke waya kweyakhe indlu.

Currently Selected:

UYOHANE 7: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy