YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 8

8
Umfazi obanjwe ekrexeza
1UYesu ke yena waya eNtabeni yemiNquma. 2Uthe ke ngesifingo wabuya wafika etempileni; baye bonke abantu besiza kuye; wahlala phantsi, wabafundisa.
3Ababhali nabaFarisi bazisa ke kuye umfazi obanjwe ekrexeza; baza, bemmise phakathi, 4bathi kuye, Mfundisi, lo mfazi wabanjwa ekrexeza, kanye kuloo ntlondi. 5Ke kaloku, emthethweni uMoses wasimisela ukuthi, abanjalo mabagityiselwe ngamatye; ùthini na ke wena? 6Babesitsho ke bemhenda, ukuze babe nokummangalela; kodwa uYesu, ethobe phantsi, wabhala ngomnwe emhlabeni. 7Uthe ke bakumana bembuza, waphakama, wathi kubo, Ongenasono kuni makaqale amgibisele ngelitye. 8Wabuya wathoba phantsi, wabhala emhlabeni. 9Bathe ke bona bakuva, besohlwaywa naluvalo lwabo, baphuma ngabanye, beqalela kwabakhulu, kwada kwaba kwabokugqibela. Wasala yedwa uYesu, waye umfazi emi phakathi.
10Ephakamile ke uYesu, àkabona mntu kwakuphela ngumfazi lowo; wathi kuye, Mfazindini, baphi na abo bamangaleli bakho? Akukho ukugwebileyo na? 11Wathi ke yena, Noko amnye, Nkosi. Wathi ke uYesu kuye, Nam andikugwebi; hamba, ungabuye wone.
Ingxoxo kaYesu ngokuthunywa kwakhe nguThixo
12Wabuya ngoko uYesu wathetha kubo, esithi, Ndim ukhanyiselo lwehlabathi; lowo undilandelayo akasayi kuhamba ebumnyameni; yena uya kuba nalo ukhanyiso lobomi.
13Bathe ngoko abaFarisi kuye, Wena uyazingqinela, ubungqina bakho abunene. 14Waphendula uYesu wathi kubo, Nokuba ndithi ndizingqinele mna ngokwam, buyinene ubungqina bam; ngokuba ndiyazi apho ndavela khona, nalapho ndiya khona; ke nina anazi apho ndivela khona, nalapho ndiya khona. 15Nina nigweba ngokwenyama; mna andigwebi namnye. 16Nokuba ndithi ndigwebe mna, umgwebo wam uyinene; ngokuba andindedwa, ndim noBawo owandithumayo. 17Nasemthethweni wenu ke kubhaliwe kwathiwa, Ubungqina babantu ababini buyinene. 18Mna ndingulowo uzingqinelayo; uyandingqinela nalowo wandithumayo, uBawo.
19Bathi ngoko kuye, Uphi na uYihlo? Waphendula uYesu, wathi, Anindazi mna; animazi noBawo. Ukuba benindazi mna, ninge nimazi noBawo.
20Loo mazwi wawathetha uYesu ngasemkhumbini wokulondoloza imali, efundisa etempileni; akwabakho namnye umbambayo; ngokuba belingekafiki ilixa lakhe.
21Wabuya ngoko uYesu wathi kubo, Ndiyemka mna; niya kundifuna, nifele esonweni senu; apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina.
22Abesithi ngoko amaYuda, Angaba úya kuzibulala na, le nto athi, Apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina? 23Wathi kuwo, Nina ningabangaphantsi, mna ndingowangaphezulu; nina ningabeli hlabathi, mna andingoweli hlabathi. 24Ndatsho ngoko kuni ukuthi, Niya kufela ezonweni zenu; kuba ekubeni nithe anakholwa ukuba ndinguye, niya kufela ezonweni zenu.
25Abesithi ngoko kuye, Ùngubani wena? Wathi kuwo uYesu, Ndiyiloo nto ndayixelayo kuni kwasekuqaleni. 26Ndineendawo ezininzi zokuthetha nokugweba ngani; lowo wandithumayo uyinene; ndithi ke mna, izinto endazivayo kuye, ndithethe zona ezo kwihlabathi.
27Akaqondanga ukuba ebethetha ngoYise kuwo. 28Wathi ngoko uYesu kuwo, Xa nithe namphakamisa uNyana woMntu, noqonda oko ukuba ndinguye, nokuba andenzi nto ngokwam; ndisuka ndizithethe ezi zinto njengoko wandifundisayo uBawo. 29Lowo wandithumayo unam; uBawo akandishiyanga ndedwa; ngokuba mna ndihleli ndizenza izinto ezikholekileyo kuye.
30Akubon' ukuba uyazithetha ezi zinto, bakholwa kuye, baba baninzi. 31Ubesithi ngoko uYesu kuloo maYuda akholiweyo kuye, Ukuba nina nithe nahlala elizwini lam, noba ningabafundi bam, inyaniso. 32Naniya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.
33Amphendula, athi, Thina siyimbewu ka-Abraham; asizanga sibe sebukhobokeni nakubani; ùtsho ngani na wena ukuthi, Noba ngabakhululekileyo? 34Uwaphendule uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Bonke abenza isono bangamakhoboka esono. 35Ikhoboka ke alihlali endlwini ngonaphakade; ngunyana ohlala ngonaphakade. 36Ngoko ukuba uNyana uthe wanikhulula, noba nikhululekile inene. 37Ndiyazi ukuba niyimbewu ka-Abraham; ke nifuna ukundibulala, ngokuba ilizwi lam lingenakuhamba kuni. 38Mna ndithetha endikubonileyo kuBawo; nani ke nenza enikubonileyo kuyihlo.
39Aphendula athi kuye, Ubawo thina nguAbraham. Athi kuwo uYesu, Ukuba nibe ningabantwana baka-Abraham, ninge niyenza imisebenzi ka-Abraham. 40Kaloku ke, nifuna ukubulala mna, mntu unixelele inyaniso endayiva kuThixo; àkakwenzanga oko uAbraham. 41Nina nenza imisebenzi yooyihlo.
Athi ngoko kuye, Thina asizelwe ngabuhenyu, sinaBawo mnye, uThixo. 42Uthe ke uYesu kuwo, Ukuba uThixo ebenguYihlo, ninge nindithanda; kuba mna ndaphuma kuThixo, ndifikile ke; kuba andizanga ngokwam, nguye owandithumayo. 43Kungani na ukuba ningayiqondi intetho yam? Kungokuba ningenakuliva ilizwi lam. 44Nina ningaboyihlo uMtyholi, neenkanuko zoyihlo niyathanda ukuzenza. Yena waye esisibulala-mntu kwasekuqaleni; akemi enyanisweni, ngokuba akukho nyaniso kuye. Xa sukuba ethetha ubuxoki, uthetha okukokwakhe; ngokuba ulixoki, noyise wawo. 45Mna ke, ngokuba ndithetha inyaniso, anikholwa ndim. 46Ngubani na kuni ondohlwayayo ngenxa yesono? Ukuba ke ndithetha inyaniso, kungani na ukuba ningàkholwa ndim? 47Lowo ungokaThixo, uyaweva amazwi kaThixo; ngenxa yoko aniweva nina, ngokuba ningengabakaThixo.
48Aphendula ngoko amaYuda, athi kuye, Asilungisi na thina ukuthi ùngumSamariya wena, nokuthi ùnedemon? 49Waphendula uYesu wathi, Andinademon mna; ndibeka uBawo; nina ke nibe nindihlaza. 50Mna ke andifuni luzuko lwam; ukho lowo ufunayo, ugwebayo. 51Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba umntu uthe waligcina ilizwi lam, akasayi kuza abone kufa naphakade.
52Athi ngoko amaYuda kuye, Kukalokunje, siyazi ukuba unedemon. UAbraham wafa, nabo abaprofeti bafa, ube wena usithi, Ukuba umntu uthe waligcina ilizwi lam, akasayi kuza eve kufa naphakade. 53Wena ungaba umkhulu yini na kunobawo wethu uAbraham, yena wafayo? Nabaprofeti bafa; uzenza bani na wena? 54Waphendula uYesu wathi, Ukuba mna ndithi ndizizukise, uzuko lwam alungebi nto; nguBawo ondizukisayo; enithi nina nguThixo wenu. 55Kanti ke animazanga, mna ke ndiyamazi. Ukuba ke ndithe andimazi, ndoba ndilixoki njengani; ndiyamazi, ndiligcinile nelizwi lakhe. 56UAbraham, uyihlo, wagcobela ukuwubona umhla wam; wawubona, wavuya.
57Athi ngoko amaYuda kuye, Ungekabi naminyaka imashumi mahlanu nje, umbonile na uAbraham? 58Wathi kuwo uYesu, Inene, inene, ndithi kuni, Engekabikho uAbraham, mna ndikho kade.
59Ngoko achola amatye, ukuze amgibisele; wazímela ke uYesu, waphuma etempileni, wacanda phakathi kwawo; wenjenjalo ukudlula.

Currently Selected:

UYOHANE 8: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy