YouVersion Logo
Search Icon

UMIKA 7

7
Ukugonyamela nenkohlakalo eluntwini
1Athi ke mna! Kuba ndisuke ndaba njengokuhlanganiswa kweziqhamo zasehlotyeni, njengokubhikicwa kweediliya; akukho sihloko sakudliwa; akukho khiwane liqalelayo, linqwenelwayo ngumphefumlo wam. 2Udakile owenceba, àkabakho ehlabathini; akasekho nothe tye phakathi koluntu; bonke bephela balalela igazi, elowo uzingela umzalwana wakhe ngomnatha.
3Izandla zabo zozibini zisentweni embi ukuba ziyifeze; uthi umthetheli acele ngegunya, umgwebi enzele umvuzo; omkhulu yena uthetha ububi bomphefumlo wakhe; benjenjalo ke ukuyiphotha. 4Olungileyo kubo unjengomtholo, othe tye ugqithisele nakuthango lweminga; iyéza imini yababoniseli bakho, yokuvelelwa kwakho, kubekho ngoku ukudideka kwabo.
5Musani ukukholwa nguwenu, ningakholosi ngekholwane; nakolele esifubeni sakho, zígcine iingcango zomlomo wakho. 6Ngokuba unyana úmenza isidenge uyise, intombi isukela phezulu kunina, umolokazana kuninazala; iintshaba zomntu ngabantu bendlu yakhe.
Inkoloseko kaSirayeli kuThixo
7Mna ke ndiya kuqwalasela kuYehova; ndiya kulindela kuThixo wokusindiswa kwam; úya kundiva uThixo wam. 8Musa ukundivuyelela, lutshaba lwam; kuba, ndíwile nje, ndiya kubuya ndivuke; kuba, ndíhleli emnyameni nje, uYehova uya kuba kukukhanya kum. 9Ukujala kukaYehova ndiya kukuthwala, kuba ndonile kuye, ade andithethelele etyaleni lam, andilungisele; uya kundikhuphela ekukhanyeni; ndiya kububona ubulungisa bakhe. 10Ke utshaba lwam luya kubona, lugutyungelwe kukudana, obe lusithi kum, Uphi na uYehova, uThixo wakho? Amehlo am aya kulubona; kungoku luya kunyathelwa njengodaka lwezitrato.
11 Iyéza imini yokwakhiwa kweendonga zakho; ngaloo mini úya kuba kude ummiselo. 12Ngaloo mini boza kuwe, bevela eAsiriya nasemizini yaseYiputa, bethabathela eYiputa, bade base kuwo uMlambo;• bethabathela elwandle, base elwandle; bethabathela entabeni base entabeni. 13Kuya kuba senkangala elizweni, ngenxa yabemi balo, ngenxa yeziqhamo zeentlondi zabo.
14Yalusa abantu bakho ngentonga yakho, iigusha zelifa lakho, ezihleli zodwa, ehlathini phakathi kweKarmele; mazidle eBhashan nakwelaseGiliyadi, ngokweemini zasephakadeni. 15Ngokweemini zokuphuma kwakho ezweni laseYiputa, ndiya kubabonisa imisebenzi ebalulekileyo. 16Iintlanga ziya kubona, zibudanele ubugorha bazo bonke; ziya kubeka isandla emlonyeni, iindlebe zazo ziya kuba zizithulu. 17Ziya kukhotha uthuli njengenyoka, njengezinambuzane zehlabathi; ziya kuphuma zigungqa ekuvingcelweni kwazo; ziya kuya zinkwantya kuYehova uThixo wethu, zoyike phambi kwakho.
Iinceba zikaThixo ezingenamlinganiselo
18Ngubani na onguThixo onjengawe, oxolela ubugwenxa, adlule esikreqweni samasalela elifa lakhe? Akawugcini unaphakade umsindo wakhe; kuba yena uthanda ukwenza inceba. 19Wóbuya abe nemfesane kuthi, abunyathelele phantsi ubugwenxa bethu; wòziphosa ezinzulwini zolwandle zonke izono zabo. 20Ùya kumnika uYakobi inyaniso, umnike uAbraham inceba, owabafungela yona oobawo kususela kwimihla yamandulo.

Currently Selected:

UMIKA 7: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy