YouVersion Logo
Search Icon

UMATEYU 24

24
Iziprofeto ezimalunga nokutshatyalaliswa kwetempile nesiphelo samaxesha
(UMarko 13; uLuka 21:5-36)
1Ephumile uYesu, wemka etempileni; bathe abafundi bakhe beza kumbonisa izakhiwo zetempile. 2Wathi ke uYesu kubo, Niyazibona na zonke ezi zinto? Inene, ndithi kuni, Akusayi kusala apha ilitye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa.
3Ke kaloku, akubon' ukuba uhleli eNtabeni yemiNquma, beza kuye abafundi bebodwa, bathi, Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto; úya kuba yini na umqondiso wokufika kwakho, nowokupheliswa kwephakade eli?
4Waphendula uYesu wathi kubo, Lumkani ningalahlekiswa mntu. 5Kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguKristu,• balahlekise into eninzi. 6Niya kuthi ke nive iimfazwe namarhe eemfazwe; lumkani ningabi navuso, kuba zonke ezo zinto zimele ukuhla; kanti kona ukuphela akukabikho. 7Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iindlala, neendyikitya zokufa, nezinyikimo zomhlaba kwiindawo ngeendawo.
8Zonke ke ezo zinto zikukuqaleka kwenimba. 9Ngelo xesha baya kuninikela ekubandezelweni, banibulale; niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam. 10Ngelo xesha baninzi abaya kukhutyekiswa, banikelane, bathiyane. 11Kwaye kuya kuvela abaprofeti ababuxoki babe baninzi, balahlekise abantu abaninzi. 12Nangenxa yokwanda kokuchasa umthetho, luya kuphola uthando lwabaninzi. 13Ke onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa. 14Zaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.
15Xa ke ngoko nithe nalibona isikizi lesiphanziso,• ekwakuthethwa lona ngoDaniyeli umprofeti, limi endaweni engcwele (olesayo makaqiqe), 16ngelo xesha mabathi abakwelakwa Yuda basabele ezintabeni. 17Ophezu kwendlu makangehli aye kuthabatha into endlwini yakhe; 18nosentsimini makangabuyeli emva aye kuthabatha iingubo zakhe. 19Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla!
20Thandazani ke, ukuba intsabo yenu ingabi khona ebusika nangesabatha. 21Kuba ngelo xesha kuya kubakho imbandezelo enkulu, ekungazanga kubekho injalo kwasekuqalekeni kwehlabathi, kwada kwaba kalokunje, ekungasayi kubuye kubekho injalo. 22Kanjalo ukuba ibingayi kuthi loo mihla inqanyulelwe, bekungayi kubakho nyama isindayo; ngenxa ke yabanyuliweyo, loo mihla iya kunqanyulelwa.
23Ngelo xesha, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu, nokuba uthe, Nankuya phaya, musani ukuholwa. 24Kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso emikhulu nezimanga, ngokokude bathi, ukuba bekunokwenzeka, balahlekise nabanyuliweyo. 25Yabonani, ndinixelele ngenxa engaphambili. 26Ukuba ngoko bathi kuni, Nanko entlango, musani ukuphuma niye. Nokuba bathi, Nanko emagumbini, musani ukukholwa. 27Kuba kwanjengokuba umbane uthi uphume empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga, kuya kuba njalo nokufika koNyana woMntu. 28Kuba apho sukuba sikhona isidumbu, aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.
29Kwaoko ke, emveni kwembandezelo yaloo mihla, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ifiphale, zithi neenkwenkwezi ziwe ezulwini, athi namandla amazulu azanyazanyiswe. 30Uya kubonakala ngelo xesha umqondiso woNyana woMntu ezulwini; zimbambazele ngelo xesha zonke izizwe zomhlaba, zimbone uNyana woMntu esiza phezu kwamafu ezulu, enamandla, nobuqaqawuli obukhulu. 31Wozithuma izithunywa zakhe zasemazulwini, zinexilongo elisandi sikhulu, zihlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omané omoya, kuthabathela esiphelweni sezulu, kude kuse kwesinye isiphelo salo.
32Wufundeni ke umzekeliso kuwo umkhiwane: xa selithe lathamba isebe lawo, lahluma amagqabi, niyazi ukuba likufuphi ihlobo. 33Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazibona zonke ezo zinto, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango. 34Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana, zingadanga zonke ezo zinto zibekho. 35Liya kudlula izulu nomhlaba, ke wona amazwi am akasayi kudlula.
Phaphani!
36Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa; àzazi nezithunywa zamazulu, nguBawo yedwa. 37Ke kaloku, njengokuba ibinjalo imihla kaNowa, koba njalo nokufika koNyana woMntu. 38Kuba njengokuba babesithi, ngemihla ebingaphambi konogumbe, badle, basele, bazeke, bendise, kwada kwayimini awangena ngayo emkhombeni uNowa, 39bengaqondanga, wada wafika unogumbe, wabakhukulisa bonke: koba njalo nokufika koNyana woMntu. 40Ngelo xesha ababini boba sentsimini, athi omnye amkelwe, omnye ashiywe. 41Abafazi ababini boba besila etyeni lokusila, athi omnye amkelwe, omnye ashiywe.
42Phaphani ngoko; ngokuba ningazi ukuba lilixa liphi na eza ngalo iNkosi yenu. 43Yazini ke oku, ukuba ebesazi umninindlu ukuba isela liza ngawuphi na umlindo wobusuku, ange elindile, akavuma ukuba indlu yakhe igqojozwe. 44Ngenxa yoko yibani nilungile nani, ngokuba uNyana woMntu uza ngelixa eningalikhumbuleliyo.
Umzekeliso wabakhonzi ababini
(ULuka 12:42-48)
45Ngubani na ke loo mkhonzi uthembekileyo, uqondayo, eyathi inkosi yakhe yammisa phezu kwabendlu yayo, ukuze abanike ukudla ngexesha elifanelekileyo? 46Unoyolo loo mkhonzi, iya kuthi yakufika inkosi yakhe imfumane esenjenjalo. 47Inene ndithi kuni, iya kummisa phezu kwayo yonke impahla yayo. 48Ukuba ke umkhonzi lowa ukhohlakeleyo uthe entliziyweni yakhe, Inkosi yam ilibele, 49ayizi, aqale ababethe abakhonza kunye naye, adle ke, asele nabanxilayo, 50iya kufika inkosi yaloo mkhonzi ngemini angayikhangeleyo, nangelixa angalaziyo, 51imsike kubini, immisele isabelo sakhe nabahanahanisi; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.

Currently Selected:

UMATEYU 24: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy