YouVersion Logo
Search Icon

ULUKA 23

23
UYesu phambi koPilato noHerode
(UMat. 27:1,2,11-31)
1Yesuka yonke inkitha yabo, yamrholela kuPilato. 2Baqala ke ukummangalela, besithi, Simfumene lo elulahlekisa uhlanga, engavumi ukuba kunikelwe irhafu kuKesare,• esithi, únguKristu• uKumkani yena ngokwakhe. 3UPilato wambuza ke, esithi, Ùnguye na uKumkani wamaYuda? Umphendule ke yena wathi, Nawe utsho. 4Uthe ke uPilato kubabingeleli abakhulu nakwizihlwele, Andifumani tyala kuló mntu. 5Kwaba kukhona ke bajokisayo, besithi, Ùxhokonxa abantu, efundisa kulo lonke elakwaYuda, eqalele kwelaseGalili, wada wezisa apha.
6Ke kaloku uPilato, akuva elaseGalili, wabuza ukuba umntu lo ngowaseGalili na. 7Wathi, akuqonda ukuba ngowasebukhosini bukaHerode, wamthumela kuHerode, obe eseYerusalem naye ngaloo mihla.
8Ke kaloku uHerode, akumbona uYesu, wavuya kunene; kuba bekumzuzu ethanda ukumbona, ngenxa yokuba ebeve kuthethwa izinto ezininzi ngaye; kanjalo wayethembe ukubona umqondiso usenziwa nguye. 9Wayembuza ke amazwi amaninzi; ke yena akamphendulanga nento.
10Bema ke ababingeleli abakhulu nababhali, bemmangalela kabukhali. 11UHerode ke, kwanempi yakhe, wamenza into engento, wadlala ngaye, wamthi wambu ngengubo eqaqambileyo, wamthumela kuPilato. 12Ngaloo mini baba zizihlobo ke uPilato noHerode; kuba ngenxa engaphambili babenobutshaba phakathi kwabo.
13Ke kaloku uPilato, ebabizele ndawonye ababingeleli abakhulu, nabaphathi bamaYuda, nabantu, wathi kubo, 14Nizise kum lo mntu, ngathi ngophambukisa abantu; niyabona ke, ndimncinile mna emehlweni enu, andafumana tyala kulo mntu, kwezo zinto nimmangalele ngazo; 15kwanoHerode, kuba ndanithumela kuye. Nanku ke kungekho nto ifanelwe kukufa, yenziwe nguye. 16Ndothi ke ngoko, ndakumbetha, ndimkhulule.
17Ke kaloku, ubemelwe kukuthi abakhululele umbanjwa abe mnye, imithendeleko ngemithendeleko. 18Bankqangaza ke ngokuphela kwabo, besithi, Msuse lo, usikhululele uBharabhas, 19owayethe, ngenxa yesaqunge esithile, esibe senziwe phakathi komzi, kwanokubulala, waphoswa entolongweni.
20Waphinda ngoko uPilato wathetha nabo, efuna ukumkhulula uYesu. 21Ke bona bamana benkqangaza, besithi, Bethelela emnqamlezweni; mbethelele emnqamlezweni. 22Uthe ke yena okwesithathu kubo, Kuba enzé bubi buni na lo? Andifumananga tyala lakufa kuye; ndothi ngoko, ndakumbetha, ndimkhulule. 23Bamxina ke bona ngezandi ezikhulu zamazwi, becela ukuba abethelelwe emnqamlezweni; aza ke eyisa amazwi abo, nawababingeleli abakhulu. 24Usuke ke uPilato wagweba ngelithi, masenziwe isicelo sabo. 25Wabakhululela ke owayethe ngenxa yesaqunge nokubulala waphoswa entolongweni, lowo babecela yena; wamnikela ekuthandeni kwabo uYesu.
Endleleni eya eGologota
26Kuthe ke xa bamrholayo, babamba Simon uthile, waseKirene, obevela emaphandleni; bawubeka phezu kwakhe umnqamlezo, ukuba awuthwale emva koYesu.
27Wayelandelwa ke yinkitha eninzi yabantu, neyabafazi ababemmbambazelela, bemlilela. 28Wabaguqukela ke uYesu, wathi, Zintombi zaseYerusalem, musani ukundililela mna; kanye zilileleni nina, nabantwana benu; 29ngokuba, yabonani, kuza imihla abaya kuthi ngayo, Banoyolo abaziindlolo, nezizalo ezingazalanga, namabele anganyisanga. 30Oko baya kuqala bathi ezintabeni, Siweleni; nasezindulini, Sigubungeleni. 31Ngokuba ukuba benza ezi zinto komanzi umthi, kuya kuba njani na kowomileyo?
Ukubethelelwa emnqamlezweni
(UMat. 27:33-56)
32Ke kaloku baberhola nabanye abangabámbi, bebabini, bengabenzi bobubi, beya kubulawa kunye naye. 33Bathi ke bakufika kwindawo le kuthiwa luKakayi, bambethelela emnqamlezweni khona apho, kwanabenzi bobubi abo, omnye ngasekunene, nomnye ngasekhohlo. 34Wathi ke uYesu, Bawo, baxolele; kuba abayazi into abayenzayo.
Bathi ke, besabelana ngeengubo zakhe, benza amaqashiso. 35Baye bemi abantu bebonela. Babemsinekela ke nabaphathi bamaYuda kunye nabo, besithi, Wabasindisa abanye; makazisindise, ukuba lo unguye uKristu, umnyulwa kaThixo. 36Ayedlala ngaye ke namasoldati, esiza asondeze iviniga kuye, esithi, 37Ukuba wena ungyuye uKumkani wamaYuda, zisindise. 38Kwaye ke kubhalwe nombhalo ngaphezu kwakhe, ngamagama esiGrike, nawesiRoma, nawesiHebhere, kwathiwa, LO NGUKUMKANI WAMAYUDA.
39Ke kaloku, omnye wabenzi bobubi ababexhonyiwe wayemnyelisa, esithi, Ukuba wena unguye uKristu, zisindise, nathi usisindise. 40Waphendula ke omnye wamkhalimela, esithi, Akumoyiki na wena uThixo, ukwakoku kugwetywa nje? 41Thina ke okunene sigwetywe ngobulungisa, kuba samkela okufanele esakwenzayo; kodwa yena lo akenzanga nto ingendawo. 42Wathi kuYesu, Uze undikhumbule, Nkosi, xa uthe weza usebukumkanini bakho. 43UYesu wathi kuye, Inene, ndithi kuwe, Namhlanje ùya kuba nam eParadisi.•
44Ke kaloku, kwakumalunga nelixa lesithandathu, kwaza kwakho ubumnyama phezu kwawo umhlaba uphela, kwada kwaba lilixa lesithoba. 45Lenziwa mnyama ilanga; isikhuselo sendawo eyingcwele sakrazuka phakathi. 46Wadanduluka ngezwi elikhulu uYesu, wathi, Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya wam. Uthe akuba etshilo, waphuma umphefumlo.
47Ke kaloku umthetheli-khulu, akukubona okuhlileyo, wazukisa uThixo, esithi, Inene, lo mntu ubelilungisa. 48Zathi zonke izihlwele ezabe zibuthelene kuloo mbonelo, zakukubona okuhlileyo, zabuya zibetha izifuba zazo. 49Baye ke bonke abazana naye bemi kude, nabafazi ababelandelene naye, bevela kwelaseGalili, bezikhangela ezi zinto.
Umngcwabo kaYesu
(UMat. 27:57-66)
50Kwaye ke kukho indoda egama linguYosefu, engumphakathi, indoda elungileyo, 51elilungisa (yona yayingavumelananga necebo labo, nesenzo sabo), eyaseArimatiya, umzi wamaYuda, eyayibulindile nayo ubukumkani bukaThixo; 52eyathi yona yeza kuPilato, yawucela umzimba kaYesu. 53Yawuthula, yawusongela kwilinen entle; yawubeka engcwabeni elixholwe etyeni, ekungazanga kulale bani kulo.
54Loo mhla wawungowokulungiselela, nesabatha ibisondele. 55Ke kaloku nabafazi abalandeláyo, abeza naye bephuma kwelaseGalili, balikhangela ingcwaba, nokubekwa komzimba wakhe. 56Babuya ke, balungisa ubulawu namafutha aqholiweyo.
Bathi ngesabatha baphumla ngokomthetho.

Currently Selected:

ULUKA 23: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy