YouVersion Logo
Search Icon

UYOSHUWA 24

24
Ukufa kukaYoshuwa; uhlaziyo lomnqophiso
1Wazihlanganisa uYoshuwa zonke izizwe zakwaSirayeli kwaShekem, wawabiza amadoda amakhulu amaSirayeli, neentloko zawo, nabagwebi bawo, nababhali bawo; bazimisa phambi koThixo.
2Wathi uYoshuwa kubo bonke abantu, Utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ooyihlo babehleli phesheya koMlambo• kususela kwaphakade, ooTera, uyise ka-Abraham, uyise kaNahore; babekhonza thixo bambi. 3Ndamthabatha uyihlo uAbraham phesheya koMlambo, ndamhambisa ezweni lonke lakwaKanan, ndayandisa imbewu yakhe, ndamnika uIsake. 4UIsake ndamnika uYakobi noEsawu; uEsawu ndamnika iintaba zakwaSehire, ukuba azimé; ke uYakobi noonyana bakhe behla baya eYiputa. 5Ndathuma uMoses noAron, ndayihlisela izibetho iYiputa, njengoko ndenzayo phakathi kwayo; emveni koko ndanikhupha. 6Ndabakhupha ooyihlo eYiputa, nafika elwandle; amaYiputa abasukela ooyihlo ngeenqwelo zokulwa nangabamahashe, beza kuLwandle oluBomvu.• 7Bakhala kuYehova; wabeka isithokothoko phakathi kwenu namaYiputa, wawazisela ulwandle, wawagubungela; amehlo enu akubona oko ndakwenzayo eYiputa.
Nahlala entlango imihla emininzi. 8Ndaningenisa ezweni lama-Amori, abehleli phesheya kweYordan, alwa nani; ndawanikela esandleni senu, nalihlutha ilizwe lawo; ndawatshabalalisa phambi kwenu. 9Wesuka uBhalaki unyana kaTsipore, ukumkani wakwaMowabhi, walwa namaSirayeli; wathuma, wabiza uBhileham unyana kaBhehore, ukuba aniqalekise. 10Andavuma ukumphulaphula uBhileham; wanisikelela, akayeka, ndanihlangula esandleni sakhe.
11Nayiwela iYordan, nafika eYeriko; balwa nani abemi baseYeriko, ama-Amori, namaPerizi, namaKanan, namaHeti, namaGirgashi, namaHivi, namaYebhusi, ndabanikela esandleni senu. 12Ndathuma oonomeva phambi kwenu, babagxotha phambi kwenu ookumkani ababini bama-Amori, kungengakrele lakho, kungengasaphetha sakho. 13Ndaninika ilizwe eningaxhamlekanga ngalo, nemizi eningayakhanga, nahlala ke kuyo; nezidiliya, nezinquma eningazityalanga niyazidla ke.
14Moyikeni ke ngoko uYehova, nimkhonze ngokugqibeleleyo, nangenyaniso. Susani oothixo, ababekhonza bona ooyihlo phesheya koMlambo, naseYiputa, nimkhonze ke uYehova. 15Ke ukuba kubi emehlweni enu ukumkhonza uYehova, zinyuleleni namhla oyena niya kumkhonza; nokuba ngoothixo ababekhonza bona ooyihlo, ababephesheya koMlambo, nokuba ngoothixo bama-Amori, enihleli ezweni lawo. Ke mna nendlu yam siya kukhonza uYehova.
16Baphendula abantu, bathi, Makube lé kuthi ukumshiya uYehova, sikhonze thixo bambi. 17Kuba uYehova, uThixo wethu, nguye osinyusileyo thina noobawo bethu ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka; owayenzela emehlweni ethu loo miqondiso mikhulu, wasigcina endleleni yonke esahamba ngayo, nasezizweni zonke esacanda phakathi kwazo. 18Waza wazigxotha uYehova zonke izizwe, nama-Amori abehleli kwelo zwe phambi kwethu. Nathi siya kukhonza uYehova; kuba nguThixo wethu.
19Wathi uYoshuwa kubo abantu, Aninakumkhonza uYehova; ngokuba nguThixo oyingcwele, nguThixo onekhwele; akayi kuzithwala izikreqo zenu, nezono zenu. 20Xa nithe namshiya uYehova, nakhonza oothixo bolunye uhlanga, wojika anenzele ububi anigqibele emveni kokuba enenzele okuhle.
21Bathi abantu kuYoshuwa, Hayi, siya kukhonza uYehova thina. 22Wathi uYoshuwa kubo abantu, Ningamangqina ngakuni, ukuba nina nizinyulele uYehova ukuba nimkhonze. Bathi, Singamangqina. 23Wathi, basuseni ngoko oothixo bolunye uhlanga abaphakathi kwenu, nimthobele ngeentliziyo zenu uYehova, uThixo kaSirayeli. 24Bathi abantu kuYoshuwa, Siya kukhonza uYehova uThixo wethu, siliphulaphule ilizwi lakhe.
25UYoshuwa wenza ke umnqophiso nabantu ngaloo mhla; wabamisela imimiselo namasiko kwaShekem. 26Wawabhala uYoshuwa la mazwi encwadini yomyalelo kaThixo, wathabatha ilitye elikhulu, walimisa khona phantsi komoki• osendaweni engcwele kaYehova. 27Wathi uYoshuwa kubo bonke abantu, Yabonani, eli litye liya kuba lingqina ngathi; ngokuba liwavile lona onke amazwi kaYehova, awathethileyo nathi; libe lingqina ngani, hleze nimkhanyele uThixo wenu. 28Wabandulula ke uYoshuwa abantu; elowo waya elifeni lakhe.
29Kwathi emveni koko, wafa uYoshuwa unyana kaNun, umkhonzi kaYehova, eminyaka ilikhulu elinashumi-nye ezelwe. 30Bamngcwabela emdeni welifa lakhe, eTimnati-sera, kweleentaba lakwaEfrayim, entla kwentaba yaseGahashe. 31AmaSirayeli amkhonza uYehova yonke imihla kaYoshuwa, nemihla yonke yamadoda amakhulu awasalayo kuYoshuwa, abewazi wonke umsebenzi kaYehova abewenzele amaSirayeli.
32Amathambo kaYosefu, ababenyuke nawo eYiputa oonyana bakaSirayeli, bawangcwabela kwaShekem, kwisiziba somhlaba awasithengayo uYakobi koonyana bakaHamore, usoShekem, ngekhulu lesilivere; saba lilifa loonyana bakaYosefu. 33NoElazare unyana ka-Aron wafa; bamngcwabela endulini kaPinehasi, unyana wakhe, awayinikwayo kweleentaba lakwaEfrayim.

Currently Selected:

UYOSHUWA 24: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy