YouVersion Logo
Search Icon

UYOSHUWA 22

22
Izizwe ezibini ezinesiqingatha ziphindiselwa emakhayeni azo
1Wandula uYoshuwa ukuwabiza amaRubhen, namaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, wathi kuwo, 2Nikugcinile konke, uMoses umkhonzi kaYehova abeniwisele ngako umthetho, naliphulaphula izwi lam ezintweni zonke endiniwisele umthetho ngazo. 3Anibashiyanga abazalwana benu ezi mini zininzi unanamhla; ke nisigcinile isigxina somthetho kaYehova uThixo wenu. 4Kaloku uYehova, uThixo wenu, ubaphumzile abazalwana benu, njengoko wathethayo kubo. Kaloku ke jikani, niye ezintenteni zenu, ezweni lelifa lenu, abeninike lona uMoses, umkhonzi kaYehova, phesheya kweYordan. 5Kodwa gcinani kunene ukuba niwenze umthetho nomyalelo awaniwiselayo uMoses, umkhonzi kaYehova, wokuba nimthande uYehova uThixo wenu, nihambe ngeendlela zakhe zonke, niyigcine imithetho yakhe, ninamathele kuye, nimkhonze ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke.
6Wabasikelela uYoshuwa, wabandulula; baya ezintenteni zabo.
7UMoses ebesinikile ilifa isiqingatha sesizwe sakwaManase eBhashan; esinye isiqingatha saso uYoshuwa wasinika kunye nabazalwana baso nganeno kweYordan, ngasentshonalanga. Kananjalo xenikweni uYoshuwa wasindululela ezintenteni zaso, wasisikelela naso. 8Wathi kuso, Buyelani ezintenteni zenu, ninobutyebi obukhulu, ninengqwebo eninzi kunene, nesilivere, negolide, nobhedu, nesinyiti, neengubo ezininzi kunene. Yabelanani nabazalwana benu ngamaxhoba eentshaba zenu.
Imfazwe yamakhaya iyathintelwa
9Babuya ke oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sesizwe soonyana bakaManase, besuka koonyana bakaSirayeli eShilo esezweni lakwaKanan, ukuba baye ezweni laseGiliyadi, ezweni lelifa labo, ababelizuzile ngokomlomo kaYehova ngesandla sikaMoses. 10Bafika emimandleni yaseYordan, esezweni lakwaKanan.
Oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase bákha khona isibingelelo ngaseYordan, isibingelelo esikhulu, esibonakalayo. 11Beva ke oonyana bakaSirayeli, kusithiwa, Yabonani, oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, bakhé isibingelelo malunga nelizwe lakwaKanan, emimandleni yaseYordan, ngecala elingaphesheya koonyana bakaSirayeli. 12Beva ke oonyana bakaSirayeli, balibizela ndawonye lonke ibandla loonyana bakaSirayeli eShilo, ukuba kunyukwe kuyiwe kubo, kuliwe nabo. 13Oonyana bakaSirayeli bathuma uPinehasi, unyana kaElazare umbingeleli, koonyana bakaRubhen, nakoonyana bakaGadi, nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase, 14elizweni laseGiliyadi, enezikhulu ezilishumi, sasinye isikhulu, sasinye isikhulu endlwini yooyise ezizweni zonke zakwaSirayeli, zingamadoda aziintloko zezindlu zooyise emawakeni akwaSirayeli.
15Baya ke koonyana bakaRubhen, nakoonyana bakaGadi, nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase, ezweni laseGiliyadi; bathetha kubo, besithi, 16Litsho lonke ibandla likaYehova, ukuthi, Bubumenemene buni na obu nimeneza ngabo kuThixo kaSirayeli, nibuya nje namhla ekumlandeleni uYehova, ngokuzakhela isibingelelo, ukuba nigwilike kuYehova namhla? 17Yinto encinane na kuthi ubugwenxa bukaPehore, esingekazihlambululi kubo unanamhla, saza isibetho saba sebandleni likaYehova, 18nina nibuya nje namhla ekumlandeleni uYehova? Kothi, nigwilike kuYehova nina namhla, ngomso abe noburhalarhume yena kwibandla lonke lakwaSirayeli. 19Inene, ukuba nithi liyinqambi ilizwe lelifa lenu, welani nize ezweni lelifa likaYehova, apho umnquba kaYehova ukhona, nime phakathi kwethu. Ke musani ukugwilika kuYehova, musani ukugwilika kuthi ngokuzakhela isibingelelo esingesiso isibingelelo sikaYehova uThixo wethu. 20Akamenezanga yini na uAkan, unyana kaZera, ngobumenemene entweni esingelwe phantsi, kwaza kwabakho uburhalarhume phezu kwebandla lonke lamaSirayeli? Loo mntu mnye akatshabalalanga yedwa ngobugwenxa bakhe.
21Baphendula oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sesizwe soonyana bakaManase, bathetha neentloko zamawaka akwaSirayeli, bathi, 22UThixo, uThixo uYehova, uThixo, uThixo uYehova, uyazi, amaSirayeli ayakwazi, ukuba oko kwenziwe ngokugwilika na, nangokumeneza kuYehova. 23Ùze ungàsisindisi namhlanje, ukuba sizakhéle isibingelelo sokusibuyisa ekulandeleni uYehova, nokuba sinyusa phezu kwaso idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, nokuba senzele phezu kwaso imibingelelo yoxolo: uYehova ngokwakhe makakubuze oko. 24Inene, siyenze le nto ngesithukuthezi, ngethuba lokuthi, Ngexesha elizayo bothi oonyana benu koonyana bethu, Yintoni na enani noYehova, uThixo kaSirayeli? 25UYehova umise umda oyiYordan phakathi kwethu nani, nyana bakaRubhen, nyana bakaGadi; aninasabelo kuYehova nina: oonyana benu bénze ukuba oonyana bethu bayeke ukumoyika uYehova. 26Sithé ke, Makhe sizenzele, sizakhele isibingelelo, singesadini linyukayo, singesambingelelo; 27sibe lingqina phakathi kwethu nani, naphakathi kwezizukulwana zethu emva kwethu, ukuba sisébenze umsebenzi kaYehova phambi kwakhe ngamadini ethu anyukayo, nangemibingelelo yethu, nangemibingelelo yethu yoxolo; ukuze bangàtsho oonyana benu ngexesha elizayo koonyana bethu, ukuthi, Aninasabelo kuYehova nina. 28Sathi ke, Kothi, xa bathe batsho kuthi, nakwizizukulwana zethu ngexesha elizayo, sibe nako ukuthi, Khangelani imfano yesibingelelo sikaYehova abayenzáyo oobawo, ingeyadini linyukayo, ingeyambingelelo, ilingqina phakathi kwethu nani. 29Makube lé kuthi ngenxa yakhe ukuba sigwilike kuYehova, sibuye namhla ekumlandeleni uYehova, silakhele isibingelelo idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, nombingelelo, esingesiso isibingelelo sikaYehova uThixo wethu, esiphambi komnquba wakhe.
30Amazwi aba wathetháyo oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, noonyana bakaManase, waweva uPinehasi umbingeleli, nezikhulu zebandla, neentloko zamawaka akwaSirayeli ezazinaye, alunga emehlweni abo. 31Wathi ke uPinehasi unyana kaElazare, umbingeleli, koonyana bakaRubhen, nakoonyana bakaGadi, nakoonyana bakaManase, Namhla siyazi ukuba uYehova uphakathi kwethu, ngokuba ningabenzanga obo bumenemene kuYehova. Ngale nto nibahlángule oonyana bakaSirayeli esandleni sikaYehova. 32Wabuya ke uPinehasi unyana kaElazare, umbingeleli, nezikhulu ezo, koonyana bakaRubhen, nakoonyana bakaGadi, ezweni laseGiliyadi; beza ezweni lakwaKanan, koonyana bakaSirayeli, bebabuyisela ilizwi. 33Ilizwi elo lalunga emehlweni oonyana bakaSirayeli. Oonyana bakaSirayeli bambonga uThixo, ababa sathetha ngokunyuka baye kubo ngobumpi, balitshabalalise ilizwe abahleli kulo oonyana bakaRubhen noonyana bakaGadi. 34Oonyana bakaRubhen noonyana bakaGadi basibiza isibingelelo ngokuthi, Lingqina phakathi kwethu ukuba uYehova unguye uThixo.

Currently Selected:

UYOSHUWA 22: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy