UYOBHI 25
25
Intetho yokugqibela kaBhiledadi
1Wasusela uBhiledadi wakwaShuwa, wathi,
2Ulawulo nonkwantyiso lunaye;
Wenza uxolo ezindaweni zakhe eziphezulu.
3Inokubalwa na imikhosi yakhe?
Ngubani na ongàphunyelwayo kukukhanya kwakhe?
4Angáthini na umntu ukuba lilungisa kuThixo?
Angáthini na ukuba ngoqaqambileyo ozelwe ngumfazi?
5Yabona, nenyanga ayimhlophe,
Neenkwenkwezi aziqaqambile, emehlweni akhe.
6Ubeké phi na ke umntu, impethu le,
Nonyana ka-Adam, umbungu lo?
Currently Selected:
UYOBHI 25: XHO75
Highlight
Copy
Compare
Share
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.