IGENESIS 13
13
Ukwahlukana kuka-Abram noLote
1Wenyuka uAbram, ephuma eYiputa, yena nomkakhe, neento zakhe zonke, enoLote, esinga kwelasezantsi.
2UAbram waye esisityebi kunene ngemfuyo, nangesilivere, nangegolide. 3Wahamba encothula, esuka kwelasezantsi, wafika eBheteli, kuloo ndawo yayikhona intente yakhe matanci, phakathi kweBheteli neAyi, 4endaweni yesibingelelo awasenzayo khona ekuqaleni. UAbram walinqula khona igama likaYehova. 5Naye uLote, obehamba noAbram, waye enempahla emfutshane, neenkomo, neentente. 6Ilizwe elo alaba nakubathwala, ukuba bahlale ndawonye; ngokuba impahla yabo yayininzi, ababa nakuhlala ndawonye. 7Kwabakho ukubambana phakathi kwabalusi bemfuyo ka-Abram nabalusi bemfuyo kaLote. Ngelo xesha ilizwe lalimiwe ngamaKanan namaPerizi.
8UAbram wathi kuLote, Makungabikho mbambano kaloku phakathi kwam nawe, naphakathi kwabalusi bam nabalusi bakho; ngokuba singamadoda azalanayo. 9Àliphambi kwakho na ilizwe lonke? Khawahluke kum; ukuba uya ekhohlo, ndoya ekunene, ukuba uya ekunene, ndoya ekhohlo. 10ULote waphakamisa amehlo akhe, wawukhangela wonke ummandla waseYordan, ngokuba ubunamanzi wonke, engekayonakalisi uYehova iSodom neGomora, unjengomyezo kaYehova, unjengelizwe laseYiputa, usingise eTsohare. 11ULote wawunyula wonke ummandla waseYordan; wanduluka uLote waya ngasempumalanga; bahlukana ke. 12UAbram wahlala ezweni lakwaKanan; uLote wahlala emizini yaloo mmandla, wayisondezela eSodom intente yakhe. 13Ke kaloku amadoda aseSodom ayengabenzi bobubi, engaboni abakhulu kuYehova.
14Wathi uYehova kuAbram, emveni kokuba uLote ahlukane naye, Khawuwaphakamise amehlo akho ukuloo ndawo ukuyo, ubhekise entla, nasezantsi, nasempumalanga, nasentshonalanga; 15ngokuba lonke ilizwe olibonayo ndiya kulinika wena, nembewu yakho, kude kuse ephakadeni; 16ndiyènze imbewu yakho ibe njengothuli lomhlaba, angáthi ubani enako ukulubala uthuli lomhlaba, ayibale nembewu yakho. 17Suka, ulihambe ilizwe ngobude balo nangobubanzi balo; ngokuba ndiya kulinika wena.
18Wancothula uAbram intente yakhe, waya wahlala ngaseMiokini• kaMamre eseHebron, wakhela khona uYehova isibingelelo.
Currently Selected:
IGENESIS 13: XHO75
Highlight
Copy
Compare
Share
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.
Videos for IGENESIS 13
Ep 37. Genesis 13: How Do Famine and Wealth Both Test Faith?
The Bible Show
Ep 41. Genesis 17: What Does the Covenant of Circumcision Really Mean?
The Bible Show
Ep 42. Genesis 18 Part 1: Abraham Fails Again, and Sarah Laughs at God
The Bible Show
Ep. 45 Genesis 19 Part 2: Can God Redeem Even the Worst Family History?
The Bible Show