YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 2

2
Ukuthunywa kokuqala kukaHezekile ukuba abe ngumprofeti
1Wathi kum, Nyana womntu, yima ngeenyawo zakho, ndithethe nawe. 2Kwangena ke uMoya kum, xa abethetha nam, wandimisa ngeenyawo zam, ndamva othetha kum.
3Wathi kum, Nyana womntu, ndikuthuma koonyana bakaSirayeli, kwiintlanga ezingabagwiliki, abagwilikileyo kum; bona nooyise babo bakreqile kum, kwada kwayile mini. 4Oonyana baziingwanyalala ubuso, balukhuni intliziyo. Ndikuthuma kubo; uze uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova. 5Ke bona (nokuba bathe beva, nokuba bathe bála, kuba beyindlu eneenkani) baya kwazi ukuba bekukho umprofeti phakathi kwabo. 6Wena ke, nyana womntu, musa ukuboyika, ungawoyiki amazwi abo; nangani usemarhawini nasemeveni, uhleli phezu koonomadudwane, musa ukuwoyika amazwi abo, ungaqhiphuki umbilini bubuso babo, kuba bayindlu eneenkani. 7Wáthethe ke kubo amazwi am, nokuba bathe beva, nokuba bathe bála; ngokuba baneenkani. 8Wena ke, nyana womntu, yiva endikuthethayo kuwe; ungabi nankani, njengale ndlu ineenkani; yakhamisa, udle endikunikayo.
9Ndabona, naso isandla solulelwe kum; nantso kuso incwadi esongwayo. 10Wayitwabulula phambi kwam; yaye ke ibhaliwe ngaphakathi nangaphandle, kubhalwe kuyo izimbonono, nezikhwino, nezimema.

Currently Selected:

UHEZEKILE 2: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy