YouVersion Logo
Search Icon

IEKSODUS 2

2
Ukuzalwa kukaMoses nobutsha bakhe
1Kwaphuma umfo wendlu kaLevi, wazeka intombi yakwaLevi. 2Wamitha umfazi lowo, wazala unyana; wambona ukuba mhle, wamfihla iinyanga ezintathu. 3Wathi, akuba engasenako ukumfihla, wamthabathela umkhombe wemikhanzi, wawutyabeka ngebhitumene• netywina, wamfaka kuwo umntwana, wawubeka engcotyeni, elunxwemeni lomlambo. 4Udade wabo wema mgama, ukuze ayazi into eya kwenzeka kuye.
5Yehla ke intombi kaFaro, isiya kuqubha emlanjeni; baye abakhonzazana bayo behamba ngasecaleni lomlambo. Yabona umkhombe engcotyeni phakathi, yathuma umkhonzazana wayo, ukuba aye kuwuthabatha. 6Yawunqika, yambona umntwana; nantso inkwenkwana ilila. Yaba nofefe ngayo, yathi, Ngumntwana wamaHebhere lo. 7Wathi udade wabo kwintombi kaFaro, Ndíye kukubizela na umfazi wamaHebhere onokwanyisa, akwanyisele umntwana? 8Yathi intombi kaFaro kuye, Yiya. Yaya ke intombi leyo, yabiza unina womntwana. 9Yathi intombi kaFaro kuye, Thabatha lo mntwana, umanyise; ndokunika umvuzo wakho mna. Umfazi lowo wamthabatha umntwana, wamanyisa. 10Wakhula umntwana, wamsa ke kwintombi kaFaro, waba ngunyana wayo. Yamthiya igama elinguMoses,• yathi, Ndamrhola emanzini.
11Kwathi ke ngaloo mihla, akukhula uMoses, waphuma waya kubazalwana bakhe, ekhangela imithwalo yabo. Wabona umYiputa ebetha umHebhere wakubazalwana bakhe. 12Wabhekabheka, wathi akuba engaboni mntu, wamthi qwaka umYiputa, wamselela entlabathini. 13Waphuma ngemini yesibini; wabona amaHebhere emabini entlalana; wathi kowoné omnye, Yini na ukuba umbethe ummelwane wakho? 14Wathi yena, Ùmiswe ngubani na ukuba ube ngumthetheli nomgwebi phezu kwethu? Uza kundibulala na nam, usitsho nje, njengokuba umbulele umYiputa? Woyika uMoses, wathi, Mayibe le nto iyaziwa.
15UFaro wayiva le nto, wafuna ukumbulala uMoses. Wabaleka uMoses, wemka kwaFaro, waya kuma ezweni lakwaMidiyan, wahlala phantsi ngasequleni.
16Ke kaloku umbingeleli wakwaMidiyan wayeneentombi ezisixhenxe; zeza kukha amanzi, zayizalisa imikhumbi ukuba ziseze impahla emfutshane kayise. 17Bafika abalusi, bazigxotha. Wesuka uMoses wazinceda, wayiseza impahla yazo emfutshane.
18Zakufika kuRehuweli uyise, wathi, Nitheni na namhlanje ukuhle nifike? 19Zathi, Sihlangulwe ngumYiputa esandleni sabalusi; kunjalo wasikhelela amanzi, wayiseza impahla emfutshane. 20Wathi ezintombini zakhe, Uphi na? Nimshiyeleni na umntu lowo? Mbizeni, adle isonka. 21Wakholwa uMoses kukuhlala naloo ndoda. Yamnika uMoses uTsipora, intombi yayo. 22Yazala unyana, wamthiya igama elinguGershom,• kuba ubesithi, Ndingumphambukeli ezweni lolunye uhlanga.
23Kwathi emva kwaloo mihla mininzi wafa ukumkani waseYiputa. Bancwina oonyana bakaSirayeli ngenxa yomsebenzi, bakhala; kwenyuka ukuzibika kwabo, kwaya kuThixo, ngenxa yomsebenzi. 24Wakuva uThixo ukugula kwabo, wawukhumbula uThixo umnqophiso wakhe noAbraham, noIsake, noYakobi. 25UThixo wababona oonyana bakaSirayeli, wabazi uThixo.

Currently Selected:

IEKSODUS 2: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy