YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEKOLOSE 3

3
Iziqhamo zokuvuka kunye noKristu
1Ukuba ngoko navuswa kunye noKristu, funani izinto zaphezulu, apho akhona uKristu, ehleli ngasekunene kukaThixo. 2Nyamekelani izinto zaphezulu, zingabi zezasemhlabeni. 3Kuba nafayo, baye ubomi benu bufihlakele ndawonye noKristu kuye uThixo. 4Xa athe wabonakalaliswa uKristu, obubomi bethu, ngelo xesha niya kubonakalaliswa nani, ninaye ebuqaqawulini.
5Bhubhisani ngoko amalungu enu asemhlabeni: umbulo, ukungcola, ukuthabatheka okuhlazisayo, inkanuko embi, nokubawa, okuyinkonzo yezithixo kona oko; 6eza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo; 7enanifudula nihamba phakathi kwazo nani, okuyá nibe nisidla ubomi nikuzo.
8Ke ngoku, nani aba, kulahleni oku konke: ingqumbo, umsindo, ulunya, ukunyelisa; ukuthetha amanyala kungabikho emlonyeni wenu. 9Musani ukuxokisana, nizihlubile nje umntu omdala, kunye nezenzo zakhe, 10nambatha lowo umtsha, uhlaziyelwa ekwazini okuhle, ngokomfanekiselo walowo wamdalayo; 11apho kungekho mGrike namYuda, kwalùka nokungaluki, mbharbhari• namSkitiya, khoboka namkhululeki; usuke uKristu waba zizinto zonke, waba kubo bonke.
12Yambathani ngoko, njengabanyulwa bakaThixo, abangcwele, abathandiweyo, iimfesane zeemfefe, ububele, ukuthobeka kwentliziyo, ubulali, ukuzeka kade umsindo, ninyamezelana, 13nixolelana, ukuba ubani uthi abe nokusola ngakubani; njengokuba naye uKristu wanixolelayo, yenjani njalo nani. 14Ke, phezu kwazo zonke ezo zinto, yalékani uthando, oluyintambo yogqibelelo. 15Uxolo lukaThixo, enabizelwa kwakulo mzimbeni mnye, malulawule ezintliziyweni zenu, nibe nokubulela.
16Ilizwi likaKristu malihlale ngaphakathi kwenu ngokobutyebi; nifundisana, nilulekana ngabo bonke ubulumko; nithi, ngeendumiso neengoma nezango ezizezomoya, nivume kamnandi entliziyweni yenu kuyo iNkosi. 17Nako konke enisukuba nikwenza ngelizwi, nokuba kungomsebenzi, yenzani izinto zonke egameni leNkosi uYesu, nibulela ngayo kuye uThixo uYise.
Intlalo yosapho olungamaKristu
18Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, njengoko kufanele abaseNkosini.
19Nina madoda, bathandeni abafazi benu, ningabi bukhali kubo.
20Nina bantwana, balulameleni abazali benu ezintweni zonke; kuba oko kukholekile kuyo iNkosi.
21Nina boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu, ukuze bangafi iintliziyo.
22Nina bakhonzi, balulameleni ezintweni zonke abaziinkosi zenu ngokwenyama; kungabi ngankonzo yamehlo, ngathi ningabakholisi-bantu; makube ngokwentliziyo engenakumbi, nisoyika uThixo. 23Nako konke enisukuba nikwenza, kusebenzeni ngokwasemphefumlweni, kungé kukwiNkosi, akukhona kubantu; 24nisazi nje ukuba niya kuyamkela eNkosini imbuyekezo yelifa; kuba nikhonza iNkosi uKristu. 25Lowo umonayo omnye uya kukuthwala oko kona one ngako; kanjalo akukho kukhetha buso bamntu.

Currently Selected:

KWABASEKOLOSE 3: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy