YouVersion Logo
Search Icon

USAMUWELI I 31

31
Ukoyiswa kwamaSirayeli entabeni yeGilibhowa nokufa kukaSawule nokukaYonatan
1AmaFilisti ke ayesilwa namaSirayeli; asaba amadoda akwaSirayeli phambi kwamaFilisti, awa angxwelerhiweyo ezintabeni zeGilibhowa. 2AmaFilisti athana mbende noSawule noonyana bakhe; amaFilisti ambulala uYonatan, noAbhinadabhi, noMalekishuwa, oonyana bakaSawule.
3Kwaba nzima ukulwa kuSawule; bamfumana abatoli, amadoda anesaphetha, wathuthumela kakhulu ngenxa yabatoli. 4Wathi uSawule kumphathi weentonga zakhe, Rhola ikrele lakho, undihlabe ngalo, hleze aba bangalukileyo beze bandihlabe amahlanza, bafekethe ngam. Ke umphathi weentonga zakhe akavumanga; ngokuba ebesoyika kunene. Walithabatha ke uSawule ikrele, wawa phezu kwalo. 5Wabona umpathi weentonga zakhe ukuba ufile uSawule, wawa naye phezu kwekrele lakhe, wafa kunye naye.
6Wafa ke uSawule, noonyana bakhe bobathathu, nomphathi weentonga zakhe, namadoda akhe onke ngaloo mini, ndaweni-nye. 7Abona amadoda akwaSirayeli, abengaphesheya kwentili, nabengaphesheya kweYordan, ukuba asabile amadoda akwaSirayeli, ufile uSawule noonyana bakhe. Ayishiya imizi leyo, asaba; eza amaFilisti, ahlala kuyo.
8Kwathi ngengomso amaFilisti eza kubhunyula ababebulewe. Amfumana uSawule noonyana bakhe bobathathu, bewile ezintabeni zeGilibhowa. 9Amnqumla intloko, aziphanga iintonga zakhe, athumela elizweni lamaFilisti ngeenxa zonke, ukuba kushunyayelwe iindaba ezilungileyo ezindlwini zezithixo zawo nasebantwini. 10Azibeka iintonga zakhe ezindlwini zooAshtaroti;• awubuthelela umzimba wakhe eludongeni lwaseBhete-shan.
11Beva abemi baseYabheshe yaseGiliyadi akwenzileyo amaFilisti kuSawule; 12esuka onke amadoda anobukroti, ahamba ubusuku bonke, awuthabatha umzimba kaSawule, nemizimba yoonyana bakhe, eludongeni lwaseBhete-shan; eza eYabheshe, ayitshisa khona. 13Awathabatha amathambo abo, awangcwabela phantsi komtamariske• eYabheshe; azila ukudla iintsuku zasixhenxe.

Currently Selected:

USAMUWELI I 31: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy