YouVersion Logo
Search Icon

KAPETROS I 2

2
1Ngoko, nílulahlile nje lonke ulunya, nayo yonke inkohliso, nokuhanahanisa, nomona, nako konke ukuthetha okubi, 2walangazeleleni, ngokweentsana ezisandula ukuzalwa, amasi angawelizwi, angenankohliso, ukuze nikhule ngawo; 3ukuba okunene nikuvile, ukuba iNkosi inobubele. 4Nisiza nje kuyo, ililitye eliphilileyo, licekisiwe okunene ngabantu, kodwa línyuliwe nguThixo, línqabile: 5nani ngokwenu, njengamatye aphilileyo, yakhekani nibe yindlu eyiyeyomoya, isibingeleli esingcwele sokunyusa imibingelelo eyiyeyomoya, eyamkeleka kakuhle kuye uThixo ngoYesu Kristu.
6Kungoko ikhoyo nokubakho esibhalweni indawo ethi,
Yabona, ndibeka eZiyon ilitye lembombo, elinyuliweyo, elinqabileyo;
Lowo ukholwayo kuye akayi kukha adaniswe.
(UIsaya 28:16)
7Kuni ngoko bakholwayo, liyimbeko; ke kwabangevayo,
Ilitye abalicekisáyo abakhi,
Lelona laba yintloko yembombo,
8Ilitye ke lokuwisa, iliwa ke lokukhubekisa,
(INdum. 118:22)
kwabo bakhubekayo, bengaliva ilizwi; into ke leyo abamiselwe nokumiselwa yona.
9Ke nina nisisizukulwana esinyuliweyo, isibingeleli esibukumkani, uhlanga olungcwele, abantu abayinqobo, ukuze nivakalise isidima salowo wanibizayo ukuba niphume ebumnyameni, ningene ekukhanyeni kwakhe okungummangaliso; 10enanifudula ningebantu, ke ngoku ningabantu bakaThixo; enaningenzelwanga nceba, ke ngoku nenzelwe inceba.
11Zintanda, ndiyanivuselela njengabaphambukeli nabasemzini, ukuba nikhumke ezinkanukweni ezizezenyama, zona ziwuphumele umkhosi umphefumlo. 12Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga; ukuze kuloo nto bathetha okubi ngani, ngathi ningabenzi bokubi, bathi ngokubona imisebenzi yenu emihle, bamzukise uThixo ngomhla wokuvelelwa.
Ukuthobela umbuso
13Wuthobeleni ngoko wonke ummiso ongowomntu, ngenxa yayo iNkosi; nokuba ngukumkani, njengowongamileyo; 14nokuba ngabalawuli, njengabathunyiweyo nguye, ukuze baphindezele okunene kubenzi bokubi, badumise abenzi bokulungileyo. 15Ngokuba ukuthanda kukaThixo kukuba níthi, ngokwenza okulungileyo, nibethe ithi cwaka intswela-kwazi yabantu abaziintswelikuqonda; 16nithi ningabakhululekileyo nje, ningabi ngabayenza inkululeko ibe sisigqubuthelo sobubi; nibe ngabakhonzi bakaThixo. 17Bekani abantu bonke. Thandani isizalwana. UThixo moyikeni. Ukumkani mbekeni.
Intsingiselo yokukhonza
18Nina zicaka, bathobeleni ninako konke ukoyika abanikhonzisayo, ingabi ngabalungileyo nabathantamisayo bodwa, ibe kwanabagwenxa. 19Kuba oku kuyabuleleka, ukuba umntu uthwala iintsizi, ngenxa yokumazi uThixo, eve ubunzima esoniwa. 20Kuba kuya kuba ludumo luní na, ukuba ninyamezele nakuntlithwa nisona? Ke ukuba nithi, nisenza okulungileyo, nive ubunzima, nize ninyamezele, oko kuyabuleleka kuThixo.
21Kuba nabizelwa oko; ngokuba noKristu weva ubunzima ngenxa yethu, esishiya nomzekelo, ukuze silandele emkhondweni wakhe: 22ongenzanga sono, ekungafunyanwanga nkohliso emlonyeni wakhe; 23obesithi, etshabhiswa, angaphindezeli atshabhise, athi esiva ubunzima, angaphindezeli asongele; ke ubeyekele kulowo ugwebayo ngokobulungisa; 24owathi ngokwakhe, izono zethu wazithwala ngomzimba wakhe emthini, ukuze sithi, sifile ngakwizono, siphilele ebulungiseni; omivumbo yakhe naphiliswa ngayo. 25Kuba beninjengezimvu zilahlekile, koko nisuke ngoku nabuyela kuye uMalusi noMveleli wemiphefumlo yenu.

Currently Selected:

KAPETROS I 2: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy