1
Eyokuqala yokumkani 17:14
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
XHO1902A
Ngokuba esitsho UYEHOVA, UTIXO wo‐Sirayeli, ukuti: Ifatye yomgubo ayiyi kupela, negubu leoli aliyi kusweleka, kude kube yimini aya kunisa imvula UYEHOVA pezu kwobuso bomhlaba.
Compare
Explore Eyokuqala yokumkani 17:14
2
Eyokuqala yokumkani 17:1
WAZA u‐Elija um‐Tishebi, owabemi base‐Gileyadi, wati kuye u‐Ahabi: Ehleli nje UYEHOVA, UTIXO wo‐Sirayeli, endimi pambi kwake, akuyi kubako umbete nemvula leminyaka, kupela ngelizwi lam!
Explore Eyokuqala yokumkani 17:1
3
Eyokuqala yokumkani 17:13
Waza u‐Elija wati kuye: Ungoyiki; yiya, yenza ngelizwi lako; kodwa ndenzele kuwo isonkana esincinane kuqala, usizise kum, wandule wenzele wena nonyana wako kamva.
Explore Eyokuqala yokumkani 17:13
4
Eyokuqala yokumkani 17:12
Wayesiti: Ehleli nje UYEHOVA, UTIXO wako, akuko kum nasonkana, kuko iqobana lomgubo efatyeni, nentwana yeoli egutyini, kupela! kekaloku bona ke, nditeza inkuni zimbini, ukuba ndiye ndiwulungisele mna nonyana wam, ukuze siwudle, sife nokufa.
Explore Eyokuqala yokumkani 17:12
5
Eyokuqala yokumkani 17:9
Suka, hamba uye e‐Tsarefate, eyeyase‐Tsidone, uhlale kona; bona ke, ndimyalele kona umfazi ongumhlolokazi ukuba akufunzele.
Explore Eyokuqala yokumkani 17:9
6
Eyokuqala yokumkani 17:16
Ifatye yomgubo ayapela, negubu leoli alasweleka, njengelizwi LIKAYEHOVA, owalitetayo ngo‐Elija.
Explore Eyokuqala yokumkani 17:16
7
Eyokuqala yokumkani 17:15
Waza wahamba, wenza ngelizwi lika‐Elija: watya yena, naye u‐Elija, nabendlu yake, imihla mininzi.
Explore Eyokuqala yokumkani 17:15
8
Eyokuqala yokumkani 17:10
Wesuka ke, wahambela e‐Tsarefate. Wati akufika esangweni lesixeko, bona ke, wayekona umhlolokazi eteza inkuni; waza wabiza kuye, wati: Kaundizekele intwana yamanzi esityeni, ndisele.
Explore Eyokuqala yokumkani 17:10
9
Eyokuqala yokumkani 17:4
Kwakuya kuti, uya kusela kumlanjana lowo; kanjalo ndibayalele onomyai ukuba bakufunzele kona.
Explore Eyokuqala yokumkani 17:4
10
Eyokuqala yokumkani 17:11
Esakuya ukuzeka, wabiza kuye, wati: Kaundizisele neqezu lesonka esandleni sako.
Explore Eyokuqala yokumkani 17:11
11
Eyokuqala yokumkani 17:6
Baza onomyai bazisa kuye isonka nenyama ngokusa, nesonka nenyama ngokuhlwa; wasela ke kumlanjana.
Explore Eyokuqala yokumkani 17:6
12
Eyokuqala yokumkani 17:7
Kwaye kute ekupeleni kwemihla etile, umlanjana watsha, ngokuba bekungabangako imvula elizweni.
Explore Eyokuqala yokumkani 17:7
13
Eyokuqala yokumkani 17:24
Wayesiti umfazi ku‐Elija: Kaloku ke ndiyazi ukuba uyindoda KATIXO wena, nokuba ilizwi LIKAYEHOVA emlonyeni wako liyinyaniso.
Explore Eyokuqala yokumkani 17:24
14
Eyokuqala yokumkani 17:5
Wandula wemka, wenza ngelizwi LIKAYEHOVA: ngokuba wemka waya wahlala ngasemlanjaneni we‐Kerite, opambi kwayo i‐Yoredane.
Explore Eyokuqala yokumkani 17:5
15
Eyokuqala yokumkani 17:22
Waye UYEHOVA epulapula ilizwi lika‐Elija: waza umpefumlo womntwana wabuya wangena kuye, wapila ke.
Explore Eyokuqala yokumkani 17:22