1
UMATEYU 7:7
IZIBHALO EZINGCWELE
Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa
Compare
Explore UMATEYU 7:7
2
UMATEYU 7:8
kuba wonke umntu ocelayo uyazuza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa.
Explore UMATEYU 7:8
3
UMATEYU 7:24
Wonke umntu osukuba ngoko eweva la mazwi am, awenze, ndomfanekisa nendoda eyingqondi, yona yayakhelayo elulwalweni indlu yayo.
Explore UMATEYU 7:24
4
UMATEYU 7:12
Zonke izinto ngoko enisukuba ninga bangazenza abantu kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo; kuba oko kungumthetho nabaprofeti.
Explore UMATEYU 7:12
5
UMATEYU 7:14
Ngokuba limxinwa isango, icuthene nendlela, esa ebomini; bambalwa ke abalifumanayo.
Explore UMATEYU 7:14
6
UMATEYU 7:13
Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba libanzi isango, iphangalele nendlela, esa entshabalalweni; baninzi ke abangena ngalo.
Explore UMATEYU 7:13
7
UMATEYU 7:11
Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na yena uYihlo osemazulwini ukugqithisela ngokubapha okulungileyo abo bamcelayo?
Explore UMATEYU 7:11
8
UMATEYU 7:1-2
Musani ukugweba, ukuze ningagwetywa. Kuba ngogwebo enigweba ngalo, niya kugwetywa kwangalo nani; nangomlinganiselo enilinganisela abanye ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani.
Explore UMATEYU 7:1-2
9
UMATEYU 7:26
Nomntu wonke owevayo la mazwi am, angawenzi, wofanekiswa nendoda esisiyatha, yona yayakhelayo entlabathini indlu yayo.
Explore UMATEYU 7:26
10
UMATEYU 7:3-4
Yini na ke ukuba usibone isibi esisesweni lomzalwana wakho, kanti akuwuqiqi wona umqadi okwelakho iliso? Okanye ungáthini na ukuthi kumzalwana wakho, Yeka ndisikhuphe isibi eso esweni lakho, kanti nângo umqadi kwelakho iliso?
Explore UMATEYU 7:3-4
11
UMATEYU 7:15-16
Ke kaloku balumkeleni abaprofeti ababuxoki, abeza kuni ngezambatho zeegusha, ngaphakathi ke beziingcuka eziqwengayo. Nobaqonda ngeziqhamo zabo. Kukha kukhiwe iidiliya emithaneni enameva, namakhiwane ezinkunzaneni, yini na?
Explore UMATEYU 7:15-16
12
UMATEYU 7:17
Ngokunjalo yonke imithi elungileyo ivelisa iziqhamo ezihle, ke wona umthi ongenguwo uvelisa iziqhamo ezibi.
Explore UMATEYU 7:17
13
UMATEYU 7:18
Umthi olungileyo awunakuvelisa ziqhamo zibi, nomthi ongenguwo awunakuvelisa ziqhamo zihle.
Explore UMATEYU 7:18
14
UMATEYU 7:19
Wonke umthi ongavelisi ziqhamo zihle uyagawulwa, uphoswe emlilweni.
Explore UMATEYU 7:19
YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy
Home
Bible
Plans
Videos