Logoja YouVersion
Ikona e kërkimit

IINDUMISO 53

53
Abakhohlakeleyo
(Ndum 14)
Kumbhexeshi-kwayara; umbongo kaDavide; iculo lokukhuza.
1Iziyatha zithi akukho Thixo ngandawo.
Zonakele, futhi zenza amasikizi;
akukho ulungisayo kuzo.
2Ke yena uThixo ubabukele abantu;
uhlel' ezulwini efuna ukuqonda
ukuba ngaba sikho na isilumko,
nditsho ofuna ukunqula uThixo.
3Kambe ke bonke bemkile; xa bebonke bonakele;
kubo akakho olungisayo; nditsho nokuba abe mnye.
4Abanangqondo na abakhohlakeleyo,
abo baxhaphaza amawethu, ngathi batya isonka,
bengamnquli nokumnqula uThixo?
5Baya kunkwantya ngendlela engaziwa mntu.
Kaloku uThixo uyawasarhaza amathambo âbo bamchasayo.
Baya kuhlazeka kuba uThixo ubalahlile.
6Akwaba ingavela eZiyon inkululeko yamaSirayeli!
Akuba uThixo eyibuyisele inkqubela yabantu bakhe,
abakwaYakobi baya kugcoba, achulumache amaSirayeli.

Aktualisht i përzgjedhur:

IINDUMISO 53: XHO96

Thekso

Kopjo

Krahaso

Ndaje

None

A doni që theksimet tuaja të jenë të ruajtura në të gjitha pajisjet që keni? Regjistrohu ose hyr