Logoja YouVersion
Ikona e kërkimit

IINDUMISO 130

130
Ukukhululwa esonweni
Iculo labahambi.
1*Ndikhoyo, ndiyazibika kuwe;
ndikhala kuwe ndibindekile.
2Awu, Nkosi, ndive ndiyakuthandaza,
usiphulaphule isikhungo sam.
3Ukuba ubuzigcina izono zabantu, Ndikhoyo,
ngubani obengasindayo?
4Kambe ke wena uyaxolela,
khon' ukuze uhlonitshwe.
5Ndithembele ngokupheleleyo kuNdikhoyo;
ewe, ndikholosa ngelizwi lakhe.
6Umoya wam ukholosa ngoNdikhoyo ngenzondelelo,
ngaphezu komlindi ojonge ukusa,
nangaphezu komantshingilane ojong' umsobomvu.
7Sirayeli, thembela kuNdikhoyo, kuba yena unobubele,
futhi yena ukhulula ngokupheleleyo.
8Ewe, yena uya kumkhulula uSirayeli
kuzo zonke izono zakhe.

Aktualisht i përzgjedhur:

IINDUMISO 130: XHO96

Thekso

Kopjo

Krahaso

Ndaje

None

A doni që theksimet tuaja të jenë të ruajtura në të gjitha pajisjet që keni? Regjistrohu ose hyr