U‐Zekariya 5
5
1NDABUYA ndapakamisa amehlo am, ndakangela, kekaloku nanguya umqulu obalekayo. 2Yayisiti kum: Ubona nto nina? Ndati: Ndibona umqulu obalekayo; ubude bawo zikubite ezimashumi mabini, nobubanzi bawo zikubite ezilishumi linye. 3Yaza yati kum: Lo sisiqalekiso esipumelayo pezu kwobuso balo lonke ilizwe; ngokuba osukuba esiba̔ eya kukukuliswa ngelicala, njengokwaso; nosukuba efunga uya kukukuliswa ngelocala, njengokwaso. 4Ndiyasipumisa, utsho uyehova wemikosi, sasiya kungena endlwini yoba̔yo, nasendlwini yolifungayo ngobuxoki igama lam; ewe, sohlala pakati kwendlu yake, sigqibe yona, nemiti yayo, namatye ayo.
5Yandula yavela ingelosi eyateta nam, yati kum: Pakamisa ke amehlo ako, ubone lento evelayo ukuba iyinina. 6Ndati: Yinto nina yona? Yayisiti: Le yiyefa evelayo. Yalekela ukuti: Le kukubonakala kwabo kulo lonke ilizwe. 7Kekaloku bona ke, imbumbulo yelode ibifunqulwa; kwabekuko umfazi ehleli pakati kwayo iyefa. 8Yayisiti: Lo yinkohlakalo. Yandula yamwisa pakati kwayo iyefa, nembumbulo yelode yayiwisa pezu kwomlomo wayo. 9Ndaza ndapakamisa amehlo am, ndakangela, kekaloku bona ke, kwavela abafazi babini, umoya usemapikweni abo; ngokuba bebenamapiko njengamapiko eṙaside: bati bona bayifunqula iyefa pakati kwomhlaba nezulu. 10Ndaza ndati kwingelosi eyateta nam: Bayisa iyefa ngapina aba? 11Yayisiti kum: Bayakele indlu elizweni le‐Shinare; ngokuba iya kumiswa, iti yona ibekwe apo pezu kwesikondo sayo.
Currently Selected:
U‐Zekariya 5: XHO1902A
Highlight
Copy
Compare
Share
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: