Amaculo 63
63
ICULO LXIII.
Iculo lika‐Davide, akuba sentlango yakwa‐Juda.
1TIXO! ungutixo wam; ndokufuna kusasa; umpefumlo wam unxanelwe wena, inyama yam ikulangazelele ezweni elomileyo nelidiniweyo, apo kungeko manzi; 2ndize ndibone amandla ako nobungcwalisa bako, njengokuba ndikubonile endaweni eyingcwele.
3Ngokuba ububele bako bulungile pezu kwokudliwa kwobomi, umlomo wam wokuncoma. 4Ndiya kukubonga ngokunjalo nxa ndisadla ubomi; ndiya kupakamisa izandla zam egameni lako. 5Uya kukoliswa umpefumlo wam njengokungati kungomongo namanqata; nomlomo wam wokudumisa ngenteto yemigcobo; 6nxa ndikumbula wena esililini sam, nxa ndicinga wena emavaṙashweni asebusuku. 7Ubungumncedi wam nje, ndovuya ngoko emtunzini wamapiko ako. 8Umpefumlo wam uti nama ukulandela wena; isandla sako sokunene siyandixasa.
9Kodwa abo bafuna ubomi bam babang’ ukutshatyalaliswa; baya kungena emazantsi omhlaba. 10Baya kweyeliselwa ngamandla eṙele; boba sisabelwa sempungutye. 11Kodwa ukumkani uya kuvuya kutixo; abo bonke bamfungayo boqa̔yisa; kodwa umlomo wabo bateta ubuxoki wovingcelwa.
Currently Selected:
Amaculo 63: XHO1902A
Highlight
Copy
Compare
Share
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.