YouVersion Logo
Search Icon

U‐Yisaya 61:1-3

U‐Yisaya 61:1-3 XHO1902A

UMOYA wenkosi uyehova upezu kwam; ngokokuba uyehova enditambisele ukushumayela indaba ezimnandi kwabatotyiweyo; unditumele ukubopa abantliziyo zigqobokileyo, ukuxela kwabatinjiweyo inkululeko, nakwababanjiweyo ukuvulwa kwentolongo; ukuxela umnyaka okolekileyo kayehova, nomhla wempindezelo katixo wetu; ukututuzela bonke abalilayo; ukumisela abo balilayo e‐Ziyone umgcobo; ukubanika ubuhle endaweni yotutu, ioli yovuyo endaweni yolilo, isambato sodumo endaweni yomoya wokuncama; ukuba babizwe ngokuba yimiti yobulungisa, isityalo sikayehova; ukuze enzelwe ubungcwalisa.