U‐Hosheha 7
7
1EKUBUYISENI kwam ukutinjwa kwabantu bam, nxa bendipilisa u‐Sirayeli, kwandula kwatyilwa ukwona kuka‐Frayime, nezenzo ezikohlakeleyo ze‐Samariya; ngokuba benzile ngenkohliso; isela liyangena, iqela lamabada liyapanga ngapandle. 2Abatsho entliziyweni yabo ukuti, konke ukukohlakala kwabo ndikukumbule; kaloku izenzo zabo ziyabaṙaula; ziko pambi kwobuso bam. 3Bayavuyisa ukumkani ngenkohlakalo yabo, nenkosana ngelwimi zabo. 4Bangabaṙexezi bonke; banjengeziko lifudunyezwe ngumoji; oyekayo ukukwezela, emva kwokuyibuca intlama, ide ifukukiswe. 5Ngomhla wokumkani wetu, inkosana ziyamenzela isifo ngobushushu beveyine; uyazolula izandla zake kunye nabagxeki. 6Ngokuba zisondeza intliziyo yazo, njengeziko, ekulaleleni kwazo; umoji wazo uyalala butongo ubusuku bonke; kwakusa iyatsha njengomlilo odangazelayo. 7Bashushu bonke njengeziko, bayabadla abagwebi babo; okumkani babo bawile bonke: akuko namnye pakati kwabo obizayo kum.
8U‐Frayime uyazidibanisa nezizwe; u‐Frayime usisonkana esingapetulwanga. 9Abasemzini bayawadla amandla ake, kanti yena akazi; ewe, izimvi zite sa pezu kwake, kanti yena akazi. 10Ir̔atshi lika‐Sirayeli liyanqi̔na ngasebusweni bake; kodwa abaguqukeli kuyehova utixo wabo, abamfuni kanjalo ngako oku konke. 11U‐Frayime unjengehobe elinyabileyo, lingenangqondo; bayabizela e‐Jipete, bayaya e‐Asiriya. 12Nxa bayayo, ndolwaneka pezu kwabo utambo lwam; ndobahlisa njengentaka zezulu; ndobabeta, njengokuba kuviwe entlanganisweni yabo. 13Makube nzima kubo! ngokuba bendibalekile; imbujiswa maibe pezu kwabo! ngokuba beqipukelene nam; nangona ndim owabakululayo, bate bona noko baziteta ilwimi ngakum. 14Abakalanga kum ngentliziyo yabo, nxa balilayo ezililini zabo: bayabutelana ngenxa yenqolowa neveyine entsha; bayahlukana nam. 15Ndibalulekile; ndizomelezile ingalo zabo; bayandiqingela okubi noko. 16Bayaguquka, kodwa abaguqukeli kopezu kwonke; banjengesipeta esikohlisayo; inkosi zabo zowa ngesiṙele, ngenxa yokuṙala kwolwimi lwazo: oku kwoba sisihlekiswa sabo elizweni le‐Jipete.
Currently Selected:
U‐Hosheha 7: XHO1902A
Highlight
Copy
Compare
Share
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: