U‐Hamose 4
4
1YIVANI elilizwi, nina zimazi zase‐Bashane! ezisentabeni ye‐Samariya; ezibandezelayo amahlwempu; ezincinezelayo abasweleyo; eziti kwinkosi zazo: Zisa bo, ukuba sisele. 2Inkosi e nguyehova ifungile ubungcwele bayo, ukuti: Bona ke! imihla iza kufika pezu kwenu, nxa niya kususwa ngamagwegwe, nabayinzalo yenu ngamaqeṙu entlanzi. 3Naniya kupuma ngeziṙoba, ezinye ngezinye zisiti ngqo pambili; niya kuziwisa kwa kuyo indlukazi; utsho uyehova.
4Yizani e‐Betele, none ke; yandisani ukwona e‐Gilegale; zisani imibingo yenu imiso yonke, namashumi enu ngeminyaka mitatu. 5Qu̔misani ngedini lokubulela elinegwele; shumayelani iminikelo yesisa, niyivakalise; ngokuba nitanda okunjalo, nina lusapo luka‐Sirayeli! itsho inkosi e nguyehova.
6Nangona ndininikile ubumhlope bamazinyo kuzo zonke izixeko zenu, nokusweleka kwesonka kuyo yonke imizi yenu, anibuyelanga kum noko, utsho uyehova. 7Nangona ndiyibambile kuni imvula, nxa ziseko inyanga zintatu lingekafiki ixesha lokuvuna: ndanisa imvula pezu kwesinye isixeko, kodwa pezu kwesinye isixeko andiyinisanga; enye indawana kwaniswa pezu kwayo, yati indawana ekunganiswanga pezu kwayo yoma; 8zandula izixeko ezibini, umhlaumbi ezitatu, zabadulela kwisixeko sinye, kuselwe amanzi, kodwa bezingakoliswa: anibuyelanga kum noko, utsho uyehova. 9Ndinibetile ngesihumba nangembabala ngento eninzi; izitiya zenu, nemiyezo yenu, imikiwane yenu, neminquma yenu, uyidlile umqikela; anibuyelanga kum noko, utsho uyehova. 10Nditumile pakati kwenu isifo esibubisayo, ngesiko le‐Jipete; amadodana enu ndiwabulele ngesiṙele, kunye namahashe enu atinjiweyo; nokunuka kweminquba yenu ndikunyusele ezimpumlweni zenu; anibuyelanga kum noko, utsho uyehova. 11Ndinici̔tile inxenye, njengokuba utixo waci̔ta i‐Sodome ne‐Gomora; nabeninjengesikuni esinyotulweyo ekutsheni; anibuyelanga kum noko, utsho uyehova.
12Ngako oko ndiya kwenza ngokunjalo kuwe, Sirayeli! ngokokuba oku ndiya kukwenza kuwe, lungiselela ukumkaulela utixo wako, Sirayeli! 13Ngokuba, bona ke, owadala intaba, owenza umoya; oxelayo emntwini into kuyiyo ukucamanga kwake; okwenzayo ukusa kube bubumnyama, onyatelayo pezu kwendawo ezipezulu zomhlaba; nguyehova, utixo wemikosi, igama lake.
Currently Selected:
U‐Hamose 4: XHO1902A
Highlight
Copy
Compare
Share
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: