YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEROMA 1

1
Isingeniso
1Kubhala mna Pawulos, umkhonzi kaYesu *Krestu, *umthunywa owabizwayo, wamiselwa ukuvakalisa iindaba ezimnandi zikaThixo. 2Ezi ndaba uThixo wathembisa ngazo kwangaphambili *ngabashumayeli bakhe *eziBhalweni eziNgcwele. 3Ezi ndaba ke zibhekiselele kuNyana wakhe, owazalwa engowomlibo kaDavide ngokobuntu, 4waza ngamandla oMoya oyiNgcwele wabonakaliswa ngesiganeko sokuvuka kwabafileyo ukuba unguNyana kaThixo. Lo Nyana kaThixo nguYesu iNkosi yethu; 5endathi ngaye ndenzelwa isisa sokuba ngumthunywa ngenxa yakhe, ukuze ndikhokelele izizwe zonke ekukholweni nasekumthobeleni; 6eniphakathi kwazo nani, nina babiziweyo bakaYesu Krestu.
7Kuni nonke, bathandwa bakaThixo abaseRoma, nina nibiziweyo naba ngabakaThixo, ndithi: Makube lubabalo noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu.
UPawulos ulangazelela ukuya eRoma
8Kuqala ke, ndiyambulela uThixo wam ngoYesu Krestu ngenxa yenu nonke, kuba ukholo lwenu ludumile kulo lonke ihlabathi. 9Kaloku uThixo endimkhonzayo ngomxhelo wam ngokushumayela iindaba ezimnandi zoNyana wakhe, uyandingqinela ukuba ndihlala ndinikhumbula. 10Ndiyakhunga emithandazweni yam, ukuba uThixo angáde ngokwentando yakhe andiphumelelise ukunihambela. 11Kaloku ndilangazelela ukunibona, ukuze ndinabele siphiwo sithile kwezoMoya, ukuze nomelezeke. 12Ndithetha ukuthi nina kunye nam sivuseleleke: nina ngokholo lwam, nam ke ngokholo lwenu.
13Ngoko ke, mawethu, ndifuna ukuba niyiqonde into yokuba kudala ndazimisela ukunihambela, kodwa ndaba soloko ndithintelwa kwada kwanamhla. Bendifuna ziqhamo zithile zeendaba ezimnandi naphakathi kwenu, kwanjengaphakathi kwezinye iintlanga. 14Kaloku ndimelwe kukushumayela kubo bonke: kwabaphucukileyo nakwabangaphucukanga, kwizilumko nakwabangaziyo. 15Ngenxa yoko ke ndingxamele ukuzishumayela iindaba ezimnandi nakuni baseRoma.
Amandla eendaba ezimnandi
16Andinazintloni ngazo iindaba ezimnandi zikaKrestu. Zingamandla kaThixo okusindisa bonke abakholwayo, umJuda kuqala, kwanowolunye uhlanga ngokunjalo. 17Ngezi ndaba zimnandi kaloku kutyhilwa indlela uThixo asenza amalungisa ngayo: kungokholo qha, njengoko zitshoyo neziBhalo ukuthi: “Ngokholo lwakhe olilungisa uya kudla ubomi.”
Isono soluntu
18Ingqumbo kaThixo ibonakala ivela ezulwini. Yona ichasene naso sonke isono nokungalungisi kwabantu abayithintelayo inyaniso ngokona. 19Unobangela wale ngqumbo kukuba oko kunokwaziwa ngoThixo kucacile kubo, kuba uThixo wakubonakalisa kubo ngokwakhe. 20Kaloku imo engabonwayo kaThixo – ndithetha amandla akhe angapheliyo kwanobuThixo bakhe – ibonakala kakuhle kwasekudalweni kwehlabathi. Kaloku iqondakala ngezinto azenzileyo uThixo. Ngenxa yoko abantu abanasiphephelo mpela. 21Bayamazi uThixo, kodwa abamdumisi ngokumfaneleyo, abambuleli nokumbulela. Basuke baba ngabacinga izinto ezingento, yaza ingqiqo yabo yamfiliba. 22Bazicingela ukuba bazizilumko, ukanti baziziyatha. 23Bashiye ubuqaqawuli bukaThixo ongafiyo, baya kukhonza umfanekiso womntu ofayo, noweentaka, nowezilo ezizitho zine, nowezilo ezirhubuluzayo.
24Kungoko athe uThixo, ngenxa yeminqweno yeentliziyo zabo, wabanikela kwiintlondi zabo, ukuba bahlazisane ngemizimba yabo. 25Aba bantu ke bagqwethe inyaniso kaThixo ngobuxoki. Bahlonela isidalwa, basikhonze, baze bamlibale uMdali, yena ongowokubongwa ngonaphakade. *Amen.
26Ngenxa yoko ke, uThixo ubanikele ezinkanukweni ezilihlazo. Ewe, nditsho namabhinqa la abo ayalalana ngokuchasene nendalo yemizimba yawo. 27Kwangokunjalo namadoda akuyekile ukulala namabhinqa, aza atshiswa kukukhanukana. Amadoda enza amanyala kwamanye amadoda, aze ke afumane isohlwayo esiwafaneleyo, esiyimbuyekezo yokulahleka kwawo.
28Ekubeni ke bengakukhathalelanga ukuhlala bemazi uThixo, yena wabayekela kwezo ngcinga zabo zingcolileyo, baza benza izinto ezingafanelekanga. 29Bagqithisile ukukhohlakala nokona, ukubawa nokwenza ububi. Bazele ngumona nobugebenga, luchuku nenkohliso nentiyo. Bayahleba, 30bayangcikivana, bamthiyile uThixo, bathanda ukulwa, banekratshi, bayaqhayisa, benza ububi, ababathobeli abazali. 31Abanangqondo, abathembeki, abanabubele, abananceba. 32Bayawazi ummiselo kaThixo wokuba abo bazenzayo izinto ezinjalo bafanelwe kukufa; kodwa abaneli nje kukuzenza ezi zinto, koko basuka babakhuthaze nabo bazenzayo.

Currently Selected:

KWABASEROMA 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy