YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 21

21
Ubanjiso olumangalisayo lweentlanzi
1Emva koko uYesu waphinda wazibonakalisa kubafundi bakhe ngakuLwandle lwaseTibheriya. Kwahamba ngolu hlobo ukuzibonakalisa kwakhe:
2USimon Petros, noTomas ekuthiwa nguWele, noNataniyeli waseKana eGalili, kunye noonyana bakaZebhedi, nabanye abafundi ababini, babendawonye. 3Waza wathi kubo uSimon Petros: “Ndisaya kuloba.”
Baza bathi kuye: “Nathi sohamba nawe.” Baya ke bekhwele isikhitshana, kodwa àbabamba nto ngobo busuku. 4Ukuthi chapha komsobomvu nako kumi uYesu elunxwemeni. Phofu abafundi babengaqondi ukuba nguYesu. 5Wathi ke ngoko uYesu kubo: “Anibambanga ntlanzi, bafana?”
Bamphendula bathi: “Hayi.”
6Waza wathi kubo: “Phosani umnatha ngasekunene kwesikhitshana. Nobambisa ke.” Bawuphosa, baza ngenxa yobuninzi beentlanzi ababi nako ukuwutsala umnatha.
7Ke ngoko loo mfundi obethandwa nguYesu wathi kuPetros: “YiNkosi!” USimon Petros, akuva ukuba yiNkosi le, wazithi wambu ngengubo, kuba wayetyedile, watsho waziphosa emanzini. 8Ke bona abanye abafundi baya elunxwemeni ngesikhitshana, bawurhuqa umnatha, uzele ziintlanzi. Kwakumalunga neemitha ezilikhulu ukuya elunxwemeni. 9Bakuhla esikhitshaneni, babona umlilo wamalahle, kukho intlanzi kuwo kwanesonka. 10Wathi kubo uYesu: “Khanize neentlanzi kwezi nisand' ukuzibamba.”
11USimon Petros wakhwela esikhitshaneni, wawurhuqela elunxwemeni umnatha, uzele ziintlanzi ezinkulu, zilikhulu elinamashumi amahlanu anantathu zizonke. Nangona zazininzi kangako umnatha awuqhaqhekanga. 12Waza wathi kubo uYesu: “Yizani kutya.” Akubangakho namnye kubafundi ube nabuganga bakuthi: “Ungubani wena?” Kaloku babesazi ukuba yiNkosi. 13Wasondela uYesu, wasithatha isonka, wabanika; wathatha nentlanzi, wabanika.
14Oku kuzibonakalisa kukaYesu kubafundi bakhe kwakukokwesithathu emva kokuvuka kwakhe ekufeni.
UYesu noPetros
15Emva kokuba betyile, uYesu wathi kuSimon Petros: “Simon, nyana kaYohane, uyandithanda na ngaphezu kwaba?”
Wathi kuye: “Ewe, Nkosi, uyazi ukuba ndiyakuthanda.” Wathi kuye uYesu: “Yondla amatakane am.” 16Aphinde athi kuye okwesibini uYesu: “Simon, nyana kaYohane, uyandithanda na?”
Wathi kuye: “Ewe, Nkosi, uyazi ukuba ndiyakuthanda.” Wathi kuye uYesu: “Yalusa iigusha zam.” 17Wathi kuye okwesithathu uYesu: “Simon, nyana kaYohane, uyandithanda na?”
Wev' intw' embi uPetros ebuzwa okwesithathunje nguYesu esithi: “Uyandithanda na?” Waza wathi kuYesu: “Nkosi, izinto zonke uyazazi; uyazi ukuba ndiyakuthanda.”
Wathi kuye uYesu: “Yondla iigusha zam. 18Ndithi kuwe, inene, oko ubusemtsha ubuzibhinqisa, uye apho uthanda ukuya khona, kodwa xa sewaluphele uya kuziphakamisa izandla zakho, ubhinqiswe ngomnye, akuse apho ungathandi kuya khona.” 19Esitsho nje uYesu, wayesalatha indlela uPetros awayeza kufa ngayo ukudumisa uThixo. Wandula ukuthi: “Ndilandèle, wena.”
UYesu nomfundi awayemthanda
20Wakhangela ngasemva uPetros, wabona laa mfundi wayethandwa nguYesu elandela, lowa wayehleli ecaleni kukaYesu esidlweni, waza wabuza kuYesu ukuba ngubani na owayeza kumngcatsha. 21Wathi ke kuYesu uPetros akumbona lo mfundi: “Nkosi, kuya kuthekani ngalo?”
22Waza wathi kuye uYesu: “Ukuba ndifuna abekho ndide ndibuye, inamsebenzi mni loo nto kuwe? Ndilandèle, wena.”
23Yathetheka ke le ntetho phakathi kwabalandeli bakaYesu, kusithiwa loo mfundi akayi kufa. Kodwa uYesu wayengatshongo kuye ukuba akayi kufa; wayethe: “Ukuba ndifuna abekho ndide ndibuye, inamsebenzi mni na loo nto kuwe?”
24Nguye ke lo mfundi ozingqinayo ezi zinto, wazibhala nokuzibhala. Siyazi ke ukuba ubungqina bakhe buyinyaniso.
Isiqukumbelo
25Zininzi nezinye izinto awazenzayo uYesu. Ukuba bezinokubhalwa zonke ngazinye, ndithelekelela okokuba ihlabathi liphela belingenakuziqulatha iincwadi ebeziya kubhalwa.

Currently Selected:

UYOHANE 21: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy