YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 14

14
NguYesu indlela
1“Musani ukukhathazeka; kholosani ngoThixo, nikholose nangam. 2Ikho indawo kowethu. Ukuba bekungenjalo ngendingàtsho ukuthi ndiya kunilungiselela indawo. 3Ndakuba ndimkile ke ndaya kunilungiselela indawo, ndiya kuza kuniphuthuma, nize nani nibe lapho ndikhoyo mna. 4Ngoko ke niyayazi indlela eya apho ndiya khona.”
5Waza wathi uTomas: “Nkosi, singàzi nokwazi nje apho uya khona, singáthini ukuyazi indlela eya khona?”
6Waphendula uYesu wathi: “Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi. Akukho namnye unokuya kuBawo engayi ngam. 7Nindazi nje mna, niyamazi noBawo. Ngoku ke niyamazi, nimbonile nokumbona.”
8UFilipu wabhekisa kuYesu, wathi: “Nkosi, khawusibonise uYihlo; kosanelisa.”
9Wathi kuye uYesu: “Kunini na ndikunye nani, Filipu; ngaba akukandazi? Lowo ubone mna, ubone uBawo. Utsho ngani wena ukuthi mandinibonise uBawo? 10Ngaba akukholwa na okokuba mna ndikuye uBawo, abe noBawo ekum? Endikuthethileyo kuni ke andikuthethi kuphuma kum. Oko ndikwenzayo kwenziwa nguBawo ohleli kum. 11Kholwani kwendikuthethayo xa ndithi ndikuye uBawo, ekum noBawo. Ukuba anikholwa kuba ndisitsho, kholwani ngenxa yezinto endizenzayo. 12Inene, okholwayo kum uya kuzenza izinto endizenzayo, ade enze nezinkulu kunezi, kuba ndiya kuBawo. 13Ke ngoko nayiphi na into eniyicela kum ndiya kuyenza, ukuze uYise abonakalise amandla akhe ngoNyana. 14Nantoni na eniyicela ngegama lam ndiya kuyenza.”
Isithembiso ngoMoya oyiNgcwele
15“Ukuba niyandithanda noyigcina imiyalelo yam. 16Wothi ke uBawo, ndakumcela, aninike omnye uMmeli, ukuze ahlale nani ngonaphakade. 17Lo Mmeli nguMoya wenyaniso, lowo ihlabathi lingenako ukumamkela, kuba lingenako ukumbona, lingamazi nokumazi. Nina ke niyamazi, kuba uhleli nani, eya kuba ngaphakathi kuni.
18“Ndiyabuya; andiyi kunishiya niziinkedama. 19Selisondele ixesha lokuba ihlabathi lingabi sandibona. Kodwa nina niya kundibona, kuba mna ndiyaphila, naye nani niya kuphila. 20Ngaloo mini niya kuqonda okokuba ndikuBawo, nani nikum, nam ndikuni.
21“Lowo uyamkelayo imiyalelo yam ayigcine, nguye ondithandayo. Lowo ke undithandayo mna, uya kuthandwa nguBawo. Nam ndiya kumthanda, ndizibonakalise kuye.”
22Waza uJudas, lowo ungenguye uSikariyoti, wathi kuye: “Nkosi, kutheni na le nto uza kuzibonakalisa kuthi, ungazibonakalisi kulo ihlabathi?”
23Waphendula uYesu wathi kuye: “Lowo undithandayo uyawagcina amazwi am. Wothi uBawo amthande, size siye kuye, sihlale kunye naye. 24Lowo ungandithandiyo akakwenzi endikuthethayo. Kanti la mazwi eniwave ngam akamazwi am, koko ngakaBawo ondithumileyo.
25“Ndinixelele oku ndisekunye nani. 26Ke uMmeli uMoya oyiNgcwele, lowo uBawo aya kumthuma egameni lam, uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze ngako konke endithe ndanixelela kona.
27“Ndinishiya noxolo olulolwam, olungafani nakancinane nolweli hlabathi. Ze ningakhathazeki, ningoyiki. 28Senditshilo kuni ukuthi ndiyemka, kodwa ndiya kuphinda ndibuyele kuni. Ukuba benindithanda ngenavuyayo nakuva ukuba ndiya kuBawo, kuba yena mkhulu kunam. 29Isizathu sokuba ndinixelele ezi zinto ngoku, zingekenzeki, kukuze zakwenzeka nikholwe. 30Andisenakuthetha zinto zininzi nani, kuba selesiza umphathi weli hlabathi. Akanagunya kum, 31kodwa ukuze ihlabathi liqonde ukuba ndiyamthanda uBawo, yaye ndisenza njengoko uBawo andiyaleleyo, ndithi kuni: ‘Phakamani, simke apha.’ ”

Currently Selected:

UYOHANE 14: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy