YouVersion Logo
Search Icon

UJEREMIYA 1

1
Isingeniso
1Nalu udaba lukaJeremiya, unyana kaHilekiya, owayengomnye wababingeleli baseAnatoti kummandla wakwaBhenjamin. 2Lamfikela ilizwi *likaNdikhoyo uJeremiya kunyaka weshumi elinantathu uJosiya unyana ka-Amon engukumkani kwelakwaJuda, 3nangexesha likaJoyakim unyana kaJosiya ukumkani wakwaJuda, kwada kwangunyaka weshumi elinanye uZedekiya unyana kaJosiya elawula kwaJuda, bada abantu baseJerusalem bathinjwa ngenyanga yesihlanu.
Ukubizwa kukaJeremiya
4Lavakala kum ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
5“Ndakwazi ndingekakubumbi esizalweni sonyoko;
ndazahlulela wena ungekazalwa,
ndakwalatha ukuba ube ngumshumayeli kwiintlanga.”
6Mna ndiphendule ngelithi: “Awu, Nkosi yam Ndikhoyo, andikwazi ukuthetha; ndisengumntwana.”
7Uthe yena kum uNdikhoyo: “Mus' ukuthi usengumntwana! Yiya kubo bonke abantu endikuthuma kubo, ubaxelele konke endikuyalela kona. 8Uze ungaboyiki, kuba mna ndiza kuba nawe, ndikuhlangule. Kutsho mna Ndikhoyo.”
9Wasolula isandla sakhe uNdikhoyo, wachukumisa umlomo wam, watsho esithi kum: “Ngoku ndiwafaka emlonyeni wakho amazwi am. 10Namhla ndikumisela phezu kweentlanga nezikumkani ukuba uncothule, udilize, utshabalalise, ubhukuqe, wakhe, utyale.”
11Lavakala kum ilizwi likaNdikhoyo lisithi: “Jeremiya, ubona ntoni?” Ndithe ukuphendula: “Ndibona isebe lomthi wom-amangile.”
12Uthe kum uNdikhoyo: “Ubone kakuhle. Nam ngokwam ndithe qwa ukuze ndizalisekise la mazwi am.”
13Libuye lavakala kum ilizwi likaNdikhoyo lisithi: “Ubona ntoni?”
Mna ndiphendule ndathi: “Phaya ngasentla ndibona imbiza ebilayo, ithambekele ngakweli cala.”
14Uthe ke kum uNdikhoyo: “Kuza kugqabhuka intlekele ngasentla, igubungele bonke abemi beli lizwe. 15Kaloku ndiza kubiza zonke izizwe zezikumkani zangasentla.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
“Ziza kufika ngazinye zimise izihlalo zazo emasangweni aseJerusalem, nasezindongeni zayo, nakuzo zonke izixeko zakwaJuda. 16Ndiza kubawisela isigwebo abantu bam ngenxa yenkohlakalo yabo yonke, kuba bandifulathele, baza benzela *thixo bambi iziqhumiso, banqula izinto abazenze ngezandla zabo.
17“Ke wena qinisa umbhinqo, usuke uye kubaxelela konke endikuyalele kona. Uze ungoyiki ngokoyikiswa ngabo, hleze mna ndikwenze ugubhe phambi kwabo. 18Mna ke ndikwenze wanjengesixeko esinqatyisiweyo, waqina okwentsika yentsimbi nodonga lobhedu, ukuze umelane neli lizwe liphela: ookumkani neziphathamandla zakwaJuda, kunye nababingeleli nabantu balo. 19Baza kulwa nawe, kodwa abasayi kuze bakoyise, kuba mna ndiza kuba nawe ndikukhusele.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

Currently Selected:

UJEREMIYA 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy