YouVersion Logo
Search Icon

UESTERE 1

1
Ukwaliwa kukakumkanikazi uVashiti
1Ezi ziziganeko zexesha likakumkani uAsuwerosi, ukumkani owayelawula amaphondo alikhulu elinamashumi amabini anesixhenxe, eqalela eIndiya, athi xhaxhe ngeKushe. 2Ikomkhulu likakumkani uAsuwerosi lowo lalisebhotwe eSusa. 3Ke kaloku kunyaka wakhe wesithathu elawula wenza itheko ewonga izikhulu namaphakathi akhe. Kwelo theko ke zazikho neengqwayi-ngqwayi zomkhosi wamaPeshiya namaMedi, kunye namatshawe nezikhulu zamaphondo.
4Yaba ziintsuku ezininzi ezilikhulu elinamashumi asibhozo esenza umboniso ngaloo ntaphane yobutyebi bombuso wakhe kunye nobukhazikhazi bobungangamsha nobuhandiba bakhe. 5Zithe ke zakuphela ezo ntsuku, ukumkani wenza elinye itheko elathatha isixhenxe seentsuku, lona elenzela kumyezo ongaphakathi apho ebhotwe. Lona ke wayelenzela umntu wonke, kusukela koyena uphantsi kuye koyena mkhulu, bonke ababelapho kwibhotwe laseSusa. 6Lo myezo ke wawuhonjisiwe, uqhelezela, kujinga amalaphu amhlophe naluhlaza. La malaphu ayeqhinwe ngemisonto emhlophe nemfusa, ebotshelelwe kumakhonkco esiliva anxityelelwe kwiintsika ezakhiwe ngelitye elimhlophe lemabhula. Kwakukho nezitulo ezimfuma-mfuma zegolide nesiliva, zikwinkundla eyandlalwe ngamatye abomvu, namhlophe, nabengezelayo, namanye angamabala-bala. 7Kwathungwa iwayini kwiindebe zegolide iyileyo yahlukile kwenye, yabe ke newayini leyo ingeninzi izizantyala-ntyala ngokwezinwe zikakumkani. 8Ngokomyalelo kakumkani ke wonke umntu kwezo ndwendwe wavunyelwa ukuba ayisele ngendlela yakhe, njengoko ukumkani wayeyalele iinjoli zewayini ukuba zithungele umntu ngamnye ngangoko afuna ngako.
9Ke kaloku nokumkanikazi uVashiti wenzela amakhosikazi itheko kwalapho ebhotwe kwakumkani uAsuwerosi.
10Kuthe ke ngosuku lwesixhenxe, xa kanye ukumkani uAsuwerosi wayenomqhele yiwayini, suka wabiza amaphakathi akhe asebhotwe asixhenxe: uMehuman, uBhizeta, uHabhona, uBhigeta, uAbhageta, uZetare, noKakasi. 11Wona wawayalela ukuba ezise ukumkanikazi uVashiti, ammise phambi kwakhe evathile, ethwele iqhiya yobukumkanikazi, khon' ukuze aqhayise ngobo bunzwakazi bakhe ebantwini ndawonye nezikhulu zakhe. Kaloku wayeyinzwakazi ethi ndijonge. 12Kambe ke amaphakathi lawo athe akuwudlulisa loo myalelo kakumkani, suka ukumkanikazi uVashiti wala ukuza. Hayi ke, yeka ukuvutha kukakumkani ngumsindo.
13Njengoko yayilisiko ukuba ukumkani athetha-thethane neengcali kwimicimbi yomthetho nobulungisa, naye ke wadlan' iindlebe namadoda azizilumko awuqondayo umthetho, 14engawona ayintong' esekhosi kakumkani: uKashena, uShetare, uAdemata, uTashishe, uMeresi, uMasena, noMemukan. La madoda asixhenxe ayezizikhulu zamaPeshiya namaMedi, esondele ngendlela eyodwa kukumkani, futhi ekwezona zikhundla ziphambili apho embusweni.
15Ukumkani wabuza wathi: “Ngokomthetho makwenziwe ntoni ngokumkanikazi uVashiti? Kaloku yena akawuthobelanga umyalelo kakumkani uAsuwerosi awuxelelwe ngamaphakathi.”
16Ke uMemukan wamphendula ukumkani lowo zikho nezinye izikhulu, wathi: “Ukumkanikazi uVashiti lo akonanga ukumkani kuphela, koko uzonile zonke izikhulu nabo bonke abantu bamaphondo onke kakumkani uAsuwerosi. 17Ngoko ke esi simo sokumkanikazi siza kwaziwa ngabo bonke abanye abafazi, baze ke nabo bawadele amadoda abo, besithi: ‘Nkqu nokumkani uAsuwerosi ngokwakhe wathi akuyalela ukuba ukumkanikazi uVashiti eziswe phambi kwakhe wasuka wala ukumkanikazi ukuza.’ 18Kunamhlanje-nje bonke abafazi bezikhulu zamaPeshiya namaMedi abevileyo ngesi simo sikakumkanikazi baza kwenza kwangolo hlobo kwizikhulu zikakumkani. Ngenxa yalo mzekelo ukungevisisani nentswela-mbeko soze ziphinde ziphele.
19“Ngoko ke xa kukholekile kukumkani, umhlekazi makenze isihlokomiso ngokwasemthethweni, agunyazise ukuba sibhalwe kwimithetho yamaPeshiya namaMedi engenakuguqulwa. Isihlokomiso eso masimvalele ukumkanikazi uVashiti angaze aphinde athi cakatha kwibhotwe likakumkani uAsuwerosi. Kananjalo ke, ukumkani esi sikhundla sikaVashiti makasinikezele kumntu wumbi olungileyo kunaye. 20Xa sithe sabhengezwa esi sihlokomiso sikakumkani kuwo wonke loo mmandla wakhe ubanzi kangakanana, bonke abafazi baya kutsho bawahlonele amadoda abo, kuqalela koyena uphantsi kuye koyena uphezulu.”
21Ke kaloku ukumkani ndawonye nezikhulu zakhe baneliseka leli cebiso, waza ke ukumkani wenza ngokwecebiso likaMemukan. 22Wathumela iincwadi kuzo zonke iindawo eziphantsi kokumkani, incwadi nganye ibhalwe ngolwimi nendlela yokubhala yephondo ngalinye, esithi yonke indoda mayibe ngumlawuli endlwini yayo, ithethe ngokubona kwayo.

Currently Selected:

UESTERE 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy