YouVersion Logo
Search Icon

UDANIYELI 1

1
Ibali likaDaniyeli nabalingane bakhe
1Kwathi xa ukumkani uJoyakim akunyaka wesithathu elawula kwelakwaJuda, ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli weza eJerusalem, wayingqinga. 2Ke iNkosi yamnikela esandleni sakhe uJoyakim ukumkani wakwaJuda, yathinjwa inxalenye yempahla yendlu kaThixo. Ezi zinto uNebhukadenezare waya nazo ezweni laseShinare, waya kuzifaka endlwini yothixo wakhe kwigumbi elinguvimba wobutyebi.
3Ukumkani uNebhukadenezare wathi kuAshpenazi, intloko yamaphakathi akomkhulu, makakhethe abafana begazi nabomnombo wezikhulu apho kuloo maSirayeli wayewathimbile. 4Wathi makakhethe iinzwana ezingenasiphako, ezikrelekrele ngengqondo, eziqeqeshekileyo, nezinengqiqo – abafana abakufaneleyo ukugosiswa komkhulu. UAshpenazi wayalelwa ukuba abafundise ukusithetha nokusifunda isiKaledi. 5Ngaphezu koko ukumkani wayalela ukuba yonke imihla mabaphakelwe kwimbiza kakumkani, ngokunjalo basele nakwiwayini yakhe. Olu qeqesho ke lwaluza kuthatha iminyaka emithathu, emva koko bagosiswe komkhulu. 6Phakathi kwâbo bakhethiweyo ke kwabakho nabafana bendlu kaJuda: uDaniyeli, uHananiya, uMishayeli, noAzariya. 7Ke kaloku intloko yamaphakathi akomkhulu yabathiya amagama amatsha; uDaniyeli wabizwa ngokuba nguBhelteshazare, uHananiya ngokuba nguShadraki, uMishayeli ngokuba nguMeshaki, uAzariya ngokuba nguAbhednigo.
8Kambe ke yena uDaniyeli wenza isigqibo sokuba angazixabheli ngokutya nangeziselo zalapho ebhotwe. Ngoko ke wacela kwintloko yamaphakathi akomkhulu ukuba avunyelwe ukungazixabheli ngoku kutya. 9Ngenene ke uThixo wayenza intloko yamaphakathi akomkhulu ukuba ivelane noDaniyeli, ibe nenceba kuye, 10yona yathi kuye: “Ndiyayoyika inkosi yam ukumkani othe ngokwakhe wayalela ngento emaniyitye nemaniyisele. Ngoko ke, xa enokunifumana imbonakalo yenu ingekho kumgangatho omnye nabafana abaziintanga zenu, mna angandibulala.”
11Ngoko ke uDaniyeli waya kuthetha negosa elalibekwe phezu koDaniyeli noHananiya noMishayeli noAzariya yintloko yamaphakathi leyo, wathi: 12“Khawusilinge iintsuku zibe lishumi, usityisa kuphela imifino, sisela amanzi, 13emva kwazo ke uthelekise imbonakalo yethu neyoogxa bethu abatya kwimbiza kakumkani, ubone ke ukuba thina bakhonzi bakho masithiweni.”
14Nalo ke lavuma ukulwenza olo vavanyo lweentsuku ezilishumi. 15Zakuphela ezo ntsuku uDaniyeli nabalingane bakhe abathathu bafumaniseka bephilile bondlekile ngaphezu kweentanga zabo ezazisitya kwimbiza kakumkani. 16Ukususela ngoko ke igosa elo labanika imifino endaweni yokutya newayini yasebhotwe.
17Aba bafana bane ke uThixo wabathi jize ngolwazi nobuchule kwizinto ezinjengoluncwadi nobulumko. Ewe, uDaniyeli wamenza wayincutshe ekuqondeni zonke iindidi zemibono namaphupha.
18Ke kaloku yakuphela iminyaka emithathu leyo yayimiswe ngukumkani, intloko yamaphakathi akomkhulu yabathatha bonke abo bafana, yabasa kukumkani uNebhukadenezare. 19Ke ukumkani wathi akuthetha nabo wafumana ukuba akukho namnye okumgangatho omnye noDaniyeli noHananiya noMishayeli noAzariya. Ngoko ke bona bangeniswa emsebenzini wakomkhulu. 20Kwimicimbi ephathelele kwezobulumko nengqiqo aba bafana bane baqaqamba kukumkani, kuba babemanelisa kuwo nawuphi na umbuzo, bebadlula kalishumi bonke abenzi bemilingo noosiyazi ababekhona kwelo zwe. 21UDaniyeli lo ke wahlala apho komkhulu yada yangunyaka wokuqala kakumkani uSirasi.

Currently Selected:

UDANIYELI 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy